Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Efese 1
1
ISAHLUKO I.
1UPAULUSI, umpostile ka‐Yesu Kristu ngayo intando katixo, kubo abangcwele abase‐Efese nabakolwayo ku‐Kristu Yesu: 2Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kutixo ubawo wetu, nenkosi u‐Yesu Kristu.
3Makabongwe yena utixo noyise wenkosi yetu u‐Yesu Kristu, owasitamsanqelayo ngawo onke amatamsanqa abumoya kwezasezulwini indawo ku‐Kristu: 4njengokuba wasiqashayo kuye lingekamiswa ilizwe, ukuba sibe singcwele simsulwa pambi kwake elutandweni; 5esimisele ukumiswa kwobunyana kwa pambili nje ngaye u‐Yesu Kristu kwa kuye ngokwake, ngokwenkoliso yentando yake, 6kube kukudunyiswa kwobungcwalisa bofefe lwake, ekukulo wasipa ufefe kotandiweyo; 7esiti kuye sinalo ukululwa ngalo igazi lake, uxolelwa lweziposo zetu, ngokwobutyebi bofefe lwake, 8owalwenzayo lukolise ukusandela kubo bonke ubulumko nobutelekelelo; 9esazisile nje imfihlakalo yentando yake, ngokwenkoliso yake owazicingelayo yona ngokwake, 10ngalo ulwabo lwenzaliseko yamaxesha, kuze kubuye kuhlanganiselwe ndawonye zonke izinto kuye u‐Kristu, nezo zisezulwini nezo zisemhlabeni, kwa kuye yena; 11ekukuye kanjalo sazuziswa ilifa, simiselwe pambili nje ngokwemvume yake ozenzayo zonke izinto ngokwecebo lentando yake; 12ukuze tina sibe ngenxa yokudunyiswa kwobungcwalisa bake, tina ke esitembileyo pambili kuye u‐Kristu: 13ekukuye nani, nakuva ilizwi lenyaniso, ivangeli yosindiswa lwenu, — ekukuye, nakukolwa kanjalo, nancanyatiselwa ngomoya oyingcwele wedinga, 14osisibambiselo selifa letu, kube kukukululwa kwemfuyo yake etengiweyo, kube kukudunyiswa kwobungcwalisa bake.
15Ngenxa yoku nam, ndakuva inkolo eninayo kwinkosi u‐Yesu, notando lwenu olungakubo bonke abangcwele, 16andipezi ukubulela ngenxa yenu, ndinikankanya nje emitandazweni yam; 17ukuba utixo wenkosi yetu u‐Yesu Kristu, uyise wobungcwalisa, aninike umoya wobulumko nesityilo, ekumazini yena; 18amehlo engqondo yenu ekanyiselwe nje, ukuba nazi into liyiyo itemba lobizo lwake, nento buyiyo ubutyebi bobungcwalisa belifa lake pakati kwabo abangcwele, 19nento buyiyo ubukulu obudluliseleyo bamandla ake ngakuti tina sikolwayo, ngokwokusebenza kwamandla obomelelo bake, 20oko wakusebenzayo ku‐Kristu, akumvusa kwabafileyo; waza wamhlalisa kwesokunene sake kwezasezulwini indawo, 21pezulu pezu kwabo bonke ubupati, negunya, namandla, nobukosi, nawo onke amagama abizwayo, kungekwelilizwe likoyo lodwa, kukwelo liza kuza nalo; 22wabeka pantsi zonke izinto ngapantsi kwenyawo zake; wamnika abe yintloko pezu kwezinto zonke kwiṙemente, 23eti yona ingumzimba wake, ubuzala balowo uzalisayo konke ngako konke.
Currently Selected:
Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Efese 1: XHO1902A
Highlight
Share
Copy
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.