IINDUMISO 36
36
Ukungoyiki kwabantu abanobubi; inceba kaThixo
Kumongameli. Eyomkhonzi kaYehova. EkaDavide.
1Ongendawo unezihlabo zokreqo entliziyweni yakhe ngaphakathi, ezithi,
Akukho koyika Thixo emehlweni akhe,
2Ngokuba zithetha kuye ngokugudileyo emehlweni akhe,
Zide zimfumanise ubugwenxa bakhe, zimthiye.
3Amazwi omlomo wakhe abubutshinga nenkohliso;
Uyekile ukwenza ngokuqiqa nangokulungisa.
4Ucinga ubutshinga elukhukweni lwakhe;
Uzimisa endleleni engalungileyo;
Akabucekisi ububi.
5Yehova, inceba yakho ifikelela ezulwini,
Ukuthembeka kwakho esibhakabhakeni.
6Ubulungisa bakho bunjengeentaba zikaThixo;
Izigwebo zakho zingamanzi enzonzobila;
Ùsindisa umntu neenkomo, Yehova.
7Hayi, ixabiso lenceba yakho, Thixo!
Oonyana babantu bazímela ngethunzi lamaphiko akho.
8Bayahluthiswa kukutyeba kwendlu yakho;
Ubaseza emlanjeni weziyolo zakho.
9Ngokuba likuwe ithende lobomi;
Ekukhanyeni kwakho sibona ukukhanya.
10Bólulele inceba yakho abakwaziyo,
Ubolulele ubulungisa bakho abantliziyo zithe tye.
11Malungandinyatheli unyawo lonekratshi,
Singandiphekuzi isandla sabangendawo.
12Nâbo bewile abasebenzi bobutshinga;
Batyhalwé bawa, ababa nakuvuka.
Currently Selected:
IINDUMISO 36: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.