YouVersion Logo
Search Icon

I‐Kesodusi 8

8
1WABUYA wati uyehova ku‐Mosesi: Yiya ku‐Faro, uti kuye: Utsho uyehova ukuti: Bandulule abantu bam, ukuze bandikonze. 2Naxeshekweni usala wena ukubandulula, bona ke, ndiya kubeta yonke imida yako ngamasele; 3ude umlambo uvelise amasele kakulu; aeya kunyuka angene endlwini yako, nasenkambilini yako yokulala, napezu kwawo umandlalo wako, nasendlwini yezicaka zako, napezu kwabantu bako, nasemaziko ako, nasemikombeni yokubuca yako. 4Kanjalo amasele lawo okwela pezu kwako, napezu kwabantu bako, napezu kwazo zonke izicaka zako.
5Walekela wati uyehova ku‐Mosesi: Yiti ku‐Arone: Yolula isandla sako ngentonga yako pezu kwemilanjana, napezu kwemijelo, napezu kwamacibi, uwenze amasele enyuke pezu kwelizwe le‐Jipete. 6Waye u‐Arone wolula isandla sake pezu kwawo amanzi ase‐Jipete; aza enyuka amasele, agubungela ilizwe le‐Jipete. 7Zazisenje njalo nencibi ngento zobugqi bazo, zenyusa amasele pezu kwelizwe le‐Jipete.
8Wandula u‐Faro wabiza u‐Mosesi no‐Arone, wati: Tandazani kuyehova ukuba asuse amasele kum, nasebantwini bam; ndandiya kubandulula abantu baye kubingela uyehova. 9Waza wati u‐Mosesi ku‐Faro: Ziqa̔yise pezu kwam! Kwoba ninina endiya kutandazela wena, nezicaka zako, nabantu bako, ukuba kutshatyalaliswe lamasele kuwe, nakuzo izindlu zako, asale emlanjeni wodwa? 10Wati: Kube ngomso. Wayesiti: Makube njengelizwi lako, ukuze ukwazi okokuba akuko onjengaye uyehova, utixo wetu. 11Oti amasele emke kuwe, nasezindlwini zako, nasezicakeni zako, nasebantwini bako; osala emlanjeni wodwa.
12Bada bapuma u‐Mosesi no‐Arone ku‐Faro: waza u‐Mosesi wakala kuyehova ngendawo yamasele abewazisile pezu kwo‐Faro. 13Waye uyehova wenza ngelizwi lika‐Mosesi; afa ke amasele kwa sezindlwini, nasemabaleni, nasemasimini. 14Baza bafumbisa ngawo imfumba ngemfumba; wada wanuka umhlaba. 15Kodwa u‐Faro akubona ukuba kuko ixesha lokuti pefu, wayenza nzima intliziyo yake, engabapulapulanga, njengokuba ebetshilo uyehova.
16Wabuya wati uyehova ku‐Mosesi: Yiti ku‐Arone: Yolula intonga yako, ubete utuli lwomhlaba luze lube zintwala kulo lonke ilizwe le‐Jipete. 17Baye besenje njalo ke: ngokuba u‐Arone wolula isandla sake ngentonga yake, wabeta utuli lwomhlaba, olwaba zintwala ebantwini nasezinkomeni: lwonke utuli lwomhlaba lwaba zintwala kulo lonke ilizwe le‐Jipete. 18Zenje njalo nencibi ngento zobugqi bazo, ukuba zivelise intwala; koko zakohlwayo: kwaza kwabako intwala pezu kwabantu napezu kwenkomo. 19Zaza zati incibi ku‐Faro: Ngumnwe katixo oku! Yaba gwenxa intliziyo ka‐Faro noko, akabapulapula kanjako, njengokuba ebetshilo uyehova.
20Wandula uyehova wati ku‐Mosesi: Vuka kusasa ngomso, uye uzimise ebusweni buka‐Faro; bona ke, wopuma ukuya emanzini; uti kuye: Utsho uyehova ukuti: Bandulule abantu bam, ukuze bandikonze. 21Ngokuba xeshekweni ungandululi abantu bam, bona ke, ndiya kutuma izibau zibe pezu kwako, napezu kwezicaka zako, napezu kwabantu bako, nasezindlwini zako; zide zizale izindlu zama‐Jipete zizibau, kwa nomhlaba apezu kwawo. 22Ndandiya kulahlula ngalomini ilizwe le‐Goshene, abemi kulo abantu bam, ukuba zingabiko kona izibau; ukuze ukwazi okokuba mna ndi nguyehova pakati kwomhlaba. 23Ndandiya kubeka isahlulo pakati kwabantu bam nabantu bako. Ngomso wobako lomqondiso. 24Wenje njalo ke uyehova; kwaye kusiza amabukubuku ezibau endlwini ka‐Faro, nasezindlwini zezicaka zake, nakulo lonke ilizwe le‐Jipete; lonakaliswa ilizwe zizibau ezo.
25Waza u‐Faro wabiza u‐Mosesi no‐Arone, wati: Hambani, niye nibingele utixo wenu kwelilizwe. 26Koko wati u‐Mosesi: Akufanelekile ukuba senje njalo; ngokuba siya kubingela uyehova, utixo wetu, okuyintshontsho kuma‐Jipete; bona ke, kesiya kubinga okuyintshontsho kuma‐Jipete pambi kwamehlo awo, aze angasigibiseli ngamatye na? 27Soya ihambo yentsuku ntatu entlango, sibingele uyehova, utixo wetu, njengokuba eya kutsho kuti. 28Waza wati u‐Faro: Ndonindulula ke, ukuba niye kubingela uyehova, utixo wenu, entlango; kodwa musani ukuya kude kakulu: nditandazeleni ke. 29Wayesiti u‐Mosesi: Bona ke, ndipuma kuwe, ndandiya kutandaza kuyehova, ukuba izibau zimke ku‐Faro, nasezicakeni zake, nasebantwini bake, ngomso; kodwa makangapindi u‐Faro ukwenza ngenkohliso, ngokungandululi abantu baye kubingela uyehova.
30Wandul’ ukupuma u‐Mosesi ku‐Faro, waya watandaza kuyehova. 31Waye uyehova wenza ngelizwi lika‐Mosesi; wemkisa izibau ku‐Faro, nasezicakeni zake, nasebantwini bake; akwasala nasinye. 32Kanti u‐Faro wayenza nzima intliziyo yake nangelixesha; akandulula abantu kanjako.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 8: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in