IINDUMISO 35
35
Umthandazo wokucela ukugwetywa kwamatshijolo
EkaDavide.
1Bambana, Yehova, nababambana nam.
Yilwa nabalwa nam.
2Qubula ikhaka nengweletshetshe,
Usuk' ume undincede.
3Rhola umkhonto, uvingce indlela yabandisukelayo;
Yithi kumphefumlo wam, Ndilusindiso lwakho.
4Mabadane, bahlazeke, abazungula umphefumlo wam;
Mababuye umva babe neentloni abacinga ububi ngam.
5Mababe njengomququ phambi komoya,
Sibatyhale isithunywa sikaYehova, bawe.
6Indlela yabo mayibe mnyama, ibe buthelezi,
Sibasùkele isithunywa sikaYehova.
7Ngokuba basigqumele mna isibatha sabo ngelizé;
Bawumbela isihogo umphefumlo wam ngelizé.
8Mayimfikele intshabalalo engazi;
Sibambise yena isibatha sakhe awasigqumayo,
Eyele kuso ngesithonga.
9Wógcoba ke umphefumlo wam kuYehova,
Ube nemihlali ngosindiso lwakhe.
10Onke amathambo am aya kuthi, Yehova, ngubani na onjengawe,
Mhlanguli wosizana kowomeleleyo kunalo,
Kwausizana nehlwempu kumxhakamfuli walo?
11Kusuke kwema amangqina angenakulungisa,
Andibuza into endingayaziyo.
12Bandibuyekeza ngobubi esikhundleni sokulungileyo;
Uxhwalekile umphefumlo wam.
13Ke mna, xa babesifa, iingubo zam bezizezirhwexayo;
Ndawucinezela umphefumlo wam ngokuzila ukudla;
Umthandazo wam wabuyela esifubeni sam.
14Ndaziphatha njengokungathi únguwethu, njengokungathi úngumzalwana kum, ukuhamba-hamba kwam;
Ndanga ndingombambazelela unina, ukuthobeka kwam, ndinezimnyama zokuzila.
15Ke ekuqhwaleleni kwam avuya, ahlangana,
Ahlangana ngam amagxidolo, nendingabaziyo,
Bandihlalela ngentlamba, àbayeka.
16Ngokweentshembenxa ezizihiba ngenxa yesonka,
Banditshixizela amazinyo.
17Nkosi, kunini na ubonela?
Buyisa umphefumlo wam kwiintshabalaliso zabo,
Okuphela kwawo ezingonyameni.
18Ndiya kubulela kuwe ebandleni elikhulu,
Ebantwini abaninzi ndiya kukudumisa.
19Mazingandivuyeleli iintshaba zam ngobuxoki,
Bangatyandelani ngoshiyi abandithiyayo ngelizé:
20Ngokuba àbathethi luxolo;
Bacinga amazwi enkohliso ngabanyhamnyhekileyo belizwe.
21Bayandisinekela,
Bathi, Tshotsho! Tshotsho! Abonile amehlo ethu.
22Ùbonile, Yehova; musa ukuba sisithulu;
Nkosi, musa ukuba kude kum.
23Zivuse, uphaphe ngenxa yebango lam,
Thixo wam, Nkosi yam, ngenxa yento esibambene ngayo.
24Líthethe ityala lam ngokobulungisa bakho,
Yehova Thixo wam;
Mabangandivuyeleli;
25Mabangàthi entliziyweni yabo,
Tshotsho! Nantso into ebe siyfuna!
Mabangàthi, Simginyile.
26Mabadane, babe neentloni kunye
Abavuyela ububi bam;
Bambathe ukudana nehlazo
Abazikhulisayo kunam.
27Mabamemelele, bavuye, abananzé ubulungisa bam,
Bahlale besithi, Makabe mkhulu uYehova,
Ulonanzé uxolo lomkhonzi wakhe.
28Ulwimi lwam luya kuxela ubulungisa bakho
Nendumiso yakho, imihla yonke.
Currently Selected:
IINDUMISO 35: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.