1
KumaHebhere KumaHebhere 9:28
Contemporary Xhosa Bible 2024
ngokunjalo uKristu, esondezwe kwaba kanye, ukuba asithwale asisuse isono sabaninzi; uya kuthi okwesibini, ngaphandle kwesono, abonakale kwabo bamlindileyo, ezisa usindiso.
Compare
Explore KumaHebhere KumaHebhere 9:28
2
KumaHebhere KumaHebhere 9:14
Lobeka phi na ukugqithisela lona igazi likaKristu, owazisondeza ngoMoya ongunaphakade, engenasiphako, kuye uThixo, ukusihlambulula isazela senu emisebenzini efileyo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo?
Explore KumaHebhere KumaHebhere 9:14
3
KumaHebhere KumaHebhere 9:27
Kwanjengokuba ke abantu bamiselwe ukuba bafe kube kanye, ize ke emveni koko ibe ngumgwebo
Explore KumaHebhere KumaHebhere 9:27
4
KumaHebhere KumaHebhere 9:22
Kananjalo ngokomthetho ndingade ndithi, zonke izinto ziphantse ukuba zihlanjululwe ngegazi; ngaphandle kokuphalala kwegazi akukho kuxolelwa.
Explore KumaHebhere KumaHebhere 9:22
5
KumaHebhere KumaHebhere 9:15
Ngoko ke ungumlamleli womnqophiso omtsha, ukuze bathi abo babiziweyo (kwakubon’, ukuba kubekho ukufa okuhlawulela izigqitho, ezibe ziphantsi kwawo umnqophiso wokuqala), balamkele idinga lelifa elingunaphakade.
Explore KumaHebhere KumaHebhere 9:15
Home
Bible
Plans
Videos