USAMUWELI I 2
2
Ingoma kaHana yombulelo
1Wathandaza uHana, wathi,
Intliziyo yam idlamkile ngoYehova,
Uphondo lwam luphakanyisiwe nguYehova.
Uvulekile umlomo wam kakhulu ngazo iintshaba zam;
Ngokuba ndivuyele usindiso lwakho.
2Akukho uyingcwele njengo Yehova;
Ngokuba akukho namnye ngaphandle kwakho;
Akukho liwa linjengoThixo wethu.
3Musani ukukwandisa ukuthetha izinto eziphakamileyo, izinto eziphakamileyo,
Kungaphumi ntetho yakuhlakanipha emlonyeni wenu;
Ngokuba uYehova nguThixo owazi konke,
Yena nguMlinganisi wezenzo eziyincamisa.
4Izaphetha zamagorha zaphukile,
Abakhubeki babhinqiswe amandla.
5Abahluthiyo baziqeshisela isonka,
Abalambileyo baza kuphela ukulamba,
Ade nongazaliyo azale isixhenxe,
Onabantwana abaninzi antshwenye.
6UYehova uyabulala, adlise ubomi;
Uhlisela kwelabafileyo, abuye anyuse.
7UYehova uyahlwempuza, atyebise;
Uthoba, abuye aphakamise.
8Uvusa eluthulini abasweleyo,
Aphakamise amahlwempu ezaleni,
Ukuba awahlalise namanene;
Uwabela ilifa elisihlalo sozuko;
Ngokuba zezika Yehova iintsika zehlabathi,
Walimisa phezu kwazo elimiweyo.
9Iinyawo zabàkhe benceba uya kuzigcina,
Abangendawo badake ebumnyameni;
Ngokuba indoda ayeyisi ngamandla.
10UYehova yena — baya kuqhiphuka umbilini ababambana naye.
Uya kududumisa phezu kwabo emazulwini;
UYehova uya kuzigweba iziphelo zehlabathi,
Amnike ukumkani wakhe amandla,
Aluphakamise uphondo lomthanjiswa wakhe.
11Wesuka uElikana, waya endlwini yakhe; ke umntwana ebelungiselela kuYehova phambi kukaEli umbingeleli.
Ubutshijolo boonyana bakaEli
12Ke kaloku oonyana bakaEli babengamatshijolo, bengamazi uYehova. 13Kwanesilùnga sababingeleli esiphuma ebantwini, akubon' ukuba umntu ubingelela umbingelelo, kwaza kweza umfana wakwambingeleli, xa iphekiweyo inyama, enefolokhwe emazinyo mathathu esandleni sakhe, 14wahlaba nokuba kuselukhambeni, nokuba kuseketileni, nokuba kukungxawu, nokuba kusembizeni: ibisithi yonke into ephume nefolokhwe azithabathele umbingeleli kwangayo. Benjenjalo kumaSirayeli onke abesiza eShilo apho.
15Kananjalo kungekaqhunyiselwa ngamanqatha, ubesithi umfana wakwambingeleli, eze kumntu obingelelayo, athi, Ethe inyama, yoselwe umbingeleli; kuba akayi kwamkela nyama iphekiweyo kuwe, mayibe yekrwada. 16Athi umntu lowo akuthi kuye, Kuya kuqhunyiselwa inene ngamanqatha kwangoku, wandule ke uzithabathele, njengoko umphefumlo wakho unqwenela ngako: athi yena, Hayi, ndinike ngoku; ukuba akundiniki, ndoyithabatha ngamandla. 17Saba sikhulu kunene isono samadodana phambi koYehova; ngokuba abantu bawudela umnikelo kaYehova.
18Waye uSamuweli elungiselela phambi koYehova, eyinkwenkwe ebhinqe iefodi• yelinen emhlophe. 19Unina ubemenzela ingubo yokwaleka, anyuke nayo, ayise kuye iminyaka ngeminyaka ekunyukeni kwakhe nendoda yakhe, ukuza kubingelela umbingelelo womnyaka. 20UEli wamsikelela uElikana nomkakhe, wathi, UYehova makakunike imbewu ngalo mfazi esikhundleni soceliweyo, owacelwa kuYehova. Bahamba bagoduka. 21UYehova wamvelela uHana; wamitha, wazala oonyana abathathu, neentombi ezimbini. Yakhula inkwenkwe enguSamuweli ikuYehova.
22Ke kaloku uEli ubeselemdala kakhulu; wayiva yonke into ababeyenza oonyana bakhe kumaSirayeli onke, kwanokuba babelala nabafazi ababekhonza emnyango wentente yokuhlangana. 23Wathi kubo, Yini na ukuba nenze izinto ezinjengezi? Kuba izenzo zenu ezibi ndiziva ngaba bantu bonke. 24Hayi, nyana bam; ngokuba asiludaba luhle olu ndiluvayo mna; nibanga ukuba abantu bakaYehova bagqithise. 25Ukuba umntu uthe wona umntu, uThixo uyamlamlela; ke ukuba umntu uthe wona kuYehova, ngubani na oya kumlamlela? Àbaliphulaphula izwi likayise; kuba uYehova ubefuna ukubabulala.
26Ke inkwenkwe, uSamuweli, yaya ikhula ngokukhula, ithandeka kuYehova nakubantu.
27Kweza umntu kaThixo kuEli, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Kanene ndazityhila na kwindlu kayihlo, beseYiputa endlwini kaFaro? 28Ndamnyula na ezizweni zonke zakwaSirayeli, ukuba abe ngumbingeleli kum, anyuke esibingelelweni sam, aqhumisele ngeziqhumiso, anxibe iefodi phambi kwam? Ndayinika yonke indlu kayihlo konke ukudla kwasemlilweni koonyana bakaSirayeli? 29Yini na ke ukuba niwunyathelele phantsi umbingelelo wam nomnikelo wam wokudla, endiwise umthetho ngawo ekhayeni lam, usuke ubazukise oonyana bakho ngaphezu kwam, ukuze nizityebise ngelona nqatha leminikelo yonke yamaSirayeli, abantu bam?
30Ngoko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndatsho okunene ukuthi, Indlu yakho nendlu kayihlo yohamba phambi kwam kude kuse ephakadeni; kungoku utsho uYehova ukuthi, Oko makube lee kum; ngokuba ondizukisayo ndiya kumzukisa, abandidelayo bacukucezwe. 31Yabona, imihla iyeza, endiya kuyinqumla ingalo yakho, nengalo yendlu kayihlo, kungabikho ngwevu endlwini kayihlo; 32ukubone ukubandezelwa kwekhaya lam ezintweni zonke uThixo aya kuwenzela okulungileyo ngazo amaSirayeli; kungabikho ngwevu endlwini yakho imihla yonke.
33Ke andiyi kunqumla mntu wonke wakwakho esibingelelweni sam, ukuze amehlo akho aphele, nomphefumlo wakho uthè; kufè kungamadoda konke ukwanda kwendlu yakho. 34Nguwo lo umqondiso kuwe, oya kubafikela oonyana bakho bobabini, uHofeni noPinehasi: baya kufa bobabini ngamhla mnye. 35Ndiya kuzivelisela umbingeleli othembekileyo, oya kwenza njengoko kusentliziyweni yam, nasemphefumlweni wam; ndimakhele indlu eqinileyo, ahambe phambi komthanjiswa wam yonke imihla. 36Kothi, lowo useleyo endlwini yakho, eze azigobe kuye ngenxa yeqhosha lesilivere nesuntswana lesonka, athi, Khawundifake komnye umsebenzi wobubingeleli, ukuze ndidle iqhekeza lesonka.
Currently Selected:
USAMUWELI I 2: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.