YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 40

40
1KWAYE kute emveni kwezizinto, umncamli wokumkani we‐Jipete, naye umoji, bona ngakuyo inkosi yabo, ukumkani we‐Jipete. 2Waye u‐Faro waqumba ngakubo abababusi bake ababini, ngakuye umpati wabancamli, nangakuye umpati waboji. 3Waza wabanikela ekugcinweni endlwini yenkosi yomlisela, entolongweni, endaweni u‐Josefe wayebanjelwe kona. 4Yati inkosi yomlisela yamongamisa u‐Josefe pezu kwabo, ukuba abakonze: kwakumzuzu babeko ekugcinweni apo.
5Bada bapupa ipupa bobabini, omnye nomnye ipupa lake ngobusuku bunye, omnye nomnye njengokutyilwa kwepupa lake, umncamli nomoji abalunge kukumkani we‐Jipete, ababebanjelwe entolongweni. 6Wayengena kubo u‐Josefe kwakusa, wabakangela; kekaloku bena ke, babekedamile. 7Waza wabuza ababusi baka‐Faro, ababenaye ekugcinweni endlwini yenkosi yake, esiti: Kungetuba lanina ukuba ubuso benu buti kunubembe namhla nje? 8Bati kuye: Sipupile ipupa, kanti akako olityilayo. Wayesiti kubo u‐Josefe: Izityilo azi ze zikatixo na? kanindibalisele wona.
9Waza umpati wabancamli wambalisela u‐Josefe ipupa lake, wati kuye: Epupeni lam, kekaloku nangu umti weveyine ebusweni bam; 10nakuwo umti weveyine lowo amasebe matatu; wanga uqumbi ke; intyatyambo zawo zadubula; izipa zazo zahlanza idreyive ezivutiweyo. 11Kanjalo indebe ka‐Faro ibisesandleni sam; ndaza ndatabata idreyive ezo, ndazixafanga endebeni ka‐Faro, ndanikela indebe esandleni sika‐Faro. 12Wayesiti kuye u‐Josefe: Oku kukutyilwa kwalo: lawo amasebe matatu ayimihla ekwa mitatu. 13Pakati kwemihla isemitatu uya kupakamisa u‐Faro intloko yako, akubuyisele ebumeni bako: wauya kunikela indebe ka‐Faro esandleni sake, njengesiko lapambili okuya ubungumncamli wake. 14Zundikumbule kodwa, nxa kuya kulunga kuwe, uke undenzele ububele, undikankanye ku‐Faro, undipumise kulendlu: 15ngokuba okunene ndibe ndipangwa elizweni lama‐Hebere; ndandite nalapa ndingenzanga nto yokuba bandibeke kwesisihogo.
16Kekaloku umpati waboji akubona ukuba ukutyilwa kulungile, wandula wati ku‐Josefe: Nam bendisepupeni lam: kekaloku nazi izitya zitatu zezimhlope izonka pezu kwentloko yam; 17nasesityeni sapezulu intlobo zonke zokutya kuka‐Faro, umsebenzi womoji; zaza intaka zazidla kwa sesityeni esasipezu kwentloko yam. 18Wapendula u‐Josefe wati kuye: Oku kukutyilwa kwalo: ezozitya zitatu ziyimihla ekwa mitatu. 19Pakati kwemihla isemitatu uya kupakamisa u‐Faro intloko yako kwa kuwe, akuxo̔me pezu kwomti; zoti intaka ziyidle inyama yako kwa kuwe.
20Kwaye kute ngomhla wesitatu, ngomhla wokuzalwa kuka‐Faro, ukuba wenzela zonke izicaka zake umtendeleko; wandula wapakamisa intloko yompati wabancamli, nentloko yompati waboji, pakati kwezicaka zake. 21Waza wabuyiselela umpati wabancamli ubuncamli bake, owanikela indebe esandleni sika‐Faro; 22kanti umpati waboji wamxo̔ma; njengokuba ebetyilile kubo u‐Josefe. 23Kodwa umpati wabancamli akamkumbulanga u‐Josefe, wamlibala.

Currently Selected:

I‐Genesise 40: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in