1
uMateyu uMateyu 19:26
Contemporary Xhosa Bible 2024
Ondele ke uYesu, wathi kubo, Kubantu le nto ayinakwenzeka; ke kuye uThixo zonke izinto zinako ukwenzeka.
Compare
Explore uMateyu uMateyu 19:26
2
uMateyu uMateyu 19:6
Ngako oko abasebabini, banyama-nye. Oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.
Explore uMateyu uMateyu 19:6
3
uMateyu uMateyu 19:4-5
Waphendula ke wathi kubo, Aniyilesanga na, ukuba lowo wabadalayo kwasekuqalekeni wabadala bayindoda nenkazana? Wathi, Ngenxa yoko umntu womshiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe, baze abo babini babe nyama-nye?
Explore uMateyu uMateyu 19:4-5
4
uMateyu uMateyu 19:14
Wathi ke uYesu, Bayekeni abantwana, ningabaleli ukuza kum; kuba ubukumkani bamazulu bobabo banjalo.
Explore uMateyu uMateyu 19:14
5
uMateyu uMateyu 19:30
Ke baninzi abokuqala abaya kuba ngabokugqibela; baze abokugqibela babe ngabokuqala.
Explore uMateyu uMateyu 19:30
6
uMateyu uMateyu 19:29
Umntu wonke oshiye izindlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yegama lam, uya kwamkela kalikhulu, abudle ilifa ubomi obungunaphakade.
Explore uMateyu uMateyu 19:29
7
uMateyu uMateyu 19:21
Wathi uYesu kuyo, Ukuba unga ungafezeka, hamba uye kuthengisa ngeempahla zakho, uphe amahlwempu, woba nobutyebi emazulwini; uze ke undilandele.
Explore uMateyu uMateyu 19:21
8
uMateyu uMateyu 19:17
Uthe ke yena kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo. Ukuba ke uthe wangena ebomini, yigcine imithetho.
Explore uMateyu uMateyu 19:17
9
uMateyu uMateyu 19:24
Kananjalo ke ndithi kuni, Kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.
Explore uMateyu uMateyu 19:24
10
uMateyu uMateyu 19:9
Ndithi ke kuni, Othe wamala umfazi wakhe, kungengaluhenyuzo, wazeka omnye, uyakrexeza
Explore uMateyu uMateyu 19:9
11
uMateyu uMateyu 19:23
Waza wathi uYesu kubafundi bakhe, Inene, ndithi kuni, Koba ngenkankulu ukuba isityebi singene ebukumkanini bamazulu.
Explore uMateyu uMateyu 19:23
Home
Bible
Plans
Videos