KUMAHEBHERE 7
7
UYesu umbingeleli omkhulu ngokohlobo lukaMelkitsedeke
1Kuba lo Melkitsedeke,• kumkani weSalem, mbingeleli kaThixo Osenyangweni, wahlangabezanayo noAbraham, ebuya evela ekubulaleni ookumkani, wamsikelela; 2awathi uAbraham wamabela nesishumi sezinto zonke (esithi okunene, ukuqala ukuthetha ngentetho evakalayo, ngukumkani wobulungisa, kodwa kamva abe nangukumkani weSalem, oko kukuthi, ngukumkani woxolo; 3engenayise, engenanina, engenamlibo wakuzalwa, engenasiqalo samihla, engenasiphelo sabomi, enziwe wafana naye uNyana kaThixo): lo uhleli engumbingeleli ngokungapheliyo.
4Bonani ke ukuba mkhulu kwalowo, wàthi uAbraham umawokhulu wamnika nesishumi emaxhobeni, awona alinqatha. 5Abo okunene bakoonyana bakaLevi, babamkelayo ububingeleli, banomthetho wokubanga isishumi kubo abantu ngokomthetho; oko kukuthi, kubo abazalwana babo, nakuba bephume esinqeni sika-Abraham. 6Kodwa yena, ongenamlibo wakuzalwa uphumayo kubo, ubange isishumi kuAbraham, wasikelela lowo unamadinga. 7Ke ngokungenakuphikwa, encinane into isikelelwa yeyona inkulu.
8Kananjalo apha okunene ngabantu abanokufa, abathabatha isishumi; kodwa khona apho ngongqinelweyo ukuba udla ubomi. 9Ukutsho ke ndithi, kubangwe ngoAbraham isihumi nakuLevi, lo wamkelayo izishumi; 10kuba ubesesinqeni sikayise, oko uMelkitsedeke wamhlangabezayo.
11Ke ngoko, ukuba okunene inzaliseko ibingabakho ngobubingeleli bakwaLevi (kuba abantu bewiselwe owobubingeleli umthetho), bekusafuneka ngantoni na ke, ukuba kubuye kuvele mbingeleli wumbi ngokohlobo lukaMelkitsedeke, angàbizwa ngokohlobo luka-Aron? 12Kuba, ububingeleli baguqulwa nje, kufuneka ukuba kuguqulwe nomthetho.
13Kuba lowo, zithethwa ngaye ezi zinto, waye engowasizwe simbi, ebekungekho namnye kuso ubesinyamekele isibingelelo. 14Kuba kusekuhléni kanye, ukuba iNkosi yethu iphume kwesikaYuda isizwe, eso angathethanga nto ngaso uMoses ngobubingeleli. 15Kwaza kwasekuhléni ngakumbi, ukuba kuvela mbingeleli wumbi, ngokokufana noMelkitsedeke, 16ongathanga amiswe ngokomyalelo womthetho ongowenyama; wamiswa ngokwamandla obomi obungenakupheliswa. 17Kuba ungqina ngokuthi,
Wena ungumbingeleli ngonaphakade,
Ngokohlobo lukaMelkitsedeke.
(INdum. 110:4)
18Kuba okunene kutshitshiswa umthetho owandulelayo, ngenxa yokuswela amandla, nokungancedi lutho kwawo 19(kuba umthetho lowo awuzalisanga nto); ke kungeniswe phezu kwawo elona themba lilungileyo; esisondela ngalo kuye uThixo.
20Kanjalo, ngangokuba engamiswanga, kungàbangakho sifungo (kuba bona aba okunene benziwe ababingeleli kungafungwanga; 21kodwa yena umiswe ngokufunga kwalowo wathi kuye,
Yafunga iNkosi, ayiyi kuzohlwaya:
Wena ungumbingeleli ngonaphakade, ngokohlobo lukaMelkitsedeke):
(INdum. 110:4)
22ngangoko ke uYesu waba ngummeli wowona ulungileyo umnqophiso.
23Bathe bona ababingeleli baba baninzi, ngenxa yokuba ukufa kwakungavumi ukuba bahlale behleli; 24ke yena, ngenxa yokuba ehleli ngonaphakade, unobubingeleleli obungenakudlula. 25Ngoko unako nokubasindisa kanye abo bezayo ngaye kuThixo, ehlala ehleli nje ukuba abathethelele.
26Kuba ubesifanele umbingeleli omkhulu onjalo, ongcwele, ongenabubi, ongenabala, owahlukileyo kubo aboni, othe waba ngaphezu kwalo izulu; 27ekungafunekiyo ukuba athi imihla ngemihla, njengababingeleli abakhulu abaya, anyuse kuqala amadini ngenxa yezono ezizezakhe, andule ukunyusa ngenxa yezabantu; kuba oko wakwenza kwaba kanye, ekuzinyuseni ngokwakhe ngokwedini. 28Kuba umthetho umisa abantu benobulwelwe, babe ngababingeleli abakhulu; ke lona ilizwi lesifungo, esingasemva komthetho, limise uNyana, egqibelele ngonaphakade.
Currently Selected:
KUMAHEBHERE 7: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.