ISITYHILELO 4
4
Umbono wezulu
1Emva koko ndabona, nango umnyango uvulekile emazulwini; ilizwi lokuqala endalivayo lalinjengexilongo, lithetha nam, lisithi, Nyukela apha, ndokubonisa izinto ezimele ukubakho emva kwezi. 2Ndithe kwaoko ke ndaba kuMoya; nanko kumi itrone emazulwini, phezu kwetrone kukho ohleliyo. 3Waye lowo uhleliyo, ukubonakala kwakhe, efana nelitye leyaspisi• nelesardiyo;• waye umnyàma wenzé isangqa etroneni apho, ufana nelesmarado• ukubonakala kwawo. 4Kwaye kwenzé isangqa etroneni apho iitrone ezimashumi mabini anané; phezu kweetrone ezo ndabona amadoda amakhulu amashumi mabini anamané, ehleli, ethiwe wambu ngeengubo ezimhlophe, enezithsaba zegolide entloko.
5Nasetroneni apho kuphuma imibane, neendudumo, nezandi; kuvutha izibane zomlilo ezisixhenxe phambi kwetrone, ezingabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo. 6Phambi kwetrone kukho ulwandle lwegilasi, lufana nomkhenkce. Esazulwini setrone apho, nasesangqeni setrone, kukho izinto eziphilileyo eziné, zizele ngamehlo ngaphambili nangasemva. 7Eyokuqala into ephilileyo ifana nengonyama; eyesibini into ephilileyo ifana nethole; eyesithathu into ephilileyo inobuso obungathi bobomntu; eyesiné into ephilileyo ifana nokhozi luphaphazela. 8Zaye zoné izinto eziphilileyo ezo, iyileyo naleyo, zinamaphiko ngamathandathu ngeenxa zonke, nangaphakathi zizele ngamehlo; zingaphumli imini nobusuku, zisithi:
Ingcwele, ingcwele, ingcwele
INkosi uThixo uSomandla,
Leyo yayikho, ikhoyo, izayo.
9Xa zithi izinto eziphilileyo zibè zimnika uzuko nembeko nombulelo lowo uhleli etroneni, lowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni, 10asuka awe amadoda amakhulu, amashumi mabini anamané, phambi kwalowo uhleli etroneni, aqubude kulowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni, aphose izithsaba zawo phambi kwetrone, esithi:
11Ùfanele, Nkosi, ukwamkela uzuko, nembeko, namandla;
Ngokuba inguwe owadala zonke izinto,
Nangenxa yokuthanda kwakho zikho, zadalelwa oko.
Currently Selected:
ISITYHILELO 4: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.