KWABASEKORINTE I 2
2
Intanda-bulumko nesityhilelo
1Mna ke, ndakuba ndizile kuni, bazalwana, andizanga ngabugcisa bakuthetha nabulumko, ndínazisa ubungqina bukaThixo. 2Kuba ndagqiba kwelokuba ndingàzi nto phakathi kwenu, ingenguYesu Kristu, nàye ke ebethelelwe emnqamlezweni. 3Mna kuni ndafika ndaba ngothambileyo, onokoyika, onokugubha okukhulu. 4Nokuthetha kwam, nokuvakalisa kwam uKristu kube kungengamazwi oyisa ngabulumko babantu; bekungokuqondakalisa koMoya nokwamandla, 5ukuze ukholo lwenu lungabi sebulumkweni babantu, lube semandleni kaThixo.
6Ke sithetha ubulumko phakathi kwabagqibeleleyo, ubulumko ke obungebubo obeli phakade, nobabaphathi beli phakade ababhangayo. 7Sithetha ubulumko bukaThixo obusemfihlekweni, obo ke bufihlakeleyo, awathi uThixo ngenxa engaphambili, kwangaphambi kwawo amaphakade, wabumisela uzuko lwethu; 8ekungabangakho namnye wabaphathi beli phakade ubaziyo (kuba, ukuba babebazi, ngebangayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi yozuko), 9njengoko ke kubhaliweyo, kwathiwa,
Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,
Nezingathanga qatha entliziyweni yomntu,
Zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo.
(UIsaya 64:4)
10UThixo wazityhila kuthi ke ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, neenzulu zikaThixo. 11Kuba nguwuphi na kubantu ozaziyo izinto zomntu, ingenguwo umoya womntu okuye? Ngokunjalo nezinto zikaThixo akukho namnye uzaziyo, ingenguye uMoya kaThixo. 12Ke thina asamkelanga moya wehlabathi; samkéle uMoya ophuma kuye uThixo, ukuze sizazi izinto esazibabalwa nguThixo; 13esizithethayo nokuzithetha, kungengamazwi anokufundiswa bubulumko babantu, kungawo anokufundiswa nguMoya oyiNgcwele: izinto ezizezomoya sizilungelelanisa namazwi la angawomoya.
14Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo; kuba zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi, ngokuba ziphicothwa ngokoMoya. 15Ke ongowoMoya okunene uphicotha zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akaphicothwa mntu. 16Kuba ngubani na oyaziyo ingqiqo yeNkosi, oya kuthi ayifundise? Thina ke sinengqiqo kaKristu.
Currently Selected:
KWABASEKORINTE I 2: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.