IEKSODUS 14
14
Ukuwela uLwandle oluBomvu
1Wathetha uYehova kuMoses, wathi, 2Thetha koonyana bakaSirayeli ukuba bajike, bamise iintente phambi kwePi-hahiroti, phakathi kweMigdoli nolwandle, phambi kweBhahali-tsefon, malunga nayo, nimise ngaselwandle. 3Úya kuthi uFaro ngoonyana bakaSirayeli, Badidekile ezweni, intlango ibavingcele. 4Ndoyenza lukhuni intliziyo kaFaro, abasukele, ndizukiseke ngoFaro nangempi yakhe yonke, azi amaYiputa ukuba ndinguYehova. Benjenjalo ke.
5Waxelelwa ukumkani waseYiputa, ukuba abantu babalekile; yaba yeyimbi intliziyo kaFaro neyabakhonzi bakhe kubantu, bathi, Siyenzéle ntoni na le nto, yokusuka simndulule uSirayeli ekusikhonzeni? 6Wayibopha inqwelo yakhe yokulwa, wabathabatha abantu bakhe, bahamba naye. 7Wathabatha amakhulu omathandathu eenqwelo zokulwa ezikhethiweyo, neenqwelo zonke zokulwa zaseYiputa, nabaphathi-mikhosi phezu kwazo zonke ziphela. 8UYehova wayenza lukhuni ke intliziyo kaFaro ukumkani waseYiputa, wabasukela oonyana bakaSirayeli, baye oonyana bakaSirayeli bephume ngesandla esiphakamileyo. 9AmaYiputa abasukela, enamahashe onke eenqwelo zokulwa kaFaro, nakhwelwayo akhe, nempi yakhe, afika kubo bemise iintente ngaselwandle, ngasePi-hahiroti phambi kweBhahali-tsefon.
10Wasondela uFaro. Bawaphakamisa amehlo abo oonyana bakaSirayeli, nango amaYiputa efake emva kwabo. Boyika kunene, bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova. 11Bathi kuMoses, kungokuba bekungekho mangcwaba na eYiputa, le nto usithabathileyo ukuba sifele entlango apha? Yini na ukuba usenze into enje, usikhuphe eYiputa? 12Asililo na eli ilizwi ebesilithetha kuwe eYiputa, sisithi, Siyeke, siwakhonze amaYiputa? Kuba kube kusilungele kanye ukuba sikhonze amaYiputa, kunokuba sifele entlango apha.
13Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; misani, nilubone usindiso lukaYehova aya kunenzela lona namhla; kuba amaYiputa lawo niwabonileyo namhlanje, anisayi kuphinda niwabone naphakade. 14UYehova uya kunilwela, ke nina niya kuthi cwaka.
15Wathi uYehova kuMoses, Yini na ukuba ukhale kum? Thetha koonyana bakaSirayeli, banduluke. 16Ke wena, phakamisa intonga yakho, wolule isandla sakho phezu kolwandle, ulwahlule, bahambe oonyana bakaSirayeli phakathi kolwandle, emhlabeni owomileyo. 17Mna ke, yabona, ndiya kuzenza lukhuni iintliziyo zamaYiputa, angene emva kwabo, ndizukiseke ngoFaro, nangempi yakhe yonke, ngeenqwelo zakhe zokulwa, nangabamahashe bakhe; 18azi amaYiputa ukuba ndinguYehova, ekuzukisekeni kwam ngoFaro nangeenqwelo zakhe zokulwa nangabamahashe bakhe.
19Sesuka isithunywa sikaThixo, esibe sihamba phambi kwemfuduka yamaSirayeli, sahamba emva kwayo. Wesuka umqulu welifu phambi kwayo, wema emva kwayo; 20wathi zinzi phakathi kwempi yamaYiputa, nemfuduka yamaSirayeli. Kwabakho ilifu nobumnyama kumaYiputa, labukhanyisela ubusuku kumaSirayeli; àkasondelana ubusuku bonke.
21UMoses wasolula isandla sakhe phezu kolwandle, walumkisa uYehova ulwandle ngomoya wasempumalanga onamandla, bonke obo busuku, walwenza umhlaba owomileyo ulwandle, ahlulelana amanzi. 22Bangena oonyana bakaSirayeli elwandle phakathi, kowomileyo; asuka amanzi aba ludonga ngasekunene nangasekhohlo. 23Asukela amaYiputa, angena emva kwabo elwandle phakathi, enamahashe onke kaFaro, neenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe. 24Kwathi ngomlindo wokusa, uYehova waqondela empini yamaYiputa esemqulwini womlilo nelifu; wayidubaduba impi yamaYiputa. 25Wayidonyula imilenze yeenqwelo zawo zokulwa, aziqhuba nzima. Athi amaYiputa, Masisabe phambi kwamaSirayeli, kuba uYehova uyawalwela, esilwa namaYiputa.
26Wathi uYehova kuMoses, Yolula isandla sakho phezu kolwandle, amanzi abuyele phezu kwamaYiputa, phezu kweenqwelo zawo zokulwa, naphezu kwabamahashe bawo. 27Wasolula uMoses isandla sakhe phezu kolwandle, ulwandle lwabuyela ebumeni balo, ukuthi qhiphu kokusa; asaba amaYiputa asinga kulo. UYehova wawavuthululela amaYiputa phakathi elwandle. 28Abuya amanzi, azigubungela iingqwelo zokulwa, nabamahashe, nempi yonke kaFaro eyayingene emva kwawo elwandle; akwasala noko amnye kuwo. 29Bona oonyana bakaSirayeli bahamba emhlabeni owomileyo phakathi elwandle; asuka amanzi aba ludonga ngasekunene nangasekhohlo. 30Wawasindisa uYehova ngaloo mini amaSirayeli esandleni samaYiputa; amaSirayeli awabona amaYiputa efile elunxwemeni lolwandle. 31Asibona amaSirayeli isandla esikhulu asibonakalalisileyo uYehova kumaYiputa. Bamoyika abantu uYehova, bakholwa nguYehova, nanguMoses umkhonzi wakhe.
Currently Selected:
IEKSODUS 14: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: