1
uMateyu uMateyu 18:20
Contemporary Xhosa Bible 2024
Kuba apho bahlanganisene khona egameni lam, nokuba babini nokuba bathathu, ndikho mna apho phakathi kwabo.
Compare
Explore uMateyu uMateyu 18:20
2
uMateyu uMateyu 18:19
Kanjalo ndithi kuni, Ukuba ababini kuni bathe bavumelana emhlabeni apha ngeendawo zonke abangazicelayo, bozenzelwa nguBawo osemazulwini.
Explore uMateyu uMateyu 18:19
3
uMateyu uMateyu 18:2-3
Waza uYesu wabizela kuye umntwana, wammisa phakathi kwabo. Wathi, Inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu.
Explore uMateyu uMateyu 18:2-3
4
uMateyu uMateyu 18:4
Osukuba ngoko ethe wazithoba njengalo mntwana nguye omkhulu kunabanye ebukumkanini bamazulu.
Explore uMateyu uMateyu 18:4
5
uMateyu uMateyu 18:5
Kanti othe wamkela umntwana onje, noko amnye, egameni lam, wamkela mna
Explore uMateyu uMateyu 18:5
6
uMateyu uMateyu 18:18
Inene, ndithi kuni, Konke enithe nakubopha emhlabeni, kobotshwa emazulwini
Explore uMateyu uMateyu 18:18
7
uMateyu uMateyu 18:35
Wothi noBawo wasemazulwini enjenjalo kuni, ukuba anithanga nonke ngabanye nabaxolela abazalwana benu iziphoso zabo ngeentliziyo zenu.
Explore uMateyu uMateyu 18:35
8
uMateyu uMateyu 18:6
Ke othe wakhubekisa noko amnye waba bancinane bakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, antywiliselwe enzulwini yolwandle.
Explore uMateyu uMateyu 18:6
9
uMateyu uMateyu 18:12
Nithini na? Ukuba umntu unekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, akazishiyi na ezingamashumi asithoba anesithoba, aye ezintabeni, aye kufuna leyo ilahlekileyo?
Explore uMateyu uMateyu 18:12
Home
Bible
Plans
Videos