ABAGWEBI 20
20
Ukuphindezelwa kwehlazo ngokubulawa kwamaBhenjamin
1Baphuma ke bonke oonyana bakaSirayeli, labizelwa ndawonye lonke ibandla njengandoda-nye, lathabathela kwaDan lesa eBher-shebha, nelizwe laseGiliyadi, laya kuYehova eMizpa. 2Zema izibonda zabantu bonke, zezizwe zonke zakwaSirayeli, ebandleni labantu bakaThixo, abangamawaka angamakhulu amané amadoda angumqikela arhola ikrele. 3Beva oonyana bakaBhenjamin, ukuba oonyana bakaSirayeli benyukile beza eMizpa.
Bathi oonyana bakaSirayeli, Thethani; itheni na ukubakho le nto inje ukuba mbi? 4Yaphendula indoda leyo, ingumLevi, indoda yaloo nkazana incinithiweyo, yathi, Ndafika eGibheha ekwaBhenjamin, mna neshweshwe lam, salalisa khona. 5Abemi baseGibheha bandivunukela, bayirhawula indlu ngenxa yam ebusuku; bagqiba kwelokundibulala; balidlwengula ishweshwe lam, lafa. 6Ndalibamba ishweshwe lam, ndalityatya, ndalithumela kwilizwe lonke lelifa lakwaSirayeli; ngokuba benzé amanyala nobudenge kwaSirayeli. 7Nanko ke nina nonke, nyana bakaSirayeli; khuphani ilizwi necebo apha.
8Besuka bonke abantu njengandodanye, bathi, Asiyi kuya elowo ententeni yakhe, asiyi kuphambukela elowo endlwini yakhe; 9ke ngoko, nantsi into esiya kwenza yona kwiGibheha; siya kwenza kuyo ngokweqashiso, 10sithabathe ishumi lamadoda ekhulwini ezizweni zonke zakwaSirayeli, ikhulu ewakeni, iwaka emawakeni alishumi, ukuya kuthabathela abantu umphako; ukuze ekufikeni kwabo eGibheha yakwaBhenjamin, bohlwaywe njengokobudenge bonke ababenzileyo kwaSirayeli. 11Ahlanganisana ke onke amadoda akwaSirayeli kuloo mzi, ebandakanyiwe njenganoda-nye.
12Izizwe zakwaSirayeli zathuma amadoda kwimizalwane yonke yakwaBhenjamin, zisithi, Bububi buni na obu, benziweyo phakathi kwenu? 13Sinikeleni kalokunje loo madoda angamatshijolo aseGibheha, siwabulale, sibutshayele ububi bungabikho kwaSirayeli. Àbavuma ke oonyana bakaBhenjamin ukuliphulaphula izwi labazalwana babo, oonyana bakaSirayeli.
14Oonyana bakaBhenjamin bahlanganisana eGibheha, bephuma emizini besiya kulwa noonyana bakaSirayeli. 15Babàlwa oonyana bakaBhenjamin ngaloo mhla, bephuma emizini; baba ngamadoda angamashumi amabini anamathandathu amawaka arhola ikrele, ngaphandle kwabemi baseGibheha, ababalwáyo baba ngamadoda ahleliweyo angamakhulu asixhenxe. 16Kwaba bantu bonke bekukho amakhulu asixhenxe amadoda ahleliweyo angamanxele, onke enokusawula ngelitye, achane angaphosi.
17Ke amadoda akwaSirayeli, ngaphandle kwamaBhenjamin, abebalwe aba ngamawaka angamakhulu amané amadoda arhola ikrele; onke lawo ingamadoda okulwa. 18Besuka, benyuka baya eBheteli, babuza kuThixo. Bathi oonyana bakaSirayeli, Makunyùke bani na kuthi, aqale ukulwa noonyana bakaBhenjamin? Wathi uYehova, Makuqale uYuda. 19Besuka oonyana bakaSirayeli kusasa, bayingqinga iGibheha.
20Aphuma amadoda akwaSirayeli, aya kulwa namaBhenjamin. Amadoda akwaSirayeli ákha uluhlu lokulwa nawo ngaseGibheha. 21Baphuma oonyana bakaBhenjamin eGibheha, bavunela phantsi ngaloo mini kumaSirayeli amashumi amabini anamabini amawaka amadoda. 22Bazomeleza abantu, amadoda akwaSirayeli, baphinda bákha uluhlu lokulwa, kwasendaweni ababakhé uluhlu kuyo ngomhla wokuqala. 23Benyuka oonyana bakaSirayeli, balila phambi koYehova, kwada kwahlwa. Babuza kuYehova, bathi, Ndiphínde na ndisondele ekulweni noonyana bakaBhenjamin, umzalwana wam? Wathi uYehova, Nyukani niye kubo.
24Basondela oonyana bakaSirayeli koonyana bakaBhenjamin ngomhla wesibini. 25Aphuma amaBhenjamin eGibheha, aya kubahlangabeza ngomhla wesibini, abuya avunela phantsi koonyana bakaSirayeli ishumi elinesibhozo lamawaka amadoda; onke lawo arhola ikrele. 26Benyuka bonke oonyana bakaSirayeli, bonke abantu, baya eBheteli, balila, bahlala khona phambi koYehova, bazila ukudla loo mini kwada kwahlwa, banyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo phambi koYehova. 27Babuza oonyana bakaSirayeli kuYehova (yayikhona ityeya yomnqophiso kaYehova ngaloo mihla; 28uPinehasi unyana kaElazare, unyana ka-Aron, emi phambi kwayo ngaloo mihla), besithi, Ndibùye ndiphinde, ndiphume ndiye kulwa noonyana bakaBhenjamin umzalwana wethu, ndiyeke, kusini na? Wathi uYehova, Nyukani, ngokuba ngomso ndiya kumnikela esandleni senu. 29AmaSirayeli abeka abalaleli eGibheha ngeenxa zonke.
30Benyuka oonyana bakaSirayeli baya koonyana bakaBhenjamin ngomhla wesithathu, bákha uluhlu lokulwa eGibheha, njengokweminye imihla. 31Baphuma oonyana bakaBhenjamin, baya kubahlangabeza abantu, beqhawukene nomzi. Baqala ukubulala ebantwini njengokweminye imihla, emendweni, othi omnye unyuke uye eBheteli, uthi omnye uya eGibheha emaphandleni, bahlaba amadoda kwaSirayeli, akumashumi amathathu. 32Bathi oonyana bakaBhenjamin, Babulewe phambi kwethu, njengasekuqaleni; ke oonyana bakaSirayeli babesithi, Masirhole sibaqhawule kuwo umzi, beze emendweni. 33Asuka onke amadoda akwaSirayeli endaweni yawo, ákha uluhlu eBhahali-tamare; abalaleli bamaSirayeli bathi chithithi endaweni yabo ethafeni laseGebha. 34Kwavela malungana neGibheha ishumi lamawaka amadoda ahleliweyo kumaSirayeli onke; ukulwa kwashushu; babengazi bona ukuba ububi bubafikele. 35UYehova wawabulala amaBhenjamin phambi kwamaSirayeli. Oonyana bakaSirayeli batshabalalisa kwaBhenjamin ngaloo mini amashumi amabini anesihlanu amawaka anekhulu lamadoda; lawo onke ngárhola ikrele.
36Ke kaloku oonyana bakaBhenjamin babona ukuba boyisiwe, ukuba amadoda akwaSirayeli ayehlehla phambi kwamaBhenjamin, ngokuba abekholose ngabalaleli ababebabeke eGibheha. 37Abalaleli bakhawuleza, bagaleleka eGibheha, batsalela kuyo abalaleli, bawubulala wonke umzi ngohlangothi lwekrele.
38Ke kaloku ibhunga lamadoda akwaSirayeli nabalaleli laye libe lelokuthi, Qhumisani kakhulu umsi, unyuke kuloo mzi. 39Ajika ke amadoda akwaSirayeli ekulweni, akuba ebeqalile amaBhenjamin ukubulala iingxwelerha phakathi kwamadoda akwaSirayeli, amodada akumashumi amathathu; ngokuba abesithi, Abethiwe ngenene wona phambi kwethu, njengokulwa kokuqala. 40Wakuba umsi uqalile ukunyuka emzini, ungumqulu womsi, amaBhenjamin abheka emva kwawo, nango umzi wonke unyuka usiya ezulwini ungumsi. 41Aphethula amadoda akwaSirayeli, akhwankqiswa amadoda akwaBhenjamin; ngokuba abona ukuba afikelwe bububi. 42Ajika ke phambi kwamadoda akwaSirayeli, abheka endleleni yentlango. Ukulwa kwathana mbende nawo, besuka nabemi bemizi bawatshabalalisa kuyo.
43Bawarhawula amaBhenjamin, bawasukela, bawanyathelela phantsi endaweni yokuphumla, besa malunga neGibheha ngecala eliphuma ilanga. 44Kwawa kumaBhenjamin ishumi elinesibhozo lamawaka amadoda; onke ke lawo ingamadoda anobukroti. 45Ajika ke, asabela entlango, engxondorheni yeRimon. Bacholachola ke kuwo emendweni amawaka amahlanu amadoda; bathana mbende nawo bada besa eGidiyom, babulala kuwo amawaka amabini amadoda. 46Athi ke onke awawáyo kumaBhenjamin ngaloo mini aba ngamashumi amabini anesihlanu amawaka, ingamadoda arhola ikrele; onke ke lawo ayengamadoda anobukroti. 47Ke ajika asabela entlango engxondorheni eRimon engamakhulu amathandathu amadoda, ahlala engxondorheni yeRimon apho iinyanga zané. 48Amadoda akwaSirayeli abuyela koonyana bakaBhenjamin, abulala ngohlangothi lwekrele, ethabathela kumzi, kumadoda ke kwaneenkomo esa kwinto yonke efumanekayo naphi. Kananjalo imizi yonke efunyenweyo ayifaka umlilo.
Currently Selected:
ABAGWEBI 20: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.