1
U‐Yisaya 9:6
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Ngokuba sizalelwe umntwana, sinikiwe unyana; ubukosi boba pezu kwegxalaba lake, negama lake lobizwa ngokuba NGUMMANGALISO, UMCEBISI, UTIXO ONGUSOMANDLA, UYISE WONAPAKADE, INKOSI YOXOLO.
Compare
Explore U‐Yisaya 9:6
2
U‐Yisaya 9:2
Abantu ababehamba ebumnyameni, babonile ukukanya okukulu; abo babehleli ezweni letunzi lokufa, ukukanya kukazimlile pezu kwabo.
Explore U‐Yisaya 9:2
3
U‐Yisaya 9:7
Ukwanda kwobukosi bake nokwoxolo lwabo akuyi kuba nakupela, pezu kweterone ka‐Davide, napezu kwobukumkani bake; ukuba buqiniswe, nokuba busekelwe, ngobugwebo nangobulungisa, kwa kaloku nje nakude kube ngunapakade. Ubukwele BUKAYEHOVA wemikosi bokwenza oku.
Explore U‐Yisaya 9:7
4
U‐Yisaya 9:5
Ngokuba zonke izihlangu zabaxo̔bileyo ngazo ekulweni, nengubo eziqengqiweyo egazini, ziya kutshiswa; zoba kukutya kwawo umlilo.
Explore U‐Yisaya 9:5
5
U‐Yisaya 9:1
Kodwa akuyi kumana kusibekelelwa, apo isitukutezi besifudula sikona: njengokuba ebete ngexesha lapambili wangenisa ilizwe lakwa‐Zebulone nelizwe lakwa‐Nefatali ekudelweni, woti ke kamva awenze abe nokubekwa — awendlela yaselwandle, pesheya kwe‐Yoredane, i‐Galili yabaheyideni.
Explore U‐Yisaya 9:1
6
U‐Yisaya 9:3
Usandisile isizwe, esivuyo ubungalwenzanga lukulu: bayavuya ebusweni bako njengokuba kuvuywa ngexesha lokuvuna; njengokuba begcoba abantu ekwabeni kwabo amaxoba.
Explore U‐Yisaya 9:3
7
U‐Yisaya 9:4
Ngokuba iyokwe yomtwalo wabo, nentonga yegxalaba labo, uswazi lwombandezeli wabo, uzapule, njengasemini yama‐Midiyane.
Explore U‐Yisaya 9:4
Home
Bible
Plans
Videos