YouVersion Logo
Search Icon

I‐Kesodusi 12

12
1WATSHO uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone ezweni le‐Jipete, esiti: 2Inyanga le yoba sisiqalo senyanga kuni; yoba yeyokuqala inyanga yomnyaka kuni yona.
3Tetani kuyo yonke intlanganiso yo‐Sirayeli, nisiti: Ngolweshumi usuku lwalenyanga mabazitabatele ixwana abanye ngabanye ngezindlu zoyise, libe linye ixwana kwindlu nye. 4Kodwa xeshekweni abendlu bancinane ukuba babe nexwana, andule alitabate umntu nommelwane wake okufupi nendlu yake, ngento engangenani lemipefumlo; nobalela ixwana abanye ngabanye ngokudla kwabo.
5Noba nexwana elimsulwa, liyinkunzana yomnyaka mnye; niya kulitabata ezigusheni umhlaumbi ezibokweni. 6Loba sekugcineni kwenu kude kube ngumhla weshumi linesine walenyanga; wonke umhlambi wentlanganiso yo‐Sirayeli uya kulixe̔la pakati kwokuhlwa.
7Babeya kucapula egazini, balibeke emigubasini yomibini, nasemqolweni, ezindlwini abaya kulidla kuzo.
8Nenyama baya kuyidla ngobobusuku, eyojiweyo ngomlilo, kwa nezonka ezingenagwele; boyidla kunye nemifuno eṙaṙa. 9Ningadli kuyo eṙwada, nepekiweyo ipekiwe ngamanzi, kodwa eyojiweyo ngomlilo; intloko yalo, kunye nentungo zalo nombilini walo. 10Aniyi kusalisa nto kulo kude kuse; okuseleyo kulo kude kwasa, niya kukutshisa ngomlilo. 11Nowenje njalo ukulidla: izinqe zenu ziya kubinqwa, izihlangu zenu zoba sezinyaweni zenu, nomsimelelo wenu woba sesandleni senu; niya kulidla ngobunxamo ke; yipasika kayehova lona.
12Ngokuba ndiya kucanda elizweni le‐Jipete kwa ngobubusuku, ndibete onke amazibulo asezwenile‐Jipete, nawabantu nawezilo; nabo bonke otixo base‐Jipete ndiya kuyenza imigwebo pezu kwabo, kwa mna Yehova. 13Laye igazi elo liya kuba ngumqondiso kuni pezu kwezindlu enikuzo; ndoti ndakubona igazi, ndigqite kuni, size singabiko pezu kwenu isibulalo sokutshabalalisa, xa ndilibetayo ilizwe le‐Jipete.
14Kanjalo lomhla woba yinkumbuzo kuni; niya kubamba wona ube ngowomtendeleko kuyehova; nowubamba ke ngezizukulwana zenu ube ngummiselwa ongunapakade. 15Nodla izonka ezingenagwele intsuku zibe sixe̔nxe; kwa ngosuku lwokuqala nolisusa igwele ezindlwini zenu: ngokuba osukuba esidla okubiliswayo, kowokuqala umhla kude kube ngowesixe̔nxe umhla, umpefumlo lowo uya kunqanyulwa ko‐Sirayeli. 16Ngomhla wokuqala kwobako intlanganisano engewele; nangomhla wesixe̔nxe noba nentlanganisano engewele; akuyi kwenziwa namnye umsebenzi ngawo, kupela into eya kutyiwa ngabantu bonke, ingenziwa nini yona yodwa. 17Naniya kugcina umtendeleko wezonka ezingenagwele; ngokuba ngokwa nguwo umhla lowo ndikupile imikosi yenu elizweni le‐Jipete: kukona niya kugcina lomhla ngezizukulwana zenu ube ngummiselwa ongunapakade. 18Ngeyokuqala inyanga, ngosuku lweshumi linesine lwenyanga, ngokuhlwa, nodla izonka ezingenagwele, kude kube lusuku lwamashumi mabini anesinyelwenyanga, ngokuhlwa. 19Intsuku zoba sixe̔nxe ekungayi kufunyanwa gwele ezindlwini zenu: ngokuba osukuba esidla okunegwele, kwa lowompefumlo uya kunqanyulwa entlanganisweni yo‐Sirayeli, nokuba ungowasemzini, nokuba ungozelweyo elizweni. 20Aniyi kudla nto ibiliswayo: kuzo zonke indawo zokuhlala zenu niya kudla izonka ezingenagwele.
21Waza u‐Mosesi wabiza bonke abadala bo‐Sirayeli, wati kubo: Ṙolani nizitabatele amaxwana ngezizalwane zenu, nixe̔le ipasika. 22Nize nitabate isiqunyana sehisope, nisifake egazini elisesityeni, nibete emqolweni nasemigubasini yomibini ngegazi elisesityeni; kanjalo nina, makungapumi namnye umntu elucangweni lwendlu yake kude kuse. 23Ngokuba uyehova eya kucanda ukuza kubeta ama‐Jipete; woti akubona igazi pezu kwomqolo, napezu kwemigubasi yomibini, andule uyehova agqite kolocango, angavumi ukuba umtshabalalisi angene ezindlwini zenu ukuza kubeta. 24Niya kugcina lento, ibe ngummiselwa kuwe nakonyana bako, kude kube ngunapakade. 25Kwakuya kuti, nakufika kwelozwe aya kunipa lona uyehova, njengokuba etshilo, niya kugcina lenkonzo. 26Kwoti kanjalo, xeshekweni abantwana benu baya kuti kuni: Yinto nina lenkonzo kuni? 27niya kwandula ukuti: Lidini lepasika kuyehova, owayegqita ezindlwini zosapo luka‐Sirayeli e‐Jipete, okuya wabebeta ama‐Jipete, wasindisa izindlu zetu. Baza abantu batoba ngapantsi, babedesha.
28Lwemka usapo luka‐Sirayeli lwenza njengokuba uyehova ebeyalele u‐Mosesi no‐Arone, lwenje njalo ke.
29KWAZA kwati pakati kwobusuku, wandula uyehova wabeta onke amazibulo asezweni le‐Jipete, kwa sezibulweni lika‐Faro obehleli eteroneni yake, kwada kwasezibulweni lombanjwa obesentolongweni, kwa nawo onke amazibulo ezilo. 30Waza wavuka u‐Faro ebusuku, kwa yena nazo zonke izicaka zake, nawo onke ama‐Jipete; kwaye kuko nesikalo esikulu e‐Jipete; ngokuba bekungeko nanye indlu apo angeko kona ofileyo. 31Waselebiza u‐Mosesi no‐Arone ebusuku, wati: Sukani, nipume ebantwini bam, kwa nina nosapo luka‐Sirayeli, niye nikonze uyehova njengokutsho kwenu. 32Zitabateni negusha zenu, nenkomo zenu, njengokutsho kwenu, nimke; ize ninditamsanqelise kanjako.
33Ati nama‐Jipete anyanzela abantu, ngokunxamela ukubandulula kwelozwe, ngokuba ebesiti: Sonke singabafileyo! 34Baza abantu batabata intlama yabo ingekabiliswa, imikombe yokubuca yabo ibotshiwe ezingutyeni zabo pezu kwamagxalaba abo. 35Lwaye usapo luka‐Sirayeli lwenza ngelizwi lika‐Mosesi; lwabiza kuma‐Jipete impahla zesilivere, nempahla zegolide, nezivato. 36Waye uyehova wanika abantu ufefe emehlweni ama‐Jipete, ada abenzela ukucela kwabo: baza bapanga ama‐Jipete.
37Lwandula usapo luka‐Sirayeli lwanduluka e‐Ramesese lwaya ngase‐Sukote, lungati lungamawaka angamakulu matandatu amadoda ehamba ngenyawo, ngapandle kwabantwana. 38Kwenyuka nalo nento eninzi yabadityanisiweyo, negusha, nenkomo, imfuyo enkulu kunene. 39Lwaza lwoja izonkana ezingenagwele ngentlama belupumile nayo e‐Jipete, ngokuba yona ibingabiliswanga; ngokuba belugxotwe e‐Jipete, lwada lwakohlwa ukulibala; lube lungazilungiselanga umpako kanjalo.
40Kekaloku ukuhlala kwosapo luka‐Sirayeli, olube luhleli ngako e‐Jipete, bekuyiminyaka imakulu mane, neminyaka imashumi matatu ngapandle. 41Kwaza kwati ekupeleni kweminyaka imakulu mane anamashumi matatu, kwandul’ ukuti ngokwa nguwo umhla lowo, kwapuma yonke imikosi kayehova ezweni le‐Jipete. 42Bubusuku obo bokugcinelwa uyehova, ngenxa yokuyipumisa kwake ezweni le‐Jipete: obu bobobusuku bokugcinelwa uyehova lulo lonke usapo luka‐Sirayeli ngezizukulwana zalo.
43Walekela wati uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone: Ngulo ummiselwa wayo ipasika: Osukuba engowasemzini akayi kutya kuyo: 44kodwa osukuba esisicaka somntu, otengiweyo ngemali, woti wakuba umalusile, andule atye kuyo. 45Oliṙanuka, nomqeshwa, akayi kudla kuyo. 46Iya kutyiwa endlwini nye; akuyi kupuma nento yenyama endlwini ukuya ngapandle; kanjalo aniyi kwapula nalinye itambo kuyo. 47Yonke intlanganiso yo‐Sirayeli iya kuyenza. 48Naxeshekweni kupambukele kuwe owasemzini, oya kuyenza ipasika kuyehova, makati onke amadoda anawo aluke, aze andule ukusondela, ayenze; waeya kuba njengozelweyo elizweni: kodwa osukuba engalukanga akasayi kutya kuyo. 49Umteto okwa mnye woba kozelweyo elizweni, nakowasemzini opambukeleyo pakati kwenu.
50Lwaye luyenza ke lonke usapo luka‐Sirayeli; kwa njengokuba uyehova ebeyalele u‐Mosesi no‐Arone, lwenje njalo ke.
51Kwaza kwati ngokwa nguwo umhla lowo, wapumisa uyehova usapo luka‐Sirayeli elizweni le‐Jipete ngemikosi yalo.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 12: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in