USAMUWELI I 11
11
USawule ukhulula iYabheshe yaseGiliyadi kuma-Amon
1Ke kaloku wenyuka uNahashe, umAmon, wayingqinga iYabheshe yaseGiliyadi. Athi onke amadoda aseYabheshe kuNahashe, Simisele umnqophiso, sikukhonze. 2Wathi kuwo uNahashe umAmon, Ndiya kunimisela umnqophiso wokuthi, ndinikrukre nonke iliso lasekunene, ndikubeke oko phezu kwamaSirayeli onke, kube sisingcikivo. 3Athi kuye amadoda amakhulu aseYabheshe, Siyeke iintsuku ezisixhenxe, sithume abathunywa emideni yonke yakwaSirayeli; sithi, ukuba akubangakho usisindisayo, siphume size kuwe.
4Bafika abathunywa eGibheha yakwaSawule, bawathetha loo mazwi ezindlebeni zabantu; baliphakamisa bonke abantu izwi labo, balila. 5Nanko uSawule, ehamba emva kweenkomo, evela ezindle; wathi uSawule, Banantoni na abantu, belila nje? Bamxelela ke amazwi amadoda aseYabheshe. 6UMoya kaYehova wamfikela ngamandla uSawule ekuwaveni kwakhe la mazwi, wavutha umsindo wakhe kunene. 7Wathabatha iinkomo zambini, wazityatya, wathumela emideni yonke yakwaSirayeli ngesandla sabathunywa, esithi, Ongathanga aphume alandele uSawule, alandele uSamuweli, ziya kwenjiwa nje iinkomo zakhe. Abantu bafikelwa kukunkwantya nguYehova, baphuma njengandoda-nye.
8Wababala eBhezeki; oonyana bakaSirayeli bangamawaka angamakhulu amathathu, namadoda akwaYuda angamawaka angamashumi amathathu. 9Bathi kubathunywa abafikileyo, Yitshoni kumadoda aseYabheshe yaseGiliyadi ukuthi, Ngomso ukufudumala kwelanga, niya kukhululwa. Bemka abathunywa, bawaxelela amadoda aseYabheshe; avuya ke. 10Athi amadoda aseYabheshe, Ngomso siya kuphuma size kuni; nenze kuthi ngako konke okulungileyo emehlweni enu. 11Kwathi ngengomso uSawule wabamisa abantu bazizihlwele ezithathu, bafika phakathi kwempi ngomlindo wokusa, bawabulala ama-Amon yada yafudumala imini. Kwathi aseleyo aphangalaliswa; akwasala kuwo nokuba abe mabini ndaweni-nye.
12Bathi abantu kuSamuweli, Ngoobani na abo babesithi, USawule uya kuba ngukumkani kuthi na? Waziseni loo madoda, siwabulale. 13Wathi uSawule, Makungabulawa mntu namhla; ngokuba namhla uYehova wenze usindiso kwaSirayeli.
14Wathi uSamuweli ebantwini, Hambani, siye eGiligali, sibusungule khona ubukumkani. 15Baya ke bonke abantu eGiligali; bamenza ukumkani uSawule phambi koYehova eGiligali apho; wabingelela apho imibingelelo yoxolo phambi koYehova. Bavuya kunene apho ooSawule namadoda onke akwaSirayeli.
Currently Selected:
USAMUWELI I 11: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.