IMIZEKELISO 11
11
1Isikali• esikhohlisayo singamasikizi kuYehova;
Ilitye• elizeleyo lilikholo kuye.
2Kwafika ukukhukhumala, kofika ukucukucezwa;
Bunabathozamileyo ubulumko.
3Ingqibelelo yabathe tye iyabakhapha;
Ukuphenula kwamanginingini kuyawabhuqa.
4Àbunyusi ubuncwane ngemini yokuphuphuma komsindo;
Ubulungisa buyahlangula ekufeni.
5Ubulungisa bogqibeleleyo bulungelelanisa indlela yakhe;
Ongendawo uwa kwangokungendawo kwakhe.
6Ubulungisa babathe tye buyabahlangula;
Amanginingini athiwa hlasi kwayimbimbithelo yawo.
7Ekufeni komntu ongendawo liyaphela ithemba lakhe;
Ukulinda kwabanamandla obudoda kutshabalele.
8Ilungisa liyahlangulwa embandezelweni,
Kufike ongendawo esikhundleni salo.
9Intshembenxa iyamonakalisa ummelwane wayo ngomlomo;
Ke ayahlangulwa amalungisa ngokwazi.
10Isixeko siyadlamka ngokuhlala kakuhle kwamalungisa;
Ekutshoneni kwabangendawo kuyamemelelwa.
11Ngentsikelelo yabathe tye síyaphakanyiswa isixeko;
Ngomlomo wabangendawo siyahleleleka.
12Odela ummelwane wakhe uswele intliziyo;
Ke indoda enengqondo ihlala ithi tu.
13Ohamba ehleba uhlakaza ucweyo;
Ke yena omoya unyanisileyo uyayigubungela into.
14Kwakuba kungekho mbonisi, bayawa abantu;
Usindiso lusebuninzini bamaphakathi.
15Kubi kakhulu komele omnye;
Ke yena okuthiyayo ukumela omnye ukholosile.
16Umfazi osimilo silungileyo uzizekela uzuko;
Abanobungqwangangqwili bazizekela ubutyebi.
17Uwuphethe kakuhle umphefumlo wakhe umtu onenceba;
Isijorha siyihlisele ishwangusha inyama yaso.
18Ongendawo usebenzela umvuzo oyinkohliso;
Ke yena ohlwayela ubulungisa unomvuzo oyinyaniso.
19Ubulungisa obububo busingisa ebomini;
Ophuthuma ububi usingisa ekuzibulaleni kwakhe.
20Ngamasikizi kuYehova abantliziyo zijibilizayo;
Ukholwa ngabo bandlela zigqibeleleyo.
21Ukakade onobubi akabi msulwa;
Ke yona imbewu yamalungisa iyasínda.
22Likhonkco legolide ethatheni lehagu
Inzwakazi eswele izimvo.
23Umnqweno wamalungisa yinto elungileyo yodwa;
Ithemba labangendawo kukuphuphuma nje komsindo.
24Kukho ohlakazayo, aye esanda ngokwanda;
Kukho nozinqandayo kokumfaneleyo, oko kube yintswelo yodwa.
25Umphefumlo osikelelayo uyatyetyiswa;
Oseza ahluthise abanye, uyasezwa ahluthe naye.
26Omangala nengqolowa, luyamqalekisa uluntu;
Intsikelelo isentlokweni yothengisa ngayo.
27Ozondelele okulungileyo ufuna okwamkelekileyo;
Ongxamele ububi, buya kumfikela.
28Okholosa ngobutyebi bakhe uya kuwa yena;
Ke amalungisa aya kuhluma njengamagqabi.
29Ogxugxisa indlu yakhe uya kudla ilifa elingumoya;
Isimathane soba ngumkhonzi kontliziyo ilumkileyo.
30Isiqhamo selungisa ngumthi wobomi;
Umbambisi wemiphefumlo sisilumko.
31Yabona, ilungisa liyavuzwa ehlabathini;
Wobeka phi na ke ongendawo nomoni!
Currently Selected:
IMIZEKELISO 11: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

: