Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 3
3
1NAM, bazalwana! bendingetete kuni njengakubo a bomoya, koko njengakubo abenyama, njengakuzo intsana ku‐Kristu. 2Ndaniseza ubisi, andanamkelisa ukudla: ngokuba nibe ningekabi namandla okukwamkela; ewe nakaloku nje anikabi namandla. 3Ngokuba nisengabo abenyama: ngokuba ekubeni kukoyo pakati kwenu uzondo, nepike, nembambaniso, aningabenyama na, nihamba nokuhamba njengokwabantu? 4ngokuba okuya ati omnye: Mna ndingoka‐Paulusi: nomnye: Mna ndingoka‐Apolosi; aningabo na abenyama?
5Ngubanina pofu u‐Paulusi, ngubanina no‐Apolosi, kupela ukuba ngabakonzi enakolwayo ngabo, kwa njengokuba inkosi yabanika ngabanye? 6Mna ndatyala, u‐Apolosi wanyela, koko ngutixo owamilisayo. 7Kwa njalo ke notyalayo akaluto, nonyelayo akaluto; eyona nto ngutixo omilisayo. 8Kanjako otyalayo nonyelayo banye; kodwa omnye nomnye uya kwamkela owake umvuzo ngokwowake umsebenzi. 9Ngokuba singabasebenzisi bakatixo: nina niyintsimi katixo, nisisakiwo sikatixo.
10Ndite ngokwofefe lukatixo endanikwa lona, njengomakisi olumkileyo, ndabeka umsekelo, uti ke omnye ake pezu kwawo. Kodwa mabalumke bonke ngabanye ukuba bati nina ukwaka pezu kwawo. 11Ngokuba kungeko mntu ongabekayo omnye umsekelo ngapandle kwalowo omiyo, oba ngu‐Yesu Kristu. 12Kekaloku ukuba umntu uyaka pezu kwalomsekelo igolide, isilivere, amatye anqabileyo, imiti, isikota, indiza; 13umsebenzi wabanye ngabanye uya kubonakaliswa: ngokuba umhla lowo uya kuwuhlakazela, kuba utyilwa emlilweni; nomsebenzi wabanye ngabanye umlilo lowo wowulinga ukuba ungowanina. 14Ukuba umsebenzi womntu usahlala, awakileyo pezu kwawo, uya kwamkela umvuzo. 15Ukuba umsebenzi womntu uya kutshiswa, uya kulahlekelwa ngumvuzo: kanti yena ngokwake uya kusindiswa; ngokunjalo kodwa njengasekucandeni umlilo.
16Anazi na ukuba niyitempile katixo, nokuba umoya katixo umi kuni? 17Ukuba umntu uyonakalisa yona itempile katixo, utixo uya kwonakalisa kwa yena lowo; ngokuba itempile katixo iyingcwele, eniyiyo nina.
18Makungabiko namnye ozilukuhlayo. Ukuba kuko umntu oba ulilumko pakati kwenu kwelilizwe likoyo, makabe sisidenge, ukuze abe lilumko. 19Ngokuba ubulumko belizwe eli bububudenge pambi kwotixo. Ngokuba kuba̔liwe ukuti: Uyabamba amalumko ebuqokolweni bawo: 20nakanjako: Uyehova uyazazi izicamango zamalumko, ukuba ziyinto engendawo.
21Kwa njalo ke makungabiko namnye oqa̔yisayo ebantwini. Ngokuba zonke izinto zizezenu; 22nokuba ngu‐Paulusi, nokuba ngu‐Apolosi, nokuba ngu‐Kefasi, nokuba lilizwe, nokuba bubomi, nokuba kukufa, nokuba zizinto ezikoyo, nokuba zizinto eziza kubako; zonke zizezenu; 23nani, ningabaka‐Kristu; no‐Kristu, ungo katixo.
Currently Selected:
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 3: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.