IEKSODUS 15
15
Ingoma kaMoses
1Waza uMoses wahlabela le ngoma kuYehova, enoonyana bakaSirayeli, batsho ukuthi:
Ndiya kuhlabela kuYehova, kuba enobungangamsha obukhulu,
Ihashe nomkhweli walo ulizulumbele elwandle.
2Uqhayiya lam, ungoma yam nguYehova;
Waba lusindiso kum.
UloThixo wam endimzukisayo,
UThixo kabawo endimphakamisayo.
3UYehova yindoda elwayo,
UYehova ligama lakhe.
4Iinqwelo zokulwa zikaFaro nempi yakhe waziphosa elwandle;
Abahleliweyo kubaphathi-mikhosi bakhe batshoniswe eLwandle oluBomvu.•
5Amanzi enzonzobila abagubungele.
Behlela ezinzulwini njengelitye.
6Isandla sakho sokunene, Yehova, sivethe amandla;
Isandla sakho sokunene, Yehova, sivikiva utshaba.
7Ngobukhulu bobungangamsha bakho ubagungxule abachasi bakho;
Ukhupha ukuvutha kwakho, kubadle bona njengeendiza.
8Ngokufutha kwamathatha akho afunjwa amanzi,
Yema njengemfumba imiqukuqela.
Ajiya amanzi enzonzobila embilinini yolwandle.
9Lwathi utshaba,
Ndiyasukela, ndiyafumana,
Ndaba ixhoba, umxhelo wam uyazanelisa kubo;
Ndirhola ikrele lam, síya kubagqogqa isandla sam.
10Wafutha ngomoya wakho, lwabagubungela ulwandle;
Bazulumbeka njengelothe emanzini angangamsha.
11Ngubani na onjengawe phakathi koothixo, Yehova?
Ngubani na onjengawe, wena uvethe ubungcwele,
Woyikekayo ezindumisweni, wenzayo ngokubalulekileyo?
12Wòlula isandla sakho sokunene,
Umhlaba uyabaginya.
13Uyabakhokela ngenceba yakho abantu aba ubahlawuleleyo, ubakhululeyo.
Ngoqilima lwakho ubathundezela ekhayeni lakho elingcwele.
14Zivile izizwe, ziyangqunga,
Abemi baseFilisti babanjwe kukuzibhijabhija,
15Zaza zakhwankqa izikhulu zakwaEdom;
Iinjengele zakwaMowabhi zabanjwa kukuthuthumela,
Bathá amandla bonke abemi belakwaKanan.
16Bawelwa kukudenga nakukunkwantya,
Ngenxa yobukhulu bengalo yakho bathi cwaka njengelitye,
Bade badlule abantu bakho, Yehova,
Bade badlule abo bantu ubazuzileyo.
17Uya kubangenisa, ubatyale entabeni yelifa lakho,
Endaweni oyenzele ukuba uhlale kuyo, Yehova,
Engcweleni eziyilungisileyo izandla zakho.
18UYehova uya kuba ngukumkani ngonaphakade kanaphakade.
19Kuba langena elwandle ihashe likaFaro nenqwelo yakhe yokulwa, nabamahashe bakhe. UYehova wawabuyisela phezu kwabo amanzi olwandle; ke bona oonyana bakaSirayeli bahamba kowomileyo, phakathi elwandle.
Ingoma kaMiriyam
20UMiriyam umprofetikazi, udade boAron, wathabatha ingqongqo ngesandla sakhe; aphuma onke amankazana emva kwakhe, eneengqongqo engqungqa. 21Wawaphendula uMiriyam wathi,
Vumani keYehova, kuba enobungangamsha obukhulu;

Ihambo yokuya eMara nase-Elim
22UMoses wawandulula amaSirayeli, emka eLwandle oluBomvu, aphuma aya entlango yaseShure; ahamba iintsuku zantathu entlango, akafumana manzi. 23Afika eMara, akaba nakuwasela amanzi aseMara, kuba ayekrakra; ngenxa yoko igama laloo ndawo kwathiwa yiMara.• 24Abantu bamkrokrela uMoses, besithi, Siya kusela ntoni na? Wadanduluka kuYehova. 25UYehova wambonisa umthi; wawuphosa emanzini, aba mnandi amanzi. Khona apho wabamisela ummiselo nesiko, khona apho wabavavanya. 26Wathi, Ukuba ùthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, wenza okuthe tye phambi kwakhe, wayibekela indlebe imithetho yakhe, wayigcina yonke imimiselo yakhe: andiyi kubeka nasinye isifo phezu kwakho endisibekileyo phezu kwamaYiputa; kuba ndinguYehova, igqirha lakho.
27Bafika e-Elim, apho kwaye kukho imithombo yamanzi elishumi elinamibini, nemithi yesundu engamashumi osixhenxe, bazimisa iintente khona ngasemanzini.
Currently Selected:
IEKSODUS 15: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: