YouVersion Logo
Search Icon

I‐Kesodusi 16

16
1KWADA kwandulukwa e‐Elime; yaza yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli yafika entlango ye‐Sine, epakati kwe‐Elime ne‐Sinai, ngoweshumi linesihlanu umhla wenyanga yesibini yokupuma kwalo ezweni le‐Jipete. 2Yasuka yaṙoṙa yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli ngaku‐Mosesi nangaku‐Arone entlangoapo. 3Lwaye usapo luka‐Sirayeli lusiti kubo: Akwaba sabesifele ezweni le‐Jipete ngesandla sikayehova, nxa sibe sihleli ngasezimbizeni zenyama, nanxa sibe sisitya isonka kwada kwahlutwa! ngokuba nisipumisile ukuza kulentlango, ukuba nibubise wonke lomhlambi ngokulamba.
4Wandula uyehova wati ku‐Mosesi: Bona ke, ndiya kuninisela isonka ezulwini; babeya kupuma abantu, babute into yemini nye ngemini yayo; ukuze ndibalinge, ukuba bohamba emtetweni wam, abayi kuhamba kuwo, kusinina. 5Kwakuya kuti ngemini yesitandatu, bakulungisa oko bakungenisileyo, kwoba kokupindiweyo ngapezu kwoko bakubutayo imihla ngemihla.
6Baza bati u‐Mosesi no‐Arone kulo lonke usapo luka‐Sirayeli: Ngokuhlwa niya kwandula ukwazi ukuba nguyehova onikupileyo ezweni le‐Jipete; 7nangokusa niya kwandula ukubona ubungcwalisa bukayehova; ngokuba evile ukuṙoṙa kwenu ngakuyehova: kekaloku tina siyinto nina, okokuba niṙoṙa ngakuti? 8Wati kanjalo u‐Mosesi: Nxa uyehova aya kunipa ngokuhlwa inyama ukuba nitye, ati kwakusa anipe isonka ukuba nihlute, kwoba ngokuba uyehova evile ukuṙoṙa kwenu eniṙoṙa ngako ngakuye: kekaloku tina siyinto nina? akungakuti ukuṙoṙa kwenu, kungakuye uyehova.
9Waza u‐Mosesi wati ku‐Arone: Yiti kuyo yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli: Sondelani ebusweni bukayehova; ngokuba evile ukuṙoṙa kwenu. 10Kwaye kute, nxa asateta u‐Arone kuyo yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, kwabekwa ngasentlango, kekaloku nabu ubungcwalisa bukayehova bubonakala efini. 11Waza wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 12Ndikuvile ukuṙoṙa kwosapo luka‐Sirayeli; teta kulo, usiti: Pakati kwokuhlwa niya kudla inyama, nangokusa niya kuhluta sisonka; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, utixo wenu.
13Kwaza kwati, ngokuhlwa zenyuka izagwityi, zagubungela umnquba; nangokusa umbete waulele ungqonga umnquba. 14Kwati kwakunyuka umbete obulele kona, nantsi ipezu kwobuso bentlango into encinanana equvileyo, encinanana njengengqele emhlope pezu kwomhlaba. 15Lwaza usapo luka‐Sirayeli, lwakuyibona, lwati olunye kolunye: Yinto nina le? ngokuba lube lungazi iyinto nina. Wayesiti u‐Mosesi kulo: Le isisonka anipileyo uyehova sibe kukutya. 16Into ayiyaleleyo uyehova yile yokuti: Butani kuyo, abanye ngabanye ngento engangokutya kwabo, ibe yiomere kumntu mnye, njengenani leziqu zakokwenu; bonke mabatabatele abo basezintenteni zabo. 17Lwenje njalo usapo luka‐Sirayeli, lwabuta ke, inxenye ngokuninzi, nenxenye ngokuncinane. 18Kodwa kwakulinganiswa ngeomere, obebute okuninzi akabanga nokupezulu, nobebute okuncinane akabanga nakuswela; babuta abanye ngabanye ngento engangokutya kwabo. 19Wayesiti u‐Mosesi kubo: Makungabiko mntu osalisa kuyo kude kuse. 20Abampulapula u‐Mosesi noko; kodwa inxenye babesalisa kuyo kwada kwasa, yaza yabola zimpetu, yanuka; wabaqumbela ke u‐Mosesi. 21Kekaloku bayibuta ngemiso ngemiso, abanye ngabanye ngento engangokutya kwabo; yati, lakubalela ilanga, yanyibilika.
22Kwaza kwati, ngemini yesitandatu babuta isonka esipindiweyo, zaziziomere zimbini kumntu mnye; zasuka zonke inkosana zentlanganiso zeza zaxela ku‐Mosesi. 23Wayesiti kuzo: Koku uyehova akutshilo: Ngomso lixesha lopumlo, isabata eyingcwele kuyehova; leyo niya kuyoja, yojeni, naleyo niya kuyipeka, yipekeni: nayo yonke eliliva nizibekelele yona ize igcinwe kude kuse. 24Baza bayibekela kwada kwasa, njengokuba ebeyalele u‐Mosesi; ayanuka ke, akwabako mpetu kuyo kanjalo. 25Wandula wati u‐Mosesi: Yityani leyo namhla nje, ngokuba namhla yisabata kuyehova; aniyi kuyifumana ezindle namhla. 26Noyibuta imihla ibe mitandatu; kodwa ngomhla wesixe̔nxe, ngowesabata, ayiyi kubako ngawo. 27Kwaza kwati ngomhla wesixe̔nxe, kwapuma inxenye yabantu ukuya kubuta, koko bengafumananga. 28Waza wati uyehova ku‐Mosesi: Niya kwala kude kube ninina ukugcina imiyalelo yam nemiteto yam? 29Niyabona ke, ngokokuba uyehova enipile isabata, kukona anipayo ngomhla wesitandatu isonka semihla mibini: hlalani, abanye ngabanye ezindaweni zabo, kungesuki namnye endaweni yake ngomhla wesixe̔nxe. 30Baza abantu bapumla ngomhla wesixe̔nxe. 31Kekaloku indlu ka‐Sirayeli yayibiza ngegama eliyimana: yabinjengembewu yekoriyande, imhlope; nesongo layo belinjengezonkana ezinobusi.
32Wati kanjalo u‐Mosesi: Into ayiyaleleyo uyehova yile yokuti: Zalisani iomere ngayo, ize igcinelwe izizukulwana zenu; ukuze babone isonka endinidlisile sona entlango, ndakunikupa elizweni le‐Jipete. 33Waza wati u‐Mosesi ku‐Arone: Tabata isitya sibe sinye, uyibeke kuso iomere izele yemana; uze uyibekele ngasebusweni bukayehova, ukuba igcinelwe izizukulwana zenu. 34Njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi, kwa njalo u‐Arone wayibekela ngasebusweni betyeya yesinqi̔no ukuba igcinwe. 35Lwaye usapo luka‐Sirayeli belusidla imana iminyaka yamashumi mane, lwada lwafika ezweni elimiweyo; lwadla imana lwada lwafika emideni yelizwe le‐Kanane. 36Kekaloku iomere iseseshumi isiqingata seyefa.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 16: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in