IINDUMISO 72
72
Umthanjiswa kaThixo
Indumiso kaSolomon.
1Mthi jize ngobulumko bokulawula ukumkani, Thixo;
mabele ukunyaniseka kwakho umntwan' egazi;
2ukuze abaphathe ngobulungisa abantu bakho,
abalawule ngokubazelelela abahlelelekileyo.
3Mazihlaziyeke iinduli neentaba ziqhame;
makube yinzolo inkqubela nobulungisa.
4Ngamana yena wawakhusela amahlwempu,
abancede abo bahlelelekileyo,
abanyhashe abacinezeli.
5Abantu mabambuse bamkhonze
xa lisaman' ukuvela ilanga,
lo gama isakhanyisa nenyanga,
kuye kwizizukulwana ngezizukulwana.
6Makabe njengemvula emasimini,
abe njengomvimbi emhlabeni.
7Makande amalungisa ngemihla yakhe;
ewe, axhamle inzolo de ingabi sabikho inyanga.
8Ngamana olwakhe ulawulo
lwasuka elwandle lwesa elwandle,
lusuke emlanjeni iEfrati
luse eziphelweni zehlabathi.
9Ngamana baqubuda kuye abasentlango,
iintshaba zakhe zity' umhlaba.
10Ngamana ookumkani baseTashishe nabeziqithi bakhuph' imirhumo,
abaseSheba nabaseSebha bakhuph' isithabathaba.
11Bonk' ookumkani mabakhahlele kuye,
zonk' izizwe zimbuse.
12Uyabahlangula abakhalayo,
amahlwempu nabangenabani.
13Uyavelana nababuthathaka neentsizana,
abasindise abahlelelekileyo.
14Ubakhulula kwingcinezelo nakwizibhovubhovu;
kuye lixabisekile igazi labo.
15Kuye sithi: “Mpilo-nde-ntle!”
Mayize kuye igolide yaseShebha;
makathandazelwe njalo-njalo,
iintsikelelo zihlale zivuza phezu kwakhe.
16Ngamana kwayindyebo emhlabeni,
neencopho zeentaba ziqhame,
kuchume njengaseLebhanon.
Mabanyakazele abantu ezixekweni,
baxel' ingca emadlelweni.
17Igama lakhe malingaze liphele;
malibe sisimakade lixel' ilanga.
Ngamana bonk' abantu bamdumisa;
ewe, mabamnqwenelele iintsikelelo,
zonk' izizwe zimthamsanqele.
18Ngamana wadunyiswa *uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli,
ekukuphela kwakhe owenza imimangaliso enje.
19Huntshu-u-u!
Masibongwe isidima segama lakhe kude kube nini nanini!
Ngamana waphuphuma umhlaba sisihomo nesithozela sakhe!
Huntshu-u-u!
( 20Iyaphela apha incwadi yemihobe kaDavide unyana kaJese.)
Currently Selected:
IINDUMISO 72: XHO96
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.