1
uMateyu uMateyu 1:21
Contemporary Xhosa Bible 2024
Uya kuzala unyana ke, umbize ngegama elinguYesu; kuba yena eya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.
Compare
Explore uMateyu uMateyu 1:21
2
uMateyu uMateyu 1:23
Uyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, Bambize ngegama elinguEmanuweli, oko kukuthi ngentetho evakalayo, uThixo unathi.
Explore uMateyu uMateyu 1:23
3
uMateyu uMateyu 1:20
Akubon’ ukuba uyazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi, Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabathela kuwe uMariya, umfazi wakho; kuba oko kukhawulweyo phakathi kwakhe kungoMoya, uMoya oyiNgcwele.
Explore uMateyu uMateyu 1:20
4
uMateyu uMateyu 1:18-19
Ke kaloku ukuzalwa kukaYesu Kristu kwaye kungolu hlobo: Kwathi, akubon’ ukuba unina uMariya useseleganelwe uYosefu, bengekahlangani, wafunyanwa emithi ngoMoya oyiNgcwele. Ke kaloku uYosefu indoda yakhe, eyindoda elilungisa, engathandi ukumvezisa, wanga amala ngasese.
Explore uMateyu uMateyu 1:18-19
Home
Bible
Plans
Videos