1
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Kolose 2:6-7
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Njengokuba ngoko benimamkele u‐Kristu Yesu OYINKOSI, kwa njalo hambani kuye: nendele nisakelwa nokwakelwa kuye, niqiniswa kanjalo elukolweni, kwa njengokuba nibe nifundiswa, nikolisa ukwanda kulo ngombulelo.
Compare
Explore Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Kolose 2:6-7
2
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Kolose 2:8
Lumkani kungabiko mntu oya kutimba nina ngayo ifilosofe nenkohliso engendawo, ngokwesinikelo sabantu, ngokweziqalelo zelizwe, kungengokuka‐Kristu.
Explore Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Kolose 2:8
3
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Kolose 2:13-14
Nani nifile nje eziposweni zenu nasekungalukini kwenyama yenu, wanipilisa kwa kunye naye, enixolele zonke iziposo zenu; esicimile isiba̔lo siteta ngakuti ngemimiselo yaso, esibe sica̔sana nati, waza wasisusa endleleni, esibetele ekuruseni yake
Explore Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Kolose 2:13-14
4
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Kolose 2:9-10
Ngokuba kuye kuhleli bonke ubuzala BOBUTIXO busemzimbeni. Kanjalo nizalisekile kuye; oyintloko yabo bonke ubupati negunya
Explore Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Kolose 2:9-10
5
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Kolose 2:16-17
Makungabiko mntu ngoko onigwebayo ekutyeni, imhlaimbi ekuseleni, imhlaimbi endaweni yomtendeleko, imhlaimbi yenyanga etwasileyo, imhlaimbi yesabata; ezisisitunzi sezinto eziza kuza, kodwa wona umzimba ungoka‐Kristu.
Explore Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Kolose 2:16-17
Home
Bible
Plans
Videos