1
Ivangeli ka‐Maraki 8:35
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Ngokuba lowo usukuba efuna ukulondoloza ubomi bake, buya kumlahleka; nosukuba elahlekana nobomi bake ngenxa yam nangenxa yevangeli, oyena wobulondoloza.
Compare
Explore Ivangeli ka‐Maraki 8:35
2
Ivangeli ka‐Maraki 8:36
Ngokuba kuya kunceda nto nina umntu, ukuba walizuza ilizwe lonke, waza walahlekelwa ngumpefumlo wake?
Explore Ivangeli ka‐Maraki 8:36
3
Ivangeli ka‐Maraki 8:34
Waza wabiza isihlwele kwa nabadisipile bake, wati kubo: Osukuba efuna ukuza emva kwam, makazikanyeze, apate ikuruse yake, andilandele.
Explore Ivangeli ka‐Maraki 8:34
4
Ivangeli ka‐Maraki 8:37-38
kanjalo uya kunika nto nina umntu ibe lixabiso elilingana nawo umpefumlo wake? Ngokuba lowo usukuba enentloni ngam nangamazwi am kwesisizukulwana esibuṙexeza nesonayo, woti nonyana wesintu abe nentloni ngaye, akuza ebungcwaliseni BOYISE kunye nengelosi ezingcwele.
Explore Ivangeli ka‐Maraki 8:37-38
5
Ivangeli ka‐Maraki 8:29
Waza yena wati kubo: Kodwa ngubanina eniti nina ndinguye? Wapendula u‐Petrosi wati kuye: Wena unguye u‐Kristu.
Explore Ivangeli ka‐Maraki 8:29
Home
Bible
Plans
Videos