IINDUMISO 95
95
Umbongo kuThixo; isilumkiso malunga nokungeva
1Yizani simemelele kuYehova,
Sidume kwiliwa lokusindiswa kwethu.
2Masize phambi kobuso bakhe sinombulelo,
Masidume kuye ngeengoma.
3Ngokuba uThixo omkhulu nguYehova,
NguKumkani omkhulu ngaphezu koothixo bonke.
4Uzisesandleni sakhe iingontsingontsi zehlabathi,
Neencopho zeentaba zezakhe.
5Ulolwàkhe ulwandle, nguyena walwenzayo;
Nomhlaba owomileyo zawubumba izandla zakhe.
6Yizani, masiqubude, siguqe,
Sithobe phambi koYehova umenzi wethu.
7Ngokuba nguThixo wethu yena,
Thina ke singabantu bokwalúswa nguye, nezimvu zesandla sakhe.
Namhla, ukuba ninokuliva izwi lakhe,
8Musani ukuyenza lukhuni intliziyo yenu, njengaseMeribha,•
Njengemini yaseMasa entlango;
9Oko bandilingáyo ooyihlo.
Bandicikida, bewubona umsebenzi wam.
10Iminyaka yaba ngamashumi amané ndikruqukile sesi sizukulwana,
Ndathi, Ngabantu abantliziyo zindwendwayo,
Àbazazi iindlela zam bona;
11Endada ndafunga ndinomsindo, ukuthi,
Inene, abasayi kungena ekuphumleni kwam.
Currently Selected:
IINDUMISO 95: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.