YouVersion Logo
Search Icon

Izenzo zabapostile 27

27
1KEKALOKU xeshekweni bekugwetyiwe ukuba soselishela e‐Yitaliya, kwanikelwa u‐Paulusi, nabanye ababanjwa abatile, kwinkosikulu yasebandleni lika‐Auguste, ogama lalingu‐Juliyusi. 2Sati singene enqanaweni yase‐Adramitiyume, sifuna ukuselisha ngokwayama indawo zase‐Asiya, sanduluka, u‐Aristariko, um‐Masedoniya wase‐Tesalonika, enati. 3Nangomnye umhla safikela emhlabeni e‐Tsidone. Waza u‐Juliyusi wampata u‐Paulusi ngobubele, wamvumela ukuba aye kubahlobo, ongiwe ngabo. 4Sindulukile nakona, saselisha ngapantsi kwe‐Kiperusi, ngenxa yokuba umoya ubuvela pambili. 5Sati sakuba sicandile ulwandle olwayama i‐Silisiya ne‐Pamfiliya ngokuselisha, seza kufika e‐Mira, isixeko sase‐Lisiya.
6Yaza inkosikulu, ifumene kona inqanawa yase‐Aletsandriya iselishela e‐Yitaliya, yasingenisa kwa kuyo. 7Sati sakuba sibe sihamba kuhle ukuselisha imihla yamininzi, cebetshu sikohliwe kukufika malungana ne‐Kenido, umoya ungasivumeli nje, saselisha ngapantsi kwe‐Kirete malungana ne‐Salimoni; 8saza sati, cebetshu sikohlwa kukuselisha kufupi kuyo, safika endaweni etile ekutwa Licw̔ebalihle, apo sibe sikufupi kona isixeko se‐Laseya.
9Kekaloku nxa ixesha elikulu belidlulile, nanxa ukuselisha kube kuse kunengozi, ngenxa yokuba inzilo ibisel’ igqitile, u‐Paulusi wabayala, 10esiti kubo: Madoda! ndiyabona ukuba lentselisho iya kuba nesenzakalo nesilahleko esikulu, singesesomtwalo nesenqanawa kodwa, sisesobomi betu kanjako. 11Kodwa inkosikulu ibikolwa ngumkokeli wenqanawa nangumniniyo, ngapezu kwokuba ibikolwa zizinto ezibe zitetwa ngu‐Paulusi. 12Kanjako icw̔eba elo lingalungile nje ukuhlala kwalo ukuba kwenziwe ubusika apo, abaninzi kubo banika icebo lokuba kundulukwe nakona, ukuba kungati bangafikela e‐Fenitse, benze ubusika apo, elicw̔eba lase‐Kirete libe̔ka ngasesuyidentshonalanga nangasenodentshonalanga.
13Kwati kwakuvutela kakuhle umoya wasesuyide, besiba bazuzile into babeyifuna, besuka, bati nama ukuselisha kufupi e‐Kirete. 14Kodwa kungekade kamva waquta usihla kuyo umoya oluqwitela, obizwayo ngokuti yi‐Yurokilidone. 15Kekaloku yakubanjwa inqanawa, ikohlwa kumelana nomoya kanjalo, sancama, saqu̔tywa. 16Saza sibalekile ngapantsi kwesiqiti esitile esi‐kutwa yi‐Kiloda, cebetshu sawoyisa umkonjana ukuwugcina: 17abati bakuba bewufunqulile, benza ngezincedo, bejikelisa enqanaweni ngapantsi; baza besoyika ukuba ngabi baya kuwa pezu kwentlabati, bahlisa imiti yeseli, baqu̔tywa kunjalo. 18Nxa ke sibe sijingajingiswa kakulu luqwitela, ngomhla olandelayo benza ukulahlwa: 19nangowesitatu umhla saposa pandle ngezetu izandla impahla yenqanawa. 20Kwati kungabonakali nelanga nenkwenkwezi ngemihla emininzi, uqwitela olungencinane lusibandezela kanjako, kwada kwasuswa kanye lonke itemba lokuba sosindiswa.
21Kekaloku emveni kwokuba bekuzilwa kade ukutya, wandula wema u‐Paulusi pakati kwabo, wati: Madoda! nibe nifanele ukuba napulapula kum, ningandulukanga e‐Kirete, naza nasinda esisenzakalo nesilahleko. 22Nokwakaloku nje ndiyaniyala ukuba nibe nokucwayita: ngokuba kungayi kuba kulahlwa kwobomi bomnye umntu kuni, kwoba kokwenqanawa kupela. 23Ngokuba bekumi ngakum ngobubusuku ingelosi katixo, lowo endingowake, nendimkonzayo, 24isiti: Ungoyiki, Paulusi! ufanele ukuma pambi kwo‐Kesare; kanjalo bona ke, utixo ukupile bonke abaselisha nawe. 25Ngako, madoda! yibani nokucwayita; ngokuba ndikolwa ngutixo, ukuba kwoba njalo kwa njengokuba kutetiwe kum. 26Kodwa sifanele ukuwa pezu kwesiqiti esitile.
27Kekaloku kwakufika ubusuku beshumi elinesine, nxa sibe siqu̔tywaqu̔tywa elulwandleni lwe‐Adiriya, ngapakati kwobusuku obo babezindla omatrose ukuba bayasondela emhlabeni otile. 28Baza beposile ilode, bafumana ukuba ifatome zimashumi mabini: bati bakuba begqitile umganyana, beposile ilode nakanjako, bafumana ukuba ifatome zilishumi linantlanu. 29Bandula besoyika ukuba kungati siya kuwa ematyeni, baposa iyankore zazine ngasemva, banqwena ukuba kusile.
30Kekaloku nxa omatrose bebefuna ukubaleka enqanaweni, nanxa umkonjana bebewuhlisele elwandle, ezenzisa ukuti baya kuwisa iyankore ngapambili, 31wati u‐Paulusi kwinkosikulu nakumasodati: Xeshekweni aba bangahlali enqanaweni, aningesindiswe nina. 32Andula amasodati azinqamla intambo zomkonjana, awuyeka uwe.
33Kwati kwakuba kube kusaza kusa, u‐Paulusi wabayala bonke ukuba mabakwamkele ukutya, esiti: Namhla ngumhla weshumi elinesine nilinda, nimana nizila ukutya, ningatabatanga luto. 34Ndiyaniyala ngoko ukuba manitabate ukutya; ngokuba oku kuyelela ukulondolozwa kwenu; ngokuba kungayi kuwa nalunye unwele entloko yamntu wakuni. 35Wati akuba etshilo, watabata isonka, wabulela kutixo ebusweni babo bonke; waza waqezula, waqala ukutya. 36Baba bonke ke becwayitile, batabata ukutya nabo. 37Saye siyimipefumlo emakulu mabini anamashumi asixe̔nxe anamitandatu enqanaweni inani letu sonke. 38Bati bakuhlutiswa kukutya, bayenza lula inqanawa, beyilahlela elwandle inqolowa.
39Kekaloku okuya bekusile, babengawazi umhlaba; kodwa babenakana icw̔etyana elitile linalo unxweme, abanxamela ukuti, ukuba kungenzeka, bayitya̔lele kulo inqanawa. 40Bati bezipunyule iyankore, baziyekela elwandle, bezitukulule imbopelelo zemiti yokukapa kanjako; baza bapakamisa iseli enkulu ngasemoyeni, basingisa elunxwemeni. 41Kodwa bewele endaweni apo kuhlanganayo ilwandle zimbini, bayinyanzelela kona inqanawa; waza umpambili wati nqi, wahlala ungenakushukuma, kodwa umva ubuqekezwa ngamandla amaza. 42Laye lilicebo lamasodati ukuba abafise ababanjwa, ukuze kungabiko mntu ongasabayo ngokuhlamba. 43Kodwa inkosikulu ifuna ukunga ingamlondoloza u‐Paulusi, yawanqanda eqingeni lawo, yaxela ukuba abo bakwaziyo ukuhlamba baziwise tanci, bapumele emhlabeni; 44nokuba abanye baye inxenye pezu kwazo iplanke, nenxenye pezu kwezinto ezitile zivela enqanaweni. Kwaza kwati ngokunjalo, bafika bonke emhlabeni besindile.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

Video for Izenzo zabapostile 27