YouVersion Logo
Search Icon

I‐Kesodusi 17

17
1YAZA yanduluka yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli entlango ye‐Sine, ngemfuduko zayo, njengokuxela kukayehova, yada yati waca e‐Refidime: kwaye kungeko manzi okuba basele abantu. 2Ngako abantu bapika no‐Mosesi, bati: Sipe amanzi, sisele. Wati kubo u‐Mosesi: Yinina ukuba nipike nam? Yinina ukuba nilinge uyehova? 3Koko abantu bebenxanelwa amanzi kona; bandula abantu baṙoṙa ngaku‐Mosesi, bati: Yinina lento ukuba usinyusile e‐Jipete, ukuze usibubise tina, nabantwana betu, nenkomo zetu, ngenxanwa?
4Waza u‐Mosesi wakala kuyehova, esiti: Ndoti nina kubo ababantu? bohla bandigibisele ngamatye! 5Wati uyehova ku‐Mosesi: Yandulela wena pambi kwabantu, utabate nawe kubadala bo‐Sirayeli; nentonga yako, obubeta ngayo umlambo, uyipate esandleni sako, uhambe. 6Bona ke, ndiya kuma ebusweni bako kona, pezu kwelityekazi lase‐Horebe; wauya kubeta ilityekazi, kuze kupume amanzi kulo, ukuba basele abantu. Wenje njalo ke u‐Mosesi emehlweni abadala bo‐Sirayeli. 7Wabiza igama lalondawo ngo‐Masa#17:7 Oko kukuti: Ukulinga., nango‐Meriba#17:7 Oko kukuti: Ukupika., ngenxa yokupika kwosapo luka‐Sirayeli, nangenxa yokumlinga kwalo uyehova, lusiti: Uko na uyehova pakati kwetu, akako kusinina?
8KWANDULA kweza o‐Amaleki, balwa no‐Sirayeli e‐Refidime. 9Waza wati u‐Mosesi ku‐Yoshuwa: Siketele amadoda, uze upume, ulwe no‐Amaleki; ngomso ndiya kuma engcopo yenduli, ndinentonga katixo esandleni sam. 10Waya u‐Yoshuwa wenza njengokuba ebetshilo kuye u‐Mosesi, walwa no‐Amaleki; koko u‐Mosesi, no‐Arone, no‐Hure, benyukela engcotsheni yenduli. 11Kwaza kwati, akupakamisa isandla sake u‐Mosesi, kwandula kweyisa o‐Sirayeli; kanti akuhlisa isandla sake, kwandula kweyisa o‐Amaleki. 12Kodwa izandla zika‐Mosesi zaba nzima; ngako batabata ilitye, balibeka ngapantsi kwake, waza wahlala pezu kwalo: bati u‐Arone no‐Hure baxasa izandla zake, omnye engelinye icala, omnye engelinye; zaza izandla zake zati nqi lada latshona ilanga. 13Kwa njalo u‐Yoshuwa wacita o‐Amaleki nabantu bakowabo ngohlangoti lwesiṙele. 14Waza uyehova wati ku‐Mosesi: Ba̔la lento ibe yinkumbuzo encwadini, uyibeke ezindlebeni zika‐Yoshuwa; ngokuba ndiya kugqibela ukucima inkunjulwa ka‐Amaleki ngapantsi kwezulu. 15Wandula u‐Mosesi waka isibingelo, wasibiza ngegama lokuti: Uyehova yibanile yam! 16ngokuba ebesiti: Ngokokuba isandla sabo sibe singakuyo iterone kayehova, kukona imfazwe kayehova iya kuba ngako‐Amaleki kwisizukulwana ngesizukulwana.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 17: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in