YouVersion Logo
Search Icon

I‐Kesodusi 7

7
1Waza uyehova wati ku‐Mosesi: Kangela, ndikwenzile ube ngutixo ku‐Faro; no‐Arone, umkuluwe wako, woba ngumprofite wako. 2Uya kuteta wena konke endikuyalela ngako; andule u‐Arone, umkuluwe wako, atete ku‐Faro, ukuba andulule usapo luka‐Sirayeli elizweni lake. 3Nam ndiya kuyenza lukuni intliziyo ka‐Faro; ndandiya kwandisa imiqondiso yam nemimangaliso yam ezweni le‐Jipete. 4Koko u‐Faro engayi kunipulapula, ndandiya kubeka isandla sam pezu kwe‐Jipete, ndikupe imikosi yam, abantu bam abalusapo luka‐Sirayeli, elizweni le‐Jipete, ngemigwebo emikulu. 5Aeya kukwazi ama‐Jipete okokuba ndi nguyehova, ekwoluleni kwam isandla sam pezu kwe‐Jipete, nasekukupeni kwam usapo luka‐Sirayeli pakati kwawo.
6Baza u‐Mosesi no‐Arone benza njengoko uyehova wabeyalele ngako; benza ngokunjalo ke. 7Waye u‐Mosesi, ubudala bake, wayiminyaka imashumi asibozo, no‐Arone obake babuyiminyaka imashumi asibozo anemitatu, okuya bateta no‐Faro.
8Waza wateta uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone, esiti: 9Xeshekweni u‐Faro aya kuteta nani, esiti: Zenzeleni ummangaliso; wandule uti ku‐Arone: Tabata intonga yako, uyipose pantsi ebusweni buka‐Faro; yoba yinyoka ke. 10Baya u‐Mosesi no‐Arone ku‐Faro, benje njalo ke, njengokuba uyehova ebeyalele: wati u‐Arone waposa pantsi intonga yake ebusweni buka‐Faro, nasebusweni bezicaka zake, yaza yaba yinyoka. 11Wandula u‐Faro wabiza izilumko nezanuse: zaza incibi zase‐Jipete zenje njalo nazo ngento zobugqi bazo. 12Ngokuba zibe ziposa pantsi ezinye ngezinye intonga zazo, zaza zaba zinyoka; koko isuke intonga ka‐Arone yaginya intonga zazo. 13Yaba gwenxa ke intliziyo ka‐Faro, waza akabapulapula, njengokuba ebetshilo uyehova.
14Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Inzima intliziyo ka‐Faro: uyala ukubandulula abantu. 15Yiya ku‐Farokwakusa; bona ke, wopuma ukuya emanzini; wauya kuma malungana naye elunxwemeni lwomlambo; nentonga ebiguqulwa yaba yinyoka uya kuyipata esandleni sako.
16Wauya kuti kuye: Uyehova, utixo wama‐Hebere, unditumile kuwe, esiti: Bandulule abantu bam, ukuze bandikonze entlango; kodwa bona ke, akupulapulanga kwada kwakaloku nje. 17Utsho uyehova ukuti: Ngako oku uya kukwazi okokuba ndi nguyehova; bona ke, ndiya kubeta ngentonga esesandleni sam pezu kwamanzi asemlanjeni, aeya kuguqulwa abe ligazi. 18Kanjalo intlanzi ezisemlanjeni ziya kufa, ude unuke umlambo; oti nama‐Jipete adele ukusela amanzi omlambo.
19Waza wati uyehova ku‐Mosesi: Yiti ku‐Arone: Tabata intonga yako, usolule isandla sako pezu kwamanzi ase‐Jipete, pezu kwemilanjana yabo, pezu kwemijelo yabo, napezu kwamacibi abo, napezu kwazo zonke indawo zabo zokuhlanganisana kwamanzi, abe ligazi; kuze kubeko igazi kulo lonke ilizwe le‐Jipete, nakweyemiti nakweyamatye imipanda.
20Baye besenje njalo u‐Mosesi no‐Arone, njengokuba ebeyalele uyehova; wapakamisa intonga, wabeta amanzi asemlanjeni, pambi kwamehlo ka‐Faro, napambi kwamehlo ezicaka zake; aza aguqulwa onke amanzi asemlanjeni aba ligazi. 21Kanjalo intlanzi ezisemlanjeni zafa ke; wanuka nomlambo, ada ama‐Jipete akohlwa kusela amanzi omlambo; laye libako igazi kulo lonke ilizwe le‐Jipete. 22Zaza incibi zase‐Jipete zenje njalo ngento zobugqi bazo: yaba gwenxa ke intliziyo ka‐Faro, akabapulapula kanjako, njengokuba ebetshilo uyehova. 23Wasuka wajika u‐Faro, waya endlwini yake engayibekelanga nalento intliziyo yake. 24Aza onke ama‐Jipete embela amanzi okusela ezindaweni ezingqongayo umlambo; ngokuba ebekohlwa ukusela amanzi omlambo. 25Zaye zizaliseka intsuku zasixe̔nxe, emveni kwokuba ebebetile umlambo uyehova.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 7: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in