KWABASEROMA 16
16
Imibuliso etyumbayo kaPawulos
1Ke kaloku ndimyaleza kuni uFibhi, udade wethu, ongumlungiseleli webandla eliseKenkreya; 2ukuze nimamkele ngokwaseNkosini, ngokufanele abangcwele, nimncede emcimbini asukuba enifunela wona; kuba naye ubengumongi wabaninzi, nowam lo.
3Bulisani kuPrisila noAkwila, abasebenzisi bam abakuKristu Yesu; 4bona bathi, ngenxa yobomi bam, bazibeka emgoqweni ezabo iintamo, ekungabuleli mna ndedwa kubo, ekubulela nawo onke amabandla azo iintlanga. 5Bulisani nakwibandla elisendlwini yabo. Bulisani kuPeneto intánda yam, oyintlahlela yelaseAkaya kuKristu. 6Bulisani kuMariya, yena wabulalekayo kakhulu ngenxa yenu.
7Bulisani kuAndroniko noYuniya, imizalwane yam nabathinjwa ndawonye nam, bona badumileyo phakathi kwabapostile,• kanjalo baba kuKristu ngaphambi kwam. 8Bulisani kuAmpliya, intánda yam ngokwaseNkosini. 9Bulisani ku-Urbhano, umncedisi wethu kuKristu, noStaki intánda yam. 10Bulisani kuApele ocikidekileyo kuKristu. Bulisani kwabakwa-Aristobhulo. 11Bulisani kuHerodiyo, umzalwane wam. Bulisani kwabakwaNarkiso abaseNkosini. 12Bulisani kuTrifena noTrifosa, abo babulalekàyo emsebenzini weNkosi. Bulisani kuPersi, intánda, yena wabulalekayo kakhulu emsebenzini weNkosi. 13Bulisani kuRufo onyuliweyo waseNkosini, nonina, uma. 14Bulisani kuAsinkrito, kuFilego, kuHerme, kuPatrobha, kuHerma, nabazalwana abanabo. 15Bulisani kuFilologo, noYuliya, kuNere, nodade wabo, no-Olimpa, nabo bonke abo bangcwele banabo. 16Bulisanani ngolwango olungcwele. Ayanibulisa amabandla kaKristu.
17Ke kaloku ndiyaniyala, bazalwana, balumkeleni abo benza iimbambaniso nezikhubekiso, ezinxamnye nemfundiso enayifundayo nina, niphambuke kubo. 18Kuba ábanjalo àbakhonzi yona iNkosi yethu uKristu, bakhonza esabo isisu; baze, ngamazwi anencasa nalalanisayo, balukuhle iintliziyo zabangazani nabubi. 19Kuba ukululama kwenu kuye kwafika kubo bonke. Ndiyavuya ngoko ngani; ndinga ke ningaba ngabalumkileyo okunene kokulungileyo; kodwa nibe ngabangenabuqhinga kokubi. 20UThixo ke woxolo uya kumtyumza uSathana kamsinya phantsi kweenyawo zenu.
Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani.
21Bayanibulisa ooTimoti, osebenza nam, noLukiyo, noYason, noSosipatro, imizalwane yam. 22Ndiyanibulisa ngokwaseNkosini, mna Tertiyo, uyibhalileyo le ncwadi. 23Uyanibulisa uGayo, esilundwendwe lwakhe, mna nebandla liphela. Uyanibulisa uErasto, igosa lomzi, noKwarto umzalwana.
24Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.
Ilizwi lokudumisa uThixo
25Ke kaloku, kuye onako ukunizimasa ngokweendaba zam ezilungileyo, novakaliso lukaYesu Kristu, ngokokutyhilwa kwemfihlelo ebifihliwe kwasephakadeni, 26ebonakalalisiweyo ke ngoku, eyaziswayo kanjalo ngezibhalo zabaprofeti ngokommiselo kaThixo ongunaphakade, ukuba kubekho ukulululamela ukholo, kuzo zonke iintlanga: 27kuThixo olumke yedwa, ngaye uYesu Kristu, malubekho uzuko kude kube ngunaphakade. Amen.
Currently Selected:
KWABASEROMA 16: XHO75
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.