1
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:13
Contemporary Xhosa Bible 2024
ninyamezelana, nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani.
Compare
Explore KwabaseKolose KwabaseKolose 3:13
2
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:2
Nyamekelani izinto zaphezulu, ingabi kwizinto zasemhlabeni.
Explore KwabaseKolose KwabaseKolose 3:2
3
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:23
Nako konke enisukuba nikwenza, kusebenzeni ngokwasemphefumlweni, kunge kukwiNkosi, akukhona kubantu
Explore KwabaseKolose KwabaseKolose 3:23
4
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:12
Yambathani ngoko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele, abathandiweyo, iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo
Explore KwabaseKolose KwabaseKolose 3:12
5
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:16-17
Ilizwi likaKristu malihlale ngaphakathi kwenu ngokobutyebi; nifundisana, nilulekana ngeendumiso neengoma nezango ezizezomoya, nivume kamnandi entliziyweni yenu kuyo iNkosi. Nako konke enisukuba nikwenza ngelizwi, nokuba kungomsebenzi, yenzani izinto zonke egameni leNkosi uYesu, nibulela ngayo kuye uThixo uYise.
Explore KwabaseKolose KwabaseKolose 3:16-17
6
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:14
Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalekani uthando, oluyintambo yogqibelelo.
Explore KwabaseKolose KwabaseKolose 3:14
7
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:1
Ukuba ngoko navuswa kunye noKristu, funani izinto zaphezulu, apho akhona uKristu, ehleli ngasekunene kukaThixo.
Explore KwabaseKolose KwabaseKolose 3:1
8
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:15
Uxolo lukaThixo, enabizelwa kwakulo mzimbeni mnye, malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela.
Explore KwabaseKolose KwabaseKolose 3:15
9
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:5
Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni; uhenyuzo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko
Explore KwabaseKolose KwabaseKolose 3:5
10
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:3
Kaloku nafa, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKrestu kuye uThixo.
Explore KwabaseKolose KwabaseKolose 3:3
11
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:8
Kodwa ke ngoku nani zilahleni zonke ezi zinto; ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu.
Explore KwabaseKolose KwabaseKolose 3:8
12
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:9-10
Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe; nambatha lowo umtsha, uhlaziyelwa ekwazini okuhle, ngokomfanekiselo walowo wamdalayo
Explore KwabaseKolose KwabaseKolose 3:9-10
13
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:19
Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi krakra ngakubo.
Explore KwabaseKolose KwabaseKolose 3:19
14
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:20
Nina bantwana, balulameleni abazali benu ezintweni zonke; kuba oko kukholekile kuyo iNkosi.
Explore KwabaseKolose KwabaseKolose 3:20
15
KwabaseKolose KwabaseKolose 3:18
Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, njengoko kufanele eNkosini.
Explore KwabaseKolose KwabaseKolose 3:18
Home
Bible
Plans
Videos