1
Imizekeliso 3:5-6
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Tembela KUTIXO ngayo yonke intliziyo yako, ungayami kokwako ukuqonda. Umvume yena kuzo zonke indlela zako, waeya kulungisa izihambo zako.
Compare
Explore Imizekeliso 3:5-6
2
Imizekeliso 3:7
Ungabi ulumkile kwawako amehlo; yoyika UYEHOVA, upambuke enkohlakalweni.
Explore Imizekeliso 3:7
3
Imizekeliso 3:9-10
Beka UYEHOVA ngemfuyo yako, nangolibo lwenzuzo yako yonke; zize inyango zako zizaliswe buninzi, nezincinezelo zako zipupume yiveyine entsha.
Explore Imizekeliso 3:9-10
4
Imizekeliso 3:3
Ububele nenyaniso mazingahlukani nawe; zinxibe entanyeni yako; ziba̔le ecwecweni lentliziyo yako
Explore Imizekeliso 3:3
5
Imizekeliso 3:11-12
Nyana wam! ukululeka KUKAYEHOVA ungakudeli; nokwohlwaya kwake ungakutiyi: ngokuba lowo amtandayo, UYEHOVA emohlwaya; kwa njengokuba uyise emohlwaya unyana amkolelayo.
Explore Imizekeliso 3:11-12
6
Imizekeliso 3:1-2
NYANA wam! umteto wam ungawulibali; intliziyo yako mayibambe imiyalelo yam: ngokuba iya kukwongezela ubude bemihla, neminyaka yobomi, noxolo.
Explore Imizekeliso 3:1-2
7
Imizekeliso 3:13-15
HAI itamsanqa lomntu ofumanayo ubulumko, nelomntu ozuzayo ingqondo! Ngokuba intengo yabo ilungile pezu kwentengo yesilivere, nenzuzo yabo pezu kwegolide. Bunqabile bona pezu kwerubi; kanjako zonke izinto zako ezinqwenelekayo azingelingane nabo.
Explore Imizekeliso 3:13-15
8
Imizekeliso 3:27
UNGABAMBI okulungileyo kwabo kulunge kubo, kwakuba kusemandleni esandla sako ukukwenza.
Explore Imizekeliso 3:27
9
Imizekeliso 3:19
UYEHOVA umisile umhlaba ngobulumko; uqinisile amazulu ngengqondo.
Explore Imizekeliso 3:19
Home
Bible
Plans
Videos