YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 25

25
1WAYE u‐Abrahame walekela ukuzeka umfazi, ogama lalingu‐Ketura. 2Owamzalela u‐Zimrane, no‐Yokeshane, no‐Medane, no‐Midiyane, no‐Shebaki, no‐Shuha. 3Wati u‐Yokeshane wazala u‐Sheba no‐Dedane: nonyana baka‐Dedane bebengama‐Ashuri, nama‐Letushi, nama‐Lewumi. 4Nonyana baka‐Midiyane; ngu‐Hefa, no‐Heferi, no‐Hanoki, no‐Abida, no‐Ledaha. Bonke aba bangonyana baka‐Ketura.
5Waye u‐Abrahame wamnika u‐Yisake konke abenako. 6Kanti onyana bamashweshwe, abenawo u‐Abrahame, wabanika u‐Abrahame amabaso, wabandulula kuye u‐Yisake unyana wake, nxa asahleli, ukuya ngapambili, ezweni langasecaleni lipuma ilanga.
7Yiyo le imihla yeminyaka yokuhlala kuka‐Abrahame wabehlala ngako, iminyaka ilikulu linamashumi asixe̔nxe anamihlanu. 8Wada wapuma umpefumlo u‐Abrahame, wafa enobudala obukolisileyo, elixego, ezele yimihla, wabutelwa ebantwini bake. 9Baza bamncw̔aba u‐Yisake no‐Shimayeli onyana bake, emqolombeni wase‐Makapela, entsimini ka‐Hefrone, unyana ka‐Tsohare, um‐Hete, engapambi kwe‐Mamre. 10Intsimi owayitenga u‐Abrahame elusatsheni luka‐Hete, kwa kona apo kwancw̔atywa u‐Abrahame, no‐Sara umfazi wake.
11Kwaza kwati, emveni kwokufa kuka‐Abrahame, wandula utixo wamtamsanqela u‐Yisake unyana wake; waye u‐Yisake wahlala ngasequleni le‐Lahai‐roi.
12Ezi ke zizizizukulwana zika‐Shimayeli, unyana ka‐Abrahame, lowo u‐Hagare um‐Jipetekazi, ikobokakazi lika‐Sara, wamzalela u‐Abrahame. 13Nanga amagama onyana baka‐Shimayeli, ngamagama abo njengokuzalwa kwabo: owamazibulo ka‐Shimayeli u‐Nebayoti, no‐Kedare, no‐Adebele, no‐Mibisame, 14no‐Mishama, no‐Duma, no‐Masa; 15u‐Hadade, no‐Tema; u‐Jeture, u‐Nafishe, no‐Kedema. 16Aba bangonyana baka‐Shimayeli, angala̔ namagama abo, ngemizi yabo, nangelali zabo; inkosana ezilishumi linambini njengezizwe zazo. 17Yiyo le iminyaka yokuhlala kwake u‐Shimayeli, iminyaka elikulu linamashumi matatu anesixe̔nxe; waza wapuma umpefumlo, wafa, wabutelwa ebantwini bake. 18Bema kwa se‐Havila kude kwase‐Shure, engapambi kwe‐Jipete, njengokuba kuyiwa e‐Asiriya: wabubela ebusweni babo bonke abazalwana bake.
19EZI ke zizizizukulwana zika‐Yisake, unyana ka‐Abrahame: u‐Abrahame wazala u‐Yisake. 20Wabe u‐Yisake eyiminyaka imashumi mane ubudala bake, akumzeka u‐Rebeka, intombi ka‐Betuweli um‐Siriya wase‐Padane‐arame, udade ka‐Labane um‐Siriya, abe ngumfazi wake.
21Wamana u‐Yisake emkunga uyehova ngenxa yomfazi wake, ngokuba ebeludlolo; waza uyehova wakungeleka kuye, wada wamita u‐Rebeka umfazi wake. 22Kekaloku abantwana babambana embilini wake; waza wati: Nxa kunjalo, kunganina ukuba ndinje nje? Wasuka waya kubuza kuyehova. 23Wayesiti uyehova kuye: Zizibini izizwe ezisesizalweni sako; kanjalo zimbini intlobo zabantu abaya kwahluka ematunjini ako; olunye uhlobo lwabantu luya kugqitisa olunye uhlobo lwabantu ngamandla: woti omkulu akonze komncinane.
24Kekaloku yakuzaliseka imihla yake ukuba azale, nanga amawele esizalweni sake. 25Lapuma elokuqala libomvu, linjengengubo elixonti umzimba wonke; baza balibiza ngegama elingu‐Esau. 26Kamva wapuma umninawe walo, osandla sake sabamba isitende sika‐Esau; kwaza kwabizwa igama lake ngo‐Yakobi. Waye u‐Yisake ebeyiminyaka imashumi matandatu ubudala bake, akubazala.
27Ada akula amakwenkwe lawo; waza u‐Esau waba yindoda eyazana nokuzingela, indoda yasendle; kanti u‐Yakobi ebeyindoda efaneleyo, imi ezintenteni. 28Ute u‐Yisake wamtanda u‐Esau, ngokuba inyama yenyamakazi ibisemlonyeni wake; kodwa u‐Rebeka wamtanda u‐Yakobi.
29Kekaloku u‐Yakobi ebepekile umhluzi; wandula ukuza u‐Esau evela endle, waye ecubukile. 30Waza wati u‐Esau ku‐Yakobi: Kaundidlise kuko okubomvu, okubomvu oko, ngokuba ndicubukile: bekukona kwabizwa igama lake ngo‐Edome#25:30 Oko kukuti: Okubomvu.. 31Wati u‐Yakobi: Nditengise namhla nje ubuzibulo bako. 32Wati u‐Esau: Bona ke, ndiza mna kububa nje, kwondinceda nto nina obubuzibulo? 33Wayesiti u‐Yakobi: Ndifungele namhla nje! Wasuka wamfungela; waza wamtengisa u‐Yakobi ubuzibulo bake. 34Wandula u‐Yakobi wamnika u‐Esau isonka nomhluzi welentile; owatya, wasela, wesuka, wemka ke: wenje njalo u‐Esau ukudela ubuzibulo.

Currently Selected:

I‐Genesise 25: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in