YouVersion Logo
Search Icon

Eyesibini incwadi ka‐Petrosi 1

1
ISAHLUKO I.
1USIMONE Petrosi, isicaka nompostile ka‐Yesu Kristu, kubo abo baluzuzileyo kwa lona ukolo lufana nolwetu ukuba lunqabile kwalo ebulungiseni bake utixo nomsindisi wetu u‐Yesu Kristu: 2Ufefe noxolo lwanga lunganandiselwa ekwaziweni kwake utixo, no‐Yesu inkosi yetu.
3Ukuba amandla ake abutixo esipile zonke izinto ezilungele ubomi nobubedesho, ngako ukwaziwa kwalowo owasibizayo ngabo ubungcwalisa namandla; 4okungazo sipiwe izitembiso ezikulu kunene ezinqabileyo, ukuze niti ngezi nibe nobudlelana nawo ummilo obutixo, nisindile nje kulo ulwonakalo oluselizweni ngayo inkanuko; 5kwa ngenxa yako oku ke, senisongeza konke ukuku̔tala nje, yalekelani kulo ukolo lwenu ulwomelelo, nakulo ulwomelelo lwenu ukwazi, 6nakuko ukwazi kwenu ubunca̔tu, nakubo ubunca̔tu benu umonde, nakuwo umonde wenu ububedesho, 7nakubo ububedesho benu ukutanda abazalwana, nakuko ukutanda abazalwana kwenu utando. 8Ngokuba ezizinto ukuba ziko kuni, zisanda nokwanda, zinenza ukuba ninganqeni nokuba ningaputi ekwaziweni kwayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu. 9Kanti ke lowo zingeko kuye ezizinto uyimfama, ekohlwa kubona kude, selelibele nje intlanjululwa yezono zake zapambili. 10Ngako oko, bazalwana! nxamelani ngakumbi ukubizwa nokunyulwa kwenu ukukwenza kuqinisekile; ngokuba nisenza oku ke ningasayi kuza niwe: 11ngokuba ngokunjalo niya kwenzelelwa ukungena ebukumkanini obungunapakade bayo inkosi yetu nomsindisi wetu u‐Yesu Kristu ngokukolisa.
12Ngako oko andiyi kulibala ukunikumbuza futi ngezizinto, nangona niti nizazi, niqiniselwe kwinyaniso eninayo. 13Kodwa ndiba kufanelekile, lonke ixesha ndiseko ngalo kulo olupahla, ukuba ndinivuse ngokunikumbuza; 14ndisazi nje ukuba ukubekwa pantsi kwalo upahla lwam kuza kubako kamsinya, kwa njengokuba inkosi yetu u‐Yesu Kristu yandibonisayo. 15Kodwa ndiya kuzama ukuba nibe nako kanjalo ngamaxesha onke emveni kwokufa kwam ezizinto ukuzikumbula.
16Ngokuba besingalandelanga intsomi ezenziweyo ngobuqinga, sakunazisa amandla nokufika kwenkosi yetu u‐Yesu Kristu, koko sibe singababoneli bobukulu bayo. 17Ngokuba yamkelayo udumo nobungcwalisa kutixo uyise, kwakuziswa kuyo ilizwi elinjalo livela kubo ubungcwalisa obubungangamsh, lisiti: Lo ungunyana wam otandiweyo, endikolisiweyo kakuhle nguye. 18Nelilizwi saliva tina lakuziswa livela ezulwini, oko sibe sinaye entabeni engcwele.
19Kanjalo sinalo ilizwi lobuprofitesho liqinisekile ngakumbi, enilungisa ukulinyamekela, njengaso isibane sikanya endaweni emnyama, kude kuti qi̔p’ ukusa, kupume nekwezi, ezintliziyweni zenu: 20oku kuqala nikuqonda nje, ukuba akuko siprofitesho sesiba̔lo esisesokwaso ukutyilwa: 21ngokuba kungezanga kuziswe isiprofitesho ngentando yomntu; koko abantu abangcwele bakatixo batetayo, bequ̔tywa ngumoya oyingcwele.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in