UISAYA 7
7
UAram noSirayeli bahlanganela uYuda
1Ke kaloku kwathi, ngemihla ka-Ahazi unyana kaYotam, unyana kaUziya, ukumkani wakwaYuda, wenyuka uRetsin ukumkani wama-Aram,• enoPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, weza eYerusalem, ukuba alwe nayo; akaba nako ke ukulwa nayo. 2Kwaxelwa kwindlu kaDavide, kwathiwa, Ama-Aram• athelele kwabelakwaEfrayim. Yadidizela intliziyo yakhe nentliziyo yabantu bakhe, njengokudidizela kwemithi yehlathi phambi komoya.
3Wathi uYehova kuIsaya, Khawuphume uye umkhawulele uAhazi, wena noMasalela-obuya unyana wakho, ekupheleni komjelo wechibi lasentla, emendweni ongasentsimini yomxovuli weengubo; 4uthi kuye, Gcinisa, uzole, ungoyiki, ingathambi intliziyo yakho ngenxa yezo zikhondo zibini zezikhuni eziqhumayo, ekuvutheni komsindo kaRetsin nama-Aram, nonyana kaRemaliya; 5ngenxa enokuba ama-Aram namaEfrayim nonyana kaRemaliya becebile ububi ngawe, besithi, 6Masinyuke siye kwelakwaYuda, silikruqule, silinqike libe lelethu, simise ukumkani phakathi kwalo, unyana kaTabhele; 7itsho iNkosi uYehova, ukuthi, Loo nto ayiyi kuma, ayiyi kubakho. 8Ngokuba intloko yama-Aram yiDamasko, intloko yeDamasko nguRetsin; kuya kuthi iseyiminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, aqotywe amaEfrayim, angabi bantu. 9Intloko yamaEfrayim kukwaSamari, intloko yakwaSamari ngunyana kaRemaliya. Ukuba nithe anakholwa, inene, aniyi kuqiniseka.
Umqondiso ngoImanuweli
10Waqokela uYehova, wathetha kuAhazi, esithi, 11Zicelele umqondiso kuYehova uThixo wakho; cela ubhekise enzulwini kwelabafileyo, mhlawumbi ubhekise enyangweni phezulu. 12Wathi uAhazi, Andiyi kucela, andiyi kumlinga uYehova.
13Wathi yena, Khanive, ndlu kaDavide; kuyinto encinane na kuni ukudinisa abantu, ukuda oku nidinise noThixo wam? 14Ngako oko iya kuninika umqondiso ngokwayo iNkosi: uyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, imthiye igama elinguImanuweli.• 15Uya kudla amasi nobusi, ade akwazi ukulahla okubi, anyule okulungileyo. 16Kuba, engekakwazi umntwana lowo ukulahla okubi, anyule okulungileyo, wóba selushiyiwe loo mhlaba, úkumkani bawo babini bakukruqúlayo.
Ukuphanziswa kukaYuda
17UYehova uya kukuzisela wena nabantu bakho, nendlu kayihlo, imihla ekungazanga kubekho ingangayo, kususela kwimini wemka ngayo uEfrayim kwaYuda; ngukumkani waseAsiriya ke lowo.
18Kothi ngaloo mini uYehova ayenzele ikhwelo impukane esekupheleni kwemijelo yoMnayile waseYiputa, nenyosi esezweni laseAsiriya; 19zize, ziphumle zonke ziphela ezihlanjeni eziphakathi kwamaxandeka, nasezimfanteni zeengxondorha, nasezintangweni zonke zemiqaqoba, nasemadlelweni onke.
20Ngaloo mini iNkosi iya kuguya ngesitshetshe esiqeshiweyo selasezinxwemeni zoMlambo,• ngokumkani waseAsiriya, intloko noboya beenyawo; siphephethe neendevu.
21Kothi ngaloo mini umntu aphilise ithokazi lenkomo neemazi zezimvu zibe mbini; 22kuthi ngokwehlisa kwazo kakhulu adle amasi; ngokuba baya kudla amasi nobusi bonke abo baseleyo phakathi kwelizwe.
23Kothi ngaloo mini zonke iindawo ezazinewaka lemidiliya elimelwe liwaka leesilivere, zibe zezobobo namakhakakhaka. 24Kuya kuyiwa khona neentolo nezaphetha; ngokuba lonke ilizwe liya kuba lubobo namakhakakhaka. 25Zonke iintaba ebezigatywa ngamagaba, akuyi kuya kuzo, ngokoyika ubobo namakhakakhaka; loba lelokugxothela iinkomo, nokunyashwa ziigusha.
Currently Selected:
UISAYA 7: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.