IINDUMISO 96
96
UThixo makabongwe zizizwe zonke
1Vumani kuYehova ingoma entsha,
Vumani kuYehova, nonke hlabathi.
2Vumani kuYehova, bongani igama lakhe,
Shumayelani iimini ngeemini iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe.
3Balisani ezintlangeni uzuko lwakhe,
Balisani ezizweni zonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo;
4Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene;
Uyoyikeka yena ngaphezu koothixo bonke.
5Ngokuba bonke oothixo bezizwe àbanto zanto;
UYehova yena wenza amazulu.
6Yindili nobungangamela phambi kwakhe,
Ngamandla nokuhomba engcweleni yakhe.
7Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe,
Mnikeni uYehova uzuko namandla;
8Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe;
Thwalani umnikelo, nize ezintendelezweni zakhe.
9Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele,
Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi.
10Yithini ezintlangeni, UYehova ngukumkani,
Liya kuzinza ngoko elimiweyo, lingashukumi,
Úya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye.
11Liya kuvuya izulu,
Ligcobe ihlabathi;
Luya kugquma ulwandle, nenzaliseko yalo.
12Liya kudlamka ilizwe, nento yonke ekulo,
Ize imemelele yonke imithi yehlathi
13Phambi koYehova, ngokuba esiza,
Ngokuba esiza kugweba ihlabathi.
Úya kuligweba elimiweyo ngobulungisa,
Nezizwe ngokunyanisa kwakhe.
Currently Selected:
IINDUMISO 96: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.