Eyokuqala ka‐Samyali 5
5
1AZA ama‐Filistiya atabata ityeya katixo, esuka nayo e‐Ebenezere eza e‐Ashedode. 2Ati ama‐Filistiya akususa ityeya katixo, ayizisa endlwini ka‐Dagone, ayimisa ngakuye u‐Dagone. 3Kute xeshekweni ama‐Ashedode avuka kusasa ngomnye umhla, nanku u‐Dagone ewile ebusweni bake ngasemhlabeni, pambi kwetyeya Kayehova. Aza amtabata u‐Dagone, ambuyisela endaweni yake. 4Ati akuvuka kusasa ngomso womhla olandelayo, nanku u‐Dagone ewile ebusweni bake ngasemhlabeni, pambi kwetyeya kayehova, nentloko ka‐Dagone, nentende zezandla zake zombini zinqumkile, zisemnyango; kupela sisikondo sika‐Dagone esamshiyelwa. 5Ngako oko abaperisite baka‐Dagone, nabo bonke abangenayo endlwini ka‐Dagone, abanyatelanga pezu kwomnyango ka‐Dagone e‐Ashedode kwada kwanamhla nje.
6Koko isandla sikayehova besinzima pezu kwama‐Ashedode, wawatshabalalisa, wawabeta ngamatumba, i‐Ashedode nemida yayo. 7Xeshekweni amadoda ase‐Ashedode abona ukuba kunje ke, ati: Ityeya katixo wo‐Sirayeli maingahlali nati, ngokuba isandla sake silukuni pezu kwetu, napezu kwo‐Dagone utixo wetu. 8Ngako atuma ahlanganisela kuwo zonke inkosi zama‐Filistiya, ati: Siya kwenza nto nina ngetyeya katixo wo‐Sirayeli? Zaye zisiti: Ityeya katixo wo‐Sirayeli maijikele e‐Gate. Asuka ayijikisela kona ityeya katixo wo‐Sirayeli. 9Kwaye kute, emveni kwokuba ayijikisele kona, isandla sikayehova besingakuso isixeko eso ngesipitipiti esikulu kunene; ngokuba wabeta abantu besosixeko, kwa nabancinane nabakulu, aza ajaduka kubo amatumba.
10Kwaza kwatunywa ityeya katixo ukuya e‐Hekrone. Kwabekute, yakufika ityeya katixo e‐Hekrone, akala ama‐Hekrone, esiti: Kujikiselwe kum ityeya katixo wo‐Sirayeli, ize ibulale mna nabantu bam. 11Andula atuma ahlanganisa zonke inkosi zama‐Filistiya, ati: Yindululeni ityeya katixo wo‐Sirayeli, ibuyele endaweni yayo, ukuze ingabulali mna nabantu bam: ngokuba bekuko isipitipiti esibulalayo esixekweni sonke; isandla sikatixo besinzima kakulu kona. 12Bati abantu abebengafi, babetwa ngamatumba: sada isikalo sesixeko eso senyuka ngasezulwini.
Currently Selected:
Eyokuqala ka‐Samyali 5: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: