IINDUMISO 56
56
Umthandazo wokuchasa iintshaba ezinobutshinga
Kumongameli; ngeyehobe elithe cwaka phakathi kwabakude. EkaDavide. Eliligugu. Ukubanjwa kwakhe ngamaFilisti eGati.
1Ndíbabale, Thixo, ngokuba abantu bendizonda;
Bandixinile, besilwa yonke imini;
2Abandilalelayo bandizonda yonke imini,
Ngokuba baninzi abalwa nam beziphakamisile.
3Mhlana ndinxunguphalayo mna,
Ndokoholosa ngawe.
4Ndiya kulidumisa ngoThixo ilizwi lakhe,
Ndikholòse ngoThixo, ndingoyiki;
Inokundenza ntoni na inyama?
5Yonke imini bayawaphambanisa amazwi am;
Zingam zonke iingcinga zabo zobubi.
6Baqukene, babonisele,
Bona bagcine izithende zam,
Ngokokuba belinde umphefumlo wam.
7Bengamatshinga nje, bosinda na?
Zihlise ngomsindo izizwe, Thixo.
8Ukuphalaphala kwam ùkubhalile wena;
Yitha iinyembezi zam entsubeni yakho;
Àzisencwadini yakho na?
9Ziya kubuya umva ke iintshaba zam, mhlana ndibizayo;
Ndiyakwazi oku, ukuba uThixo unam.
10Ndilidumisa ngoThixo ilizwi,
Ndilidumisa ngoYehova ilizwi.
11Ndikholosé ngoThixo, ndingoyiki;
Únokundenza ntoni na umntu?
12Ziphezu kwam, Thixo, izibhambathiso zakho;
Ndiya kuyizalisa kuwe imibingelelo yombulelo.
13Ngokuba uwuhlangule ekufeni umphefumlo wam,
Iinyawo zam ekukhubekeni,
Ukuba ndihambe phambi koThixo
Ekukhanyeni kobomi.
Currently Selected:
IINDUMISO 56: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.