YouVersion Logo
Search Icon

U‐Yisaya 9

9
1Kodwa akuyi kumana kusibekelelwa, apo isitukutezi besifudula sikona: njengokuba ebete ngexesha lapambili wangenisa ilizwe lakwa‐Zebulone nelizwe lakwa‐Nefatali ekudelweni, woti ke kamva awenze abe nokubekwa — awendlela yaselwandle, pesheya kwe‐Yoredane, i‐Galili yabaheyideni. 2Abantu ababehamba ebumnyameni, babonile ukukanya okukulu; abo babehleli ezweni letunzi lokufa, ukukanya kukazimlile pezu kwabo. 3Usandisile isizwe, esivuyo ubungalwenzanga lukulu: bayavuya ebusweni bako njengokuba kuvuywa ngexesha lokuvuna; njengokuba begcoba abantu ekwabeni kwabo amaxoba. 4Ngokuba iyokwe yomtwalo wabo, nentonga yegxalaba labo, uswazi lwombandezeli wabo, uzapule, njengasemini yama‐Midiyane. 5Ngokuba zonke izihlangu zabaxo̔bileyo ngazo ekulweni, nengubo eziqengqiweyo egazini, ziya kutshiswa; zoba kukutya kwawo umlilo. 6Ngokuba sizalelwe umntwana, sinikiwe unyana; ubukosi boba pezu kwegxalaba lake, negama lake lobizwa ngokuba ngummangaliso, umcebisi, utixo ongusomandla, uyise wonapakade, inkosi yoxolo. 7Ukwanda kwobukosi bake nokwoxolo lwabo akuyi kuba nakupela, pezu kweterone ka‐Davide, napezu kwobukumkani bake; ukuba buqiniswe, nokuba busekelwe, ngobugwebo nangobulungisa, kwa kaloku nje nakude kube ngunapakade. Ubukwele bukayehova wemikosi bokwenza oku.
8INKOSI iku̔pile ilizwi ngako‐Yakobi, lehla ngako‐Sirayeli; 9babeya kulazi bonke abantu abo, kwa o‐Frayime nabemi base‐Samariya, abati nger̔atshi nangobukulu bentliziyo: 10Izitene ziwile, kanti siya kwaka ngamatye aqandulweyo; imikiwane igauliwe, kanti sohlaziya ngesedare. 11Ngokuba uyehova eya kuvusa ababandezeli baka‐Retsine ngakubo, nentshaba zabo wozitelekisa; 12ama‐Siriya ngecala lapambili, nama‐Filistiya ngelasemva; babeya kubadla o‐Sirayeli ngomlomo owakamileyo. Kodwa noko ingqumbo yake ayinqandwa, isandla sake sisolulwa.
13Ngokuba ababantu bengabuyelanga kulowo owababetayo, noyehova wemikosi abamfunanga. 14Ngako uyehova wonqumla ko‐Sirayeli intloko nomsila, isebe nomkanzi, emhleni mnye. 15Omdala nobekwayo, nguye oyintloko; nomprofite ofundisa ubuxoki, nguye ongumsila. 16Ngokuba abakapi bababantu bebalahlekisa; nabo bakatshwayo ngabo bati tshabalala. 17Ngako oko inkosi ayiyi kuvuya pezu kwamadodana abo, nenkedama zabo nabahlolokazi babo ayiyi kuba nanceba ngakubo; ngokuba bonke ngabanye bengabaginwa nabenzi bokungalungileyo, nayo yonke imilomo iteta ubugeza. Kodwa noko ingqumbo yake ayinqandwa, isandla sake sisolulwa.
18Ngokuba inkohlakalo itshisa njengomlilo; imbobo nemitolo yozigqiba; iya kuvutisa indada zehlati, eziya kuqengqekela pezulu ekunyukeni kwomsi. 19Ngokuṙala kukayehova wemikosi ilizwe liyatshiswa, nabantu boba njengokutya kwomlilo; omnye akayi kuba nazibele ngakwomnye. 20Baya kusika ngasekunene, balambe noko; baya kutya ngasekohlo, bangahluti noko; abanye ngabanye baya kuyidla inyama yengalo zabo. 21O‐Manase bodla o‐Frayime, no‐Frayime o‐Manase; bona kunye bomelana no‐Juda. Kodwa noko ingqumbo yake ayinqandwa, isandla sake sisolulwa.

Currently Selected:

U‐Yisaya 9: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

Video for U‐Yisaya 9