YouVersion Logo
Search Icon

I‐Kesodusi 24

24
1WAZA wati ku‐Mosesi: Nyukela kuyehova, wena no‐Arone, u‐Nadabi no‐Abihu, namashumi asixe̔nxe kubadala bo‐Sirayeli; nize nibedeshe nikude. 2Makasondele u‐Mosesi yedwa kuyehova; bona kanti mabangasondeli; nabantu mabangenyuki naye.
3Weza u‐Mosesi wabalisela abantu onke amazwi kayehova, nazo zonke izigwebo: baza bapendula bonke abantu ngelizwi linye, bati: Onke amazwi awatetileyo uyehova siya kuwenza.
4Waye u‐Mosesi waoa̔la onke amazwi kayehova, wavuka kwa kusasa, waka isibingelo ezantsi kwentaba, neshumi elinambini lentsika zamatye, njengezilishumi linazibini izizwe zo‐Sirayeli. 5Watuma amadodana aselusatsheni luka‐Sirayeli, awanikelayo amadini okutshiswa, abingela uyehova nemibingo yoxolo ngenkatyana. 6Waza u‐Mosesi watabata esinye isiqingata segazi, walibeka ezityeni; nesinye isiqingata segazi, walitshiza pezu kwesibingelo. 7Watabata nencwadi yocebano, walesesha ezindlebeni zabantu; abati: Konke akutetileyo uyehova siya kukwenza, sive nokuva. 8Waza u‐Mosesi watabata igazi elo, walitshiza pezu kwabantu, wati: Nali igazi locebano uyehova alwenzileyo nani ngawo onke lamazwi.
9Bandula benyuka u‐Mosesi no‐Arone, u‐Nadabi no‐Abihu, namashumi asixe̔nxe kubadala bo‐Sirayeli. 10Baye bebona utixo wo‐Sirayeli: nangapantsi kwenyawo zake bekunjengesetyenzwa lesafire ebengezelayo, nanjengesibili sezulu ngokukazimla. 11Koko engolulanga isandla sake ngakuwo amaduna osapo luka‐Sirayeli; kodwa abona utixo, adla asela nokusela.
12Waza uyehova wati ku‐Mosesi: Nyukela kum entabeni, ube kona apo; ndandiya kukunika amacwecwe amatye, nomteto, nemiyalelo endiyiba̔lileyo, ukuba bafundiswe. 13Wesuka ke u‐Mosesi, no‐Yoshuwa umkonzi wake; waza u‐Mosesi wenyukela entabeni katixo. 14Wayesiti kubadala: Silindeni apa, side sibuye size kuni: kanjalo naba u‐Arone no‐Hure benani; osukuba enendawo yokumangalela, makasondele kubo.
15Waza u‐Mosesi wenyukela entabeni, lati ilifu lagubungela intaba. 16Kanjalo ubungcwalisa bukayehova bahlala pezu kwentaba ye‐Sinai, nelifu layigubungela intsuku zantandatu; waza ngolwesixe̔nxe usuku wambiza u‐Mosesi kwa pakati kwelifu. 17(Kekaloku ukubonakala kwobungewalisa bukayehova kwakunjengomlilo odlayo, engcotsheni yentaba, emehlweni osapo luka‐Sirayeli.) 18Wasuka u‐Mosesi wangena pakati kwelifu, wenyukela entabeni: waye u‐Mosesi wasentabeni imini zamashumi mane nobusuku bamashumi mane.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 24: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in