YouVersion Logo
Search Icon

IZENZO 23

23
Iyelenqe lamaYuda lokuchasa uPawulos
1Waqwalasela ke uPawulos entlanganisweni yamatyala, wathi, Madoda, bazalwana, mna ndahlala ngokwalowo ungowakwaThixo, ndinesazela esilungileyo, kwada kwayile mini. 2Ke kaloku umbingeleli omkhulu, uHananiya, wathi kwabo babemi ngakuye, mabambethe emlonyeni. 3Waza wathi uPawulos kuye, Úza kukubetha uThixo, ludongandini luqatyiweyo. Wena uthi uhlalele ukuba uthethe ityala lam ngokomthetho, ubuye waphule umthetho, uthi mandibethwe? 4Bona ke ababemi khona bathi, Ùyamthuka na umbingeleli omkhulu kaThixo? 5Wathi uPawulos, Bendingazi, bazalwana, ukuba ungumbingeleli omkhulu; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uze ungathethi kakubi ngomphathi wabantu bakowenu.
6Ke kaloku uPawulos, esazi ukuba elinye icala lelabaSadusi, elinye ke lelabaFarisi, wadanduluka entlanganisweni yamatyala esithi, Madoda, bazalwana, mna ndingumFarisi, ndingowomFarisi; ndimangalelwe mna ngalo ithemba nangovuko lwabafileyo.
7Uthe ke akukuthetha oko, kwabakho impambano phakathi kwabaFarisi nabaSadusi, yahlulelana inkitha leyo; 8kuba okunene abaSadusi babesithi, akukho luvuko, nasithunywa sazulu, namoya; kodwa abaFarisi bazivuma zombini ezo ndawo. 9Kwabakho ke unkqangazo olukhulu; besuka ababhali becala labaFarisi balwa kakhulu, besithi, Asifumani nanye into embi kulo mntu; ke ukuba kuthethe umoya kuye, nokuba sisithunywa sezulu, masingalwi noThixo thina.
10Kuthe ke, yakuba nkulu impambano, wathi umthetheli-waka, esoyikela ukuba uPawulos angáqwengwa ngabo, wathi mawuhle umkhosi, umxwile phakathi kwabo, umzise enqabeni yawo.
11Ke kaloku ngobo busuku iNkosi yema ngakuye, yathi, Yomelela, Pawulos; kuba njengokuba waqononondisa izinto ngam eYerusalem, kwangokunjalo umelwe kukuthi ungqine naseRoma.
12Ke kaloku kwakusa, abathile kumaYuda bathuthelana bazibopha ngesiqalekiso, besithi abayi kudla, abayi kusela nokusela, bade bambulale uPawulos. 13Baye ke bengaphezu kwamashumi omané ababefungele ukuyenza loo nto; 14abathi bona beza kubabingeleli abakhulu nakumadoda amakhulu, bathi, Sizibophile ngesiqalekiso esikhulu, ukuba singafaki nto emlonyeni, side simbulale uPawulos; 15ke ngoku nina bhekisani kumthetheli-waka kunye nentlanganiso yamatyala, ukuba amhlise, eze naye kuni ngomso, ngokungathi niza kuziqiqa ngokukhona kucokisekileyo iindawo ezithethwa ngaye; sibe ke thina, engekasondeli, sesilungiselele ukumbulala.
16Ke kaloku, akukuva unyana wodade boPawulos ukumlalela kwabo, wafika wangena enqabeni yomkhosi, wambikela uPawulos.
17UPawulos ubizele ke kuye omnye wakubathetheli-khulu, wathi, Yisa le ndodana kumthetheli-waka; kuba inento eza kuyibika kuye. 18Uyithabathile ke yena, wayizisa kumthetheli-waka, wathi, UPawulos, umbanjwa undibizele kuye, wacela ukuba ndizise le ndodana kuwe; inento eza kuyithetha kuwe. 19Wayibamba ke ngesandla umthetheli-waka, waya nayo ngasese, wayibuza wathi, Ùnantoni na oza kuyibika kum? 20Yathi ke, AmaYuda avumelene ukukucela ukuba umhlise uPawulos, umse ngomso entlanganisweni yamatyala, ngokungathi aza kubuza ngokukhona kucokisekileyo into ngaye. 21Ke wena uze ungoyisakali ngawo; kuba kuwo apho úlalelwe ngamadoda angaphezu kwamashumi amané, azibophileyo ngeziqalekiso, ukuba angadli angaseli ade ambulale; nangoku aselelungile, elinde idinga elivela kuwe.
UPawulos uthunyelwa eKesareya
22Umthetheli-waka wayindulula ke indodana leyo, akuba eyithethele ngelithi, mayingaxeleli bani, ukuba izibonakalalisile kuye ezo ndawo. 23Ebizele kuye abathetheli-khulu abathile ababini, wathi, Lungisani amasoldati abe makhulu mabini, ukuba aye eKesareya, nabamahashe babe mashumi asixhenxe, nababinzi babe makhulu mabini, ngelesithathu ilixa lobusuku; 24nilungise namaqegu, ukuze bamkhwelise uPawulos, bamse kuFelikis irhuluneli, asinde.
25Wabhala incwadi ethi:
26UKlawudiyo Lisiya uyabulisa kuFelikis, irhuluneli edume kunene. 27Le ndoda yayibanjwe ngamaYuda, iza kubulawa ngawo; koko ndathi gaxa kuwo ndinomkhosi, ndayihlangula, ndakùqonda ukuba ingumRoma. 28Ndakuba ke ndingalazi ityala abeyimangalela ngalo, ndayihlisa, ndayisa entlanganisweni yawo yamatyala; 29ndayifumana imangalelwe ngeembuzwano zomthetho wawo, kodwa ingenalo nalinye ityala elilingene ukufa, nokufakwa iintambo. 30Ke kaloku, kwakubon' ukuba ndilihletyelwe iyelenqe ebeliza kwenziwa ngayo le ndoda ngamaYuda, ndithumele kuwe kwangelo lixa, ndathi nakubamangaleli bayo, mabazithethe kuwe iindawo abanazo ngakuyo. Hlala kakuhle.
31Amasoldati ke amthabatha uPawulos, njengoko amiselwe ngako, amsa kwa-Antipatri ebusuku. 32Kuthe ke ngengomso abashiya abamahashe, ukuba bahambe naye, wona abuyela enqabeni yomkhosi; 33bathi bona, bakufika eKesareya, bayinikela incwadi kwirhuluneli, bammisa noPawulos phambi kwayo. 34Iyilesile ke irhuluneli, yabuza nokuba ungowabuphi na uburhulumente; ithe yakuqonda ukuba ungowelaseKiliki, yathi, 35Ndokuva kakuhle, xa bathe bafika nabamangaleli bakho; yatsho yathi, makagcinwe endlwini yerhuluneli ebiyekaHerode.

Currently Selected:

IZENZO 23: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

Video for IZENZO 23