Eyokuqala ka‐Samyali 4
4
1Laye ilizwi lika‐Samyali leza kubo bonke o‐Sirayeli.
KEKALOKU o‐Sirayeli bapumela ngakuwo ama‐Filistiya kuliwe, baya bati waca ngase‐Ebenezere; kanjalo ama‐Filistiya ati waca e‐Afeki. 2Asuka ama‐Filistiya azicwangcisa ngakubo o‐Sirayeli: kwati kwakuba ukulwa bekutwabulukile, o‐Sirayeli bebebetwa pambi kwama‐Filistiya: aza abulala ebandleni ezindle ngati angamawaka mane amadoda.
3Bandula bakufika abantu emnqubeni, bati abadala bakwa‐Sirayeli: Kunganina ukuba uyehova usibetile namhla pambi kwama‐Filistiya? Masizizekele e‐Shilo ityeya yocebano lukayehova, ize pakati kwetu, isisindise esandleni sentshaba zetu. 4Baza abantu batumela e‐Shilo, basusa kona ityeya yocebano lukayehova wemikosi, ohleli pakati kwekerubime: baye bekona onyana bobabini baka‐Heli, u‐Hofeni no‐Finehasi, ndawonye netyeya yocebano lukatixo. 5Kwaye kute, yakufika ityeya yocebano lukayehova emnqubeni, bonke o‐Sirayeli bamemeza ngesimemezo esikulu, wada umhlaba wazanyazanyiswa. 6Xeshekweni ama‐Filistiya evayo intlokoma yesimemezo eso, ati: Iti nina intlokoma yesisimemezo esikulu emnqubeni wama‐Hebere? Ada aqonda ukuba ityeya kayehova ifikile emnqubeni. 7Aza ama‐Filistiya oyika, ngokuba ebesiti: Utixo ufikile emnqubeni. Ayesiti: Au tina! ngokuba kungezanga kubeko okunjalo ngexesha lapambili: 8au tina! ngubanina oya kusihlangula esandleni sotixo aba abanamandla? ngabo aba otixo ababeta ama‐Jipete ngazo zonke izibeto entlango. 9Yomelelani, nenze njengamadoda, ma‐Filistiya! ukuze ningakonzi kuma‐Hebere, njengokuba ekonzile kuni: ngako yenzani njengamadoda, nilwe ke.
10Asuka ama‐Filistiya alwa; baza o‐Sirayeli babetwa, besaba baya abanye ngabanye ezintenteni zabo: kwabako isibulalo esikulu kunene; bada bawa kubo o‐Sirayeli amawaka angamashumi matatu abahamba ngenyawo. 11Kanjako ityeya katixo yasuswa; nonyana bobabini baka‐Heli, u‐Hofeni no‐Finehasi, babuba.
12Yandula yabaleka indoda yakwa‐Benjamine ebandleni, yeza e‐Shilo ngalomini, inengubo zayo ziṙazukile, nomhlaba pezu kwentloko yayo. 13Kekaloku, yakufika, bona ke, u‐Heli wahlala pezu kwesihlalo ngasecaleni lendlela, elinda nje; ngokuba intliziyo yake ibingcangcazela ngenxa yetyeya katixo. Yati yakufika indoda leyo, ukuza kuxela esixekweni, sand’ ukukala sonke isixeko. 14Xeshekweni u‐Heli wevayo intlokoma yokukala, wati: Iti nina intlokoma yalempitimpiti? Yaza indoda yangena ngokunxama, yamxelela u‐Heli. 15Kekaloku u‐Heli wabeminyaka emashumi alitoba anesibozo ubudala bake; kanjalo amehlo ake ebete nqi, ukuba wakohlwa kukubona. 16Yayisiti indoda ku‐Heli: Ndinguye ovele ebandleni, ndisabile ebandleni namhla. Waza wati: Yinto nina ehlileyo, nyana wam? 17Wapendula obeshumayela, wati: o‐Sirayeli besabile pambi kwama‐Filistiya; kanjako bekuko nesibulalo esikulu pakati kwabantu; nonyana bako bobabini, u‐Hofeni no‐Finehasi, babubile nabo; netyeya Katixo yona isusiwe. 18Kwabekute, nxa abekankanya ityeya katixo, wandula wawa esihlalweni ngomva, ngasecaleni lesango, yati intamo yake yapuka, wada wafa; ngokuba ebelixego, wayenzima kanjalo. Wayegweba o‐Sirayeli iminyaka yamashumi mane.
19Kekaloku umolokazana wake, umfazi ka‐Finehasi, wabemiti, waza kuzala; wati akuva indaba zokuba ityeya katixo isusiwe, nokuba ufile usondoda wake, nendoda yake, wandula watoba, wazala, ngokuba inimba zake bezijikajika pakati kwake. 20Kute ngexesha lokufa kwake, bateta abafazi abebemi ngakuye, besiti: Ungoyiki, ngokuba uzele unyana. Kodwa ebengapenduli, ebengabekeli intliziyo yake kanjako. 21Wambiza umntwana ngo‐Yikabode#4:21 Oko kukuti: Ongenabungcwalisa., esiti: Ubungcwalisa bufudusiwe kwa‐Sirayeli; ngenxa yokususwa kwetyeya katixo, nangenxa yosondoda wake nendoda yake. 22Wayesiti: Ubungcwalisa bufudusiwe kwa‐Sirayeli; ngokuba ityeya katixo isusiwe.
Currently Selected:
Eyokuqala ka‐Samyali 4: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: