YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 37

37
1KEKALOKU u‐Yakobi wahlala elizweni lokupambukela kwoyise, elizweni le‐Kanane.
2Ezi ke zizizizukulwana zika‐Yakobi. U‐Josefe, eyiminyaka ilishumi linesixe̔nxe ubudala bake, ebesalusa igusha kunye nabakuluwe bake; waye umfana lo wanabo onyana baka‐Bileha nonyana baka‐Zilipa, abafazi boyise: waza wazisa u‐Josefe amaṙeto amabi ngabo kuye uyise wabo. 3Waye u‐Sirayeli watanda u‐Josefe ngapezu kwabo bonke onyana bake, ngokuba ebengunyana wobuxego bake; wayemenzele ingubo yamabala ngamabala. 4Baza abakuluwe bake, bakubona ukuba uyise wabo uyamtanda ngapezu kwabo bonke abakuluwe bake, bamzonda, bakohlwa nakukuteta naye ngoxolo.
5Waye u‐Josefe wapupa ipupa, walixela kubakuluwe bake; baza bongezelela ukumzonda ngakumbi. 6Wayesiti kubo: Kanipulapule elipupa endilipupileyo. 7Kekaloku bona ke, sibe sibopa izitungu pakati kwentsimi; kanjalo bona ke, sesuka isitungu sam, sapakama nokupakama; kanjako bona ke, izitungu zenu zema ngokungqonga, zatoba pantsi pambi kwesitungu sam. 8Bati kuye abakuluwe bake: Uya kupata amandla pezu kwetu ngenene na? woba nobukosi pezu kwetu ngenene na? Baza bongezelela ukumzonda ngakumbi, ngenxa yamapupa ake, nangenxa yamazwi ake. 9Wabuya wapupa nelinye ipupa, wabalisa kwa lona kubakuluwe bake; wati: Bona ke, ndipupile ipupa kanjako; kekaloku bona ke, ilanga, nenyanga, nenkwenkwezi zilishumi elinanye, zatoba pantsi pambi kwam. 10Wati akuba ebalisele uyise nabakuluwe bake, wandula uyise wamkalimela, wati kuye: Yinto nina elipupa ulipupileyo? Size ngenyaniso na, mna, nonyoko, nabakuluwe bako, sitobe pantsi pambi kwako ngasemhlabeni? 11Baye benomona ngakuye abakuluwe bake; kanti uyise wagqala isiteto eso.
12Basuka abakuluwe bake baya kwalusa igusha zoyise e‐Shekeme. 13Waza u‐Sirayeli wati ku‐Josefe: Abakuluwe bako abalusi e‐Shekeme na? Yiza, ndikutume kubo. Wayesiti: Nanku, ndilapa. 14Wandul’ ukuti kuye: Zuye ukangele ukupila kwabakuluwe bako, nokupila kwegusha, ukuba kunjanina, ubuye uze kum nelizwi. Waza wamsusa emhlanjeni wase‐Hebrone, wada wafika e‐Shekeme. 15Yaza yafumanana naye indoda: ngokuba, bona ke, ebedungudela ezindle; yambuza indoda leyo ngokuti: Ufuna nto nina? 16Wayesiti: Ndifuna abakuluwe bam; zundityele ke apo balusa kona. 17Yati indoda: Bandulukile apa; ngokuba kendeva besiti: Masiye e‐Dotane. Waza u‐Josefe waputuma abakuluwe bake, wabafumana e‐Dotane.
18Bati bakumbona esekude, kwa engekasondeli kubo, bamceba ukuba bamfise. 19Baye besiti omnye kwomnye: Nanku lompupi esiza! 20Yizani ke kaloku, size simbulale, simpose kwomnye waleminxuma; sasiya kuti: Udliwe liṙamncwa; sandule sibone ukuba oba yinto nina amapupa ake. 21Koko wevayo u‐Rubene, wamhlangula ezandleni zabo; wati: Masingambulali ubomi. 22Walekela u‐Rubene ukuti kubo: Ningapalazi igazi; mposeni kulomnxuma osentlango, ningabeki isandla pezu kwake. Watsho ngokunga angamhlangula ezandleni zabo, ukuze ambuyisele kuyise.
23Kwaza kwati, nxa abefikile u‐Josefe kubakuluwe bake, bandula bamhluba u‐Josefe ingubo yake, ingubo yamabala ngamabala ebikuye; 24bamtabata, bamposa emnxunyeni: koko umnxuma ubuzé, engeko manzi kuwo. 25Baya bahlala pantsi ukutya isonka; baza bapakamisa amehlo abo, bakangela; kekaloku nali iqela lama‐Shimayeli livela e‐Gileyadi, nenkamela zawo zitwele inekote, netsori, nelote, ehamba ukuya kuzihlisela e‐Jipete. 26Waza u‐Juda wati kubazalwana bake: Kwonceda nto nina, ukuba sibulale umninawe wetu, sifihle negazi lake? 27Yizani, size simtengise kuma‐Shimayeli, siti esetu isandla singabi pezu kwake; ngokuba engumninawe wetu, eyinyama yetu. Baye bempulapula abazalwana bake. 28Kwandu ukudlula ama‐Midiyane, engabatengi; baza bar̔ola banyusa u‐Josefe emnxunyeni, bamtengisa u‐Josefe kuma‐Shimayeli lawo ngeshekele zesilivere ezimashumi; mabini; ati wona amsa u‐Josefe e‐Jipete. 29Kekaloku akuba u‐Rubene ebuyele kuwo umnxuma, bona ke, wayengeko u‐Josefe emnxunyeni; waza waṙazula izivato zake. 30Wasuka wabuyela kubaninawe bake, wati: Umfana akako; nam ke, ndoya ngapina?
31Baza batabata ingubo ka‐Josefe, baxe̔la itakane lebokwe, bayifaka ingubo egazini. 32Bandula ukutuma ingubo yamabala ngamabala, bayisa kuyise, bati: Le siyifumene; kaunakane ukuba iyingubo yonyana wako na, asi yiyo kusinina. 33Wayinakana, wati: Yingubo yonyana wam; udliwe liṙamncwa; ngenyaniso uqwengiwe u‐Josefe. 34Waza u‐Yakobi waṙazula izivato zake, wabeka intlakantlaka esinqeni sake, walilela unyana wake imihla yamininzi. 35Bandula besuka bonke onyana bake, nazo zonke intombi zake, ukuza kumku̔za; koko walayo ukuku̔zeka; wayesiti: Ngokuba ndiya kuhla ndilila nje ukuya kunyana wam encw̔abeni. Wamlilela njalo ke uyise.
36Ati ama‐Midiyane amsa e‐Jipete amtengisa ku‐Potifare, umbusi ka‐Faro, inkosi yomlisela.

Currently Selected:

I‐Genesise 37: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in