YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 20

20
1WEMKA apo u‐Abrahame waya ngasezweni lasesuyide, wema pakati kwe‐Kadeshe ne‐Shure; waza wapambukela e‐Gerari. 2Wabetshilo u‐Abrahame ngaye u‐Sara umfazi wake ukuti: Ngudade wam yena; ngako watuma u‐Abimeleki, ukumkani we‐Gerari, wamsusa u‐Sara.
3Kanti weza utixo ku‐Abimeleki ngepupa ebusuku, wati kuye: Bona ke, ungofileyo ngenxa yalomfazi umsusileyo, ngokuba yena selendile endodeni. 4Kodwa u‐Abimeleki ebengasondelanga kuye: waza wati: Nkosi! isizwe esilungileyo woka usibulale kusinina? 5Akatshongo na ukuti kum: Ngudade wam? naye, wabe kwa yena esiti: Ngumkuluwe wam: kungolungelelwano lwentliziyo yam nangobumsulwa bezandla zam endikwenzile oku. 6Waza utixo wati kuye epupeni: Nam ndiyakwazi ukuba kungolungelelwano lwentliziyo yako ukwenzile oku; ngokuba kanjalo ndikunqandile ekwoneni ngakum; kukona ndingakuvumelanga ukuba umcukumise. 7Uze uti kaloku ubuyise umfazi walendoda, ngokuba ingumprofite yona, yaiya kukutandazela, ukuze upile; kodwa ukuba akumbuyisi, yazi okokuba uya kufa ngokufa, kwa wena, nako konke unako.
8Wayevuka u‐Abimeleki kwa kusasa, wabiza zonke izicaka zake, wateta onke lamazwi ezindlebeni zazo. Ati amadoda lawo oyika kakulu. 9Waza u‐Abimeleki wambiza u‐Abrahame, wati kuye: Yinto nina uyenzileyo kuti? kanjalo yinto nina endikwonile ngayo, ukuba uzisile pezu kwam napezu kwobukumkani bam ityala elikulu kangaka? izenzo ezinga zingenziwe uzenzile kum. 10Walekela u‐Abimeleki ukuti ku‐Abrahame: Ububona nto nina, ukuba wayenza lento? 11Waza wati u‐Abrahame: Bekungokuba bendisiti: Okunene akuko ukwoyikwa kukatixo kulendawo; sebeya kundibulala ngenxa yomfazi wam. 12Kanti unguye nodade wam ngenyaniso; uyintombi kabawo, kodwa akayiyo intombi kama̔; wada waba ngumfazi wam. 13Kwaza kwati, okuya utixo wandibangazisayo endlwini kabawo, kendati kuye: Obu bubububele uya kundenzela bona: kuzo zonke indawo esiya kufika kona, uti ngam: Ngumkuluwe wam yena. 14Wandula u‐Abimeleki watabata izimvu, nenkabi, nezicaka, nezicakakazi, wazinika ku‐Abrahame, wambuyisela kuye no‐Sara umfazi wake. 15Wayesiti u‐Abimeleki: Nangu umhlaba wam usebusweni bako; hlala apo kulungile emehlweni ako ukuba uhlale kona. 16Wati nakuye u‐Sara: Bona ke, ndimnikile umkuluwe wako iwaka leshekele zesilivere; bona ke, usisigubungelo samehlo kuwe, kubo bonke abakunye nawe, nakunye nabanye bonke: bekunjalo ukwohlwaywa kwake. 17Waza u‐Abrahame watandaza kutixo; waye utixo wapilisa u‐Abimeleki, nomfazi wake, nezicakakazi zake; bada bazala. 18Ngokuba uyehova ebegqibele ukuzivingca zonke izizalo zabendlu ka‐Abimeleki, ngenxa ka‐Sara umfazi ka‐Abrahame.

Currently Selected:

I‐Genesise 20: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in