Eyokuqala ka‐Samyali 3
3
1KEKALOKU umfana, u‐Samyali, wamkonza uyehova ebusweni buka‐Heli. Laye ilizwi likayehova linqabile ngezontsuku; bekungeko umboniso wasekuhleni. 2Kwaye kute ngeloxesha, nxa u‐Heli ebelele pantsi endaweni yake, akuqala amehlo ake ukuba luzizi, ukuba wakohlwa kukubona, 3kungekacinywa isibane sikatixo, nanxa u‐Samyali abelele pantsi etempileni kayehova, apo ityeya katixo ibikona, 4wandula uyehova wambiza u‐Samyali; owabesiti: Nanku ndilapa. 5Waza wagidimela ku‐Heli, wati: Nanku ndilapa: ngokuba undibizile. Kodwa wati: Andibizanga; buya ulale pantsi. Waya walala pantsi ke. 6Walekela uyehova wabiza u‐Samyali kanjako. Wesuka u‐Samyali waya ku‐Heli, wati: Nanku ndilapa; ngokuba undibizile. Waza wati: Andibizanga, nyana wam! buya ulale pantsi. 7Kekaloku u‐Samyali ebengekamazi uyehova; kanjako ilizwi likayehova belingekatyilwa kuye. 8Wabuya uyehova wabiza u‐Samyali ngokwesitatu. Wesuka waya ku‐Heli, wati: Nanku ndilapa; ngokuba undibizile. Waza u‐Heli waqonda ukuba uyehova umbizile umfana. 9Ngako u‐Heli wati ku‐Samyali: Yiya ulale pantsi; kwakuya kuti, nxa akubizayo, uya kwandul’ ukuti: Teta, Yehova! ngokuba isicaka sako sisiva. Waya u‐Samyali walala pantsi endaweni yake. 10Wandula weza uyehova, wema, wabiza njengakuwo amanye amaxesha, esiti: Samyali, Samyali! Waza wati u‐Samyali: Teta; ngokuba isicaka sako sisiva.
11Wayesiti uyehova ku‐Samyali: Bona ke, ndiya kuyenza into kwa‐Sirayeli, abaya kuti bonke abayivayo, indlebe zabo zombini ziya kukenceza. 12Ngomhla lowo ndiya kuvusa ngakuye u‐Heli konke endikutetileyo ngayo indlu yake; ndoti ndakuqala, ndigqibe. 13Sendixele kuye, ukuba ndiya kugweba indlu yake kude kube ngunapakade, ngenxa yenkohlakalo abeyazi; ngokuba onyana bake bazenza abaqalekisiweyo, kanti ebengabandwebisi noko. 14Ngako oko ke ndifungile ngayo indlu ka‐Heli, ukuba inkohlakalo yendlu ka‐Heli ayisayi kuxoliselwa ngombingo nangomnikelo wokudla kude kube ngunapakade.
15Kekaloku u‐Samyali walala kwada kwasa, waza wavula ingcango zendlu kayehova. Kodwa u‐Samyali ebesoyika ukuxela umboniso ku‐Heli. 16Wandula u‐Heli wambiza u‐Samyali, wati: Samyali, nyana wam! Wayesiti: Nanku ndilapa. 17Waza wati: Lilizwi linina, alitetileyo kuwe? zungandifihleli ke; utixo makenje njalo kuwe, alekele ukwenje njalo, ukuba uyandifihlela ilizwi kuwo onke amazwi abewateta kuwe. 18Waza u‐Samyali wamxelela onke amazwi lawo, akamfihlela nto. Wayesiti: Nguyehova; makenze okulungileyo emehlweni ake.
19Wakula ke u‐Samyali; waye uyehova ebenaye; akawisa nalinye kuwo onke amazwi ake ngasemhlabeni. 20Baza bonke o‐Sirayeli, kwa se‐Dane kude kwase‐Beresheba, bakwazi ukuba u‐Samyali uqiniselwe ukuba ngumprofite kayehova. 21Walekela uyehova wabonakala e‐Shilo: ngokuba uyehova ebezityila ku‐Samyali e‐Shilo ngelizwi likayehova.
Currently Selected:
Eyokuqala ka‐Samyali 3: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: