YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 38

38
1KWABEKUTE ngeloxesha, wehla u‐Juda kubazalwana bake, waya wapambukela endodeni engum‐Hadulame, egama lalingu‐Hira. 2Wayebona apo u‐Juda intombi yendoda engum‐Kanane, egama lalingu‐Shuha; waza wamzeka, wangena kuye. 3Wandula wamita, wazala unyana; waye u‐Juda wambiza ngegama elingu‐Here. 4Wabuya wamita, wazala unyana, wambiza ngegama elingu‐Onane. 5Wongezelela ukumita nakanjako, wazala unyana, wambiza ngegama elingu‐Shela: wayeko uyise e‐Kezibe akumzala. 6Wada u‐Juda wamtabatela u‐Here, owamazibulo wake, umfazi, ogama lalingu‐Tamare. 7Kodwa u‐Here, owamazibulo ka‐Juda, ebekohlakele emehlweni kayehova; ngako uyehova wambubisa. 8Waza u‐Juda wati ku‐Onane: Ngena emfazini womkuluwe wako, umzeke egameni lake, uze umvusele umkuluwe wako inzalo. 9Wayekwazi u‐Onane ukuba lenzalo ibingayi kuba yeyake; kwaza kwati, akuba engenile emfazini womkuluwe wake, wacitela ngasemhlabeni, ukuze anganiki inzalo kumkuluwe wake. 10Kodwa kwakubi emehlweni kayehova oko wakwenzayo; ngako wambubisa naye. 11Waza wati u‐Juda ku‐Tamare umolokazana wake: Hlala ungumhlolokazi endlwini kayihlo, ade akule u‐Shela unyana wam: ngokuba ebesiti: Hleze uya kububa naye, njengabakuluwe bake. Wandula wemka u‐Tamare, waya wahlala endlwini kayise.
12Kuse kuntsuku ninzi yafa intombi ka‐Shuha, umfazi ka‐Juda; wada watutuzeleka u‐Juda, wenyuka ukuya kubacebi begusha zake, kwa yena no‐Hira umhlobo wake um‐Hadulame, e‐Timna. 13Kwaza kwaxelwa ku‐Tamare ngokuti: Bona ke, usondoda wako uyanyuka ukuya e‐Timna, acebe igusha zake. 14Waza wasusa ingubo zobuhlolokazi bake kwa kuye, wazigubungela ngesigqubutelo, wazinameka, waya wahlala pantsi ngasesangweni le‐Henayime, ebingasendleleni yokuya e‐Timna; ngokuba ebebona ukuba usel’ ekulile u‐Shela, kanti akanikwanga kuye abe ngumfazi noko. 15Kekaloku u‐Juda, akumbona, waba uyingnawokazi, ngokokuba egubungele ubuso bake. 16Waza wajikela kuye ngasendleleni, wati: Kauze ke, ndingene kuwe; (ngokuba ebengazi ukuba ungumolokazana wake yena.) Wayesiti: Uya kundinika nto nina, ukuze ungene kum? 17Wati: Ndiya kukupa itakane lebokwe emhlambini. Wayesiti: Wondinika isibambiselo na, ude utume ke? 18Waza wati: Sesinina isibambiselo endiya kusinika kuwe? Wati: Ngumsesane wako, nentsontelo yako, nomsimelelo wako osesandleni sako. Wamnika ke, wangena kuye, waye yena wakaula ngaye. 19Wandula wesuka, wemka ke, wasusa isigqubutelo sake kwa kuye, wambata ingubo zobuhlolokazi bake. 20Wati u‐Juda watuma itakane lebokwe ngesandla somhlobo wake um‐Hadulame, ukuze asamkele isibambiselo eso esandleni somfazi: kodwa akamfumana. 21Waza wabuza abantu basendaweni yake, esiti: Upina umpinyiswa obese‐Henayime ngasendleleni? Bati: Akwabiko apa umpinyiswa. 22Wada wabuyela ku‐Juda, wati: Andingemfumane; kanjalo nabantu balondawo bati: Akwabiko apa umpinyiswa. 23Wayesiti u‐Juda: Makazitabatele sona, hleze sihlaziswe; bona ke, ndatuma elitakane, kanti wena akumfumananga.
24Kwaye kute, sekunyanga zanga zintatu, kwaxelwa ku‐Juda ngokuti: Wenzile umbulo u‐Tamare, umolokazana wako; nakanjako, bona ke, umiti ngombulo. Waza wati u‐Juda: Mvelise, atshiswe! 25Kekaloku akuveliswa, wandula watuma kusondoda wake ukuti: Indoda ezizezayo ezizinto, ndimitisiwe kwa yiyo; wati kanjalo: Uze unakane ungokabanina lomsesane, nalentsontelo, nalomsimelelo. 26Waye u‐Juda wazinakana, wati: Undigqitisile ngokulunga; ngenxa yokuba ndingamnikanga ku‐Shela unyana wam. Waye engasongezi ukumazi.
27Kwaye kute, ngexesha lokuba azale, nanga amawele esizalweni sake. 28Kwaza kwati, ekuzaleni kwake, elinye lapumisa isandla; wasitabata umzalisikazi, wabopa pezu kwesandla salo usinga olubomvu, esiti: Eli lapuma kuqala. 29Kwabekute kekaloku, nxa libuyisile isandla salo, bona ke, wapuma umninawe walo. Waza wati: Ute nina ukugqoboza? makube pezu kwako ukugqoboza oku! Ngako kwabizwa igama lake ngo‐Faretse#38:29 Oko kukuti: Isigqobozo.. 30Kwati kamva, wapuma umkuluwe wake, lowo lube lupezu kwesandla sake usinga olubomvu: kwaye kubizwa igama lake ngo‐Zera.

Currently Selected:

I‐Genesise 38: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in