IMIZEKELISO 10
10
Izilumko nezidenge zithelekiswa ngemizekeliso eliqela
Imizekeliso kaSolomon.
1Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise;
Ke unyana osisiyatha usisingqala sonina.
2Ubuncwane bokungendawo abunyusi;
Ke bona ubulungisa buhlangula ekufeni.
3UYehova akawuyeki ulambe umphefumlo welungisa;
Ke imbimbithelo yabangendawo uyayisunduza.
4Úba lihlwempu osebenza ngesandla esidangeleyo;
Ke sona isandla sabakhutheleyo siyatyebisa.
5Obutha ehlotyeni ngunyana onengqiqo;
Owozela ngexa lokuvuna ngunyana odanisayo.
6Ziintsikelelo entlokweni yelungisa;
Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo.
7Ukukhunjulwa kwelungisa kuhleli kunentsikelelo;
Igama labangendawo liba livithi.
8Ontliziyo ilumkileyo uyayamkela imithetho;
Omlomo ufumana uthethe ukhahleleka phantsi.
9Ohamba ngengqibelelo uhamba ngenkoloseko;
Ke yena ojibilizayo ngeendlela zakhe uyaziwa.
10Otyanda ngoshiyi ubanga imbulaleko;
Omlomo ufumana uthethe ukhahleleka phantsi.
11Lithende lobomi umlomo welungisa;
Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo.
12Intiyo ixhokonxa ingxabano;
Uthando lugubungela zonke izono.
13Ubulumko bufumaneka emlonyeni wonengqondo;
Intonga yeyomhlana woswele intliziyo.
14Izilumko ziya kuqhusheka ukwazi,
Ke wona umlomo wesimathane yintshabalalo ekwalapha ukusondela.
15Ubuncwane besityebi ngumzi waso oliqele;
Iintshabalalo yabasweleyo bubuhlwempu babo.
16Umvuzo welungisa usingisa ebomini;
Ungeniselo longendawo lusingisa esonweni.
17Umendo osa ebomini kukugcina uqeqesho;
Olahla isohlwayo uyandwendwa.
18Oyifihlayo intiyo ungumlomo wexoki;
Ohambisa intlebendwane usisidenge.
19Ebuninzini bamazwi akusweleki sono;
Owubambayo umlomo wakhe unengqiqo.
20Yisilivere enyuliweyo ulwimi lwelungisa;
Intliziyo yabangendawo yintwana engeyakonto.
21Umlomo welungisa udlisa abaninzi;
Izimathane zifa ngokuswela intliziyo.
22Intsikelelo kaYehova, yiyo etyebisayo,
Imbulaleko àyongezi nento kuyo.
23Ukwenza amanyala kunjengokudlala kwisidenge;
Ubulumko bunjengokudlala, kwindoda enengqondo.
24Into anxunguphala yiyo ongendawo, yiyo emfikelayo;
Akunqwenelayo amalungisa aya kunikwa.
25Kwakugqitha isaqhwithi, akabikho ongendawo;
Ke lona ilungisa luseko lwaphakade.
26Njengeviniga emazinyweni, njengomsi emehlweni,
Linjalo ivila kwabalithumayo.
27Ukoyika uYehova kongeza imihla;
Ke yona iminyaka yabangendawo iyanqanyulwa.
28Ukulinda kwamalungisa luvuyo;
Ithemba labangendawo liyadaka.
29Iyinqaba yabagqibeleleyo indlela kaYehova;
Yintshabalalo kubasebenzi bobutshinga.
30Ilungisa alishukunyiswa naphakade;
Ke bona abangendawo abalihlali ilizwe.
31Umlomo welungisa umila ubulumko;
Ulwimi lwempenduka luyanqanyulwa.
32Imilebe yomlomo welungisa iyakwazi okwamkelekileyo;
Umlomo wabangendawo uyimpenduka.
Currently Selected:
IMIZEKELISO 10: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.