YouVersion Logo
Search Icon

I‐Kesodusi 9

9
1WAZA wati uyehova ku‐Mosesi: Yiya ku‐Faro, utete naye, usiti: Utsho uyehova, utixo wama‐Hebere, ukuti: Bandulule abantu bam, ukuze bandikonze. 2Ngokuba xeshekweni usala ukubandulula, umana ubabamba nje, 3bona ke, isandla sikayehova soba pezu kwenkomo zako ezisendle, pezu kwamahashe, pezu kwamaqwaṙashe, pezu kwenkamela, pezu kwenkabi, napezu kwegusha: isifo esinzima kunene. 4Waye uyehova eya kwahlula pakati kwenkomo zama‐Sirayeli nenkomo zama‐Jipete; akuyi kufa nto kuzo zonke ezizezosapo luka‐Sirayeli. 5Waza uyehova wadala ixesha elitile, esiti: Ngomso uyehova uya kwenza lento kwelilizwe.
6Waye uyehova wayenza lento kwakusa, zati zonke inkomo zama‐Jipete zafa; kanti kwinkomo zosapo luka‐Sirayeli akufanga nanye. 7Waza watuma u‐Faro, kekaloku bona ke, akufanga kuzo inkomo zama‐Sirayeli kwa nanye. Wenza nzima u‐Faro intliziyo yake noko; akandulula abantu kanjako.
8Wandula uyehova wati ku‐Mosesi naku‐Arone: Zitabateleni ngento ezalisa izandla ututu lwesidlangalala; ati u‐Mosesi alusasaze ngasezulwini pambi kwamehlo ka‐Faro. 9Lwaluya kuba njengotuli kulo lonke ilizwe le‐Jipete, lube ngamatumba ejaduka ngamatyakuva, pezu kwabantu, napezu kwezilo, kulo lonke ilizwe le‐Jipete. 10Baza balutabata ututu lwesidlangalala, bema pambi kwo‐Faro; waye u‐Mosesi walusasaza ngasezulwini; lwaza lwaba ngamatumba ejaduka ngamatyakuva, pezu kwabantu, napezu kwezilo. 11Zati incibi zakohlwa kukuma ebusweni buka‐Mosesi ngenxa yamatumba; ngokuba bekuko amatumba pezu kwencibi, napezu kwama‐Jipete onke. 12Waye uyehova wagwenxisa intliziyo ka‐Faro, waza akabapulapula, njengokuba uyehova ebetshilo ku‐Mosesi.
13Wabuya wati uyehova ku‐Mosesi: Vuka kusasa ngomso, uye uzimise ebusweni buka‐Faro, uti kuye: Utsho uyehova, utixo wama‐Hebere, ukuti: Bandulule abantu bam, ukuze bandikonze. 14Ngokuba ngelixesha ndiya kutuma zonke izibulalo zam entliziyweni yako, napezu kwezicaka zako, napezu kwabantu bako; ukuze ukwazi okokuba akuko onjengam kuwo wonke umhlaba. 15Ngokuba kaloku bendingolulayo isandla sam, ndibete wena nabantu bako ngesifo esibubisayo; uze utshatyalaliswe emhlabeni. 16Kodwa okunene, ngenxa yoku ndikumisile, ngenxa yokuba ndikubonise amandla am, nokuba igama lam lishunyayelwe emhlabeni wonke. 17Usazipakamisa ngakubo abantu bam na, ukuba akuyi kubandulula? 18Bona ke, malunga nelixesha langomso ndiya kunisa izicoto ezinzima kakulu, ekungazanga kubeko ezinjalo e‐Jipete, kwa semhleni wokusekwa kwayo kwada kwakaloku nje. 19Ngako kaloku tuma ke, ugoduse inkomo zako, nako konke onako ezindle; bonke abantu nezilo eziya kufunyanwa ezindle zingabutelwanga endlwini, zakuhla pezu kwazo izicoto, ziya kufa.
20Obesoyika ilizwi likayehova pakati kwezicaka zika‐Faro, izicaka zake nenkomo zake wazisabisela ezindlwini. 21Kodwa obengabekeli ilizwi likayehova intliziyo yake, wazishiya izicaka zake nenkomo zake ezindle.
22Wayesiti uyehova ku‐Mosesi: Yolula isandla sako ngasezulwini, kuze kubeko izicoto kulo lonke ilizwe le‐Jipete, pezu kwabantu, napezu kwezilo, napezu kwayo yonke imifuno yasendle, kulo lonke ilizwe le‐Jipete. 23Wasuka u‐Mosesi wayolula intonga yake ngasezulwini; waza uyehova wakupa indudumo nezicoto, wati umlilo wabaleka pezu kwomhlaba; wanisa uyehova izicoto pezu kwelizwe le‐Jipete. 24Kwaye bekuko izicoto, nomlilo upitikeziwe ndawonye nezicoto; zazinzima kakulu, ekungazanga kubeko ezinjalo kulo lonke ilizwe lama‐Jipete, kuseloko aba sisizwe. 25Zaza izicoto zabeta kulo lonke ilizwe le‐Jipete konke okusendle, kwa nabantu nezilo; zati izicoto kanjalo zabeta yonke imifuno yasendle, zapula yonke imiti yasendle nayo. 26Kupela ezweni le‐Goshene, apo lwalukona usapo luka‐Sirayeli, bekungeko zicoto.
27Waza watuma u‐Faro, wabiza u‐Mosesi no‐Arone, wati kubo: Ndonile ngoku; uyehova ulungile, mna kodwa nabantu bam sikohlakele. 28Tandazani kuyehova, (ngokuba sekwanele,) kuze kungabi sabiko indudumo zikatixo nezicoto; ndose ndinindulula ke, naningayi kuba salibala. 29Waza u‐Mosesi wati kuye: Nxa ndipumileyo esixekweni, ndiya kutwabulula izandla zam ngakuyehova: indudumo ziya kupeza, nezicoto aziyi kuba sabiko; ukuze ukwazi okokuba umhlaba ungo kayehova. 30Wena kanti nezicaka zako, ndiyazi ukuba anikamoyiki uyehova utixo.
31Kekaloku kwakubetiwe umyaṙa neṙalasi; ngokuba iṙalasi ibisel’ idubule, nomyaṙa wausel’ utyatyambile. 32Kodwa inqolowa nespelete zazingabetwanga zona; ngokuba zibe zingekahlumi.
33Waye u‐Mosesi wapuma esixekweni ku‐Faro, watwabulula izandla zake ngakuyehova; kwandu ukupeza indudumo nezicoto, ayaba sagalelwa nemvula emhlabeni. 34Wati u‐Faro akubona ukuba kupelile imvula, nezicoto, nendudumo, wabuya wona, wayenza nzima intliziyo yake, kwa yena nezicaka zake. 35Yaba gwenxa ke intliziyo ka‐Faro, waza akandulula usapo luka‐Sirayeli, njengokuba ebetshilo uyehova ngaye u‐Mosesi.

Currently Selected:

I‐Kesodusi 9: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in