YouVersion Logo
Search Icon

I‐Genesise 43

43
1KEKALOKU indlala ibinzima kwelozwe. 2Kwaza kwati, nxa babegqibele ukutya inqolowa abebevele nayo e‐Jipete, wati uyise kubo: Buyani, niye nisitengele intwana yokudla. 3Waza watsho u‐Juda kuye ukuti: Yanqi̔nisa kakulu kuti indoda leyo, isiti: Anisayi kubona ubuso bam, engeko nani umninawe wenu. 4Ukuba uya kutuma umninawe wetu nati, sohla ukuya kukutengela ukutya. 5Ukuba kodwa akuyi kumtuma, asiyi kuhla; ngokuba indoda leyo ibisiti kuti: Anisayi kubona ubuso bam, engeko nani umninawe wenu.
6Waza wati u‐Sirayeli: Ibiyinina ukuba nindipete kakubi kangakanana, nada natyela londoda ukuti kuseko kuni umninawe? 7Bati: Yazingisa indoda leyo ukusibuza okwetu, nokwesalamane setu, isiti: Uyihlo usahleli na? kuseko kuni umninawe na? saza sayityela kwa ngokuteta kwalamazwi: saka sakwazi na ukuba woti: Yihlani nomninawe wenu?
8Wandula wati u‐Juda ku‐Sirayeli uyise: Tuma umfana nam, sasiya kusuka sihambe; size sidle ubomi, singafi nokufa, kwa tina, nawe wena, nabantwana betu kanjalo. 9Ndoti mna ndimbambisele; kwa sesandleni sam uya kumbiza: ukuba andimzisi kuwe, ndimbeke pambi kwako, mandandule ukunikwa ityala nguwe yonke imihla yam. 10Ngokuba kekaloku ukuba sasingazilazilanga, ngesiba okunene kaloku nje sise sibuyile ngokwesibini.
11Waza wati kubo u‐Sirayeli uyise wabo: Ukuba kunje nje ke, kanenze oku: tabatani kwezinconyiweyo iziqa̔mo zelilizwe ezityeni zenu, nihlisele londoda ibaso, intwana yetsori, nentwana yencindi, inekote nelote, ibotene nezamonde. 12Tabatani nemali yokupindisa esandleni senu; nemali eyayibuyiswa emlonyeni wenxowa zenu, nibuye niyipate esandleni senu; kungati sisiposo. 13Tabatani nomninawe wenu, nisuke, nibuye niye endodeni leyo. 14Aze utixo onamandla onke ange anganinika ububele ebusweni bendoda, ukuba indulule nani umzalwana wenu omnye no‐Benjamine! Okwam, nxa ndihlutwa abantwana, ndiyahlutwa.
15Aza amadoda lawo atabata elobaso, nemali epindiweyo ayitabata esandleni sawo, kwa no‐Benjamine; esuka ke, ehlela e‐Jipete, ema ebusweni bake u‐Josefe. 16Wandula u‐Josefe, akumbona u‐Benjamine enawo, wati kopezu kwendlu yake: Ngenisa lamadoda endlwini, uxe̔le isixe̔lo, uze ulungise; ngokuba lamadoda eya kudlelana nam emini enkulu. 17Yenje njalo indoda leyo njengokuba ebetshilo u‐Josefe; yaye indoda yangenisa amadoda lawo endlwini ka‐Josefe.
18Andu ukwoyika amadoda lawo, ngokuba engenisiwe endlwini ka‐Josefe, ati: Kungenxa yemali ebibuyiswa ezinxoweni zetu ngokwokuqala, lento singenisiweyo, ukuze agaleleke pezu kwetu, asiwele, asibambe sibe ngamakoboka, kwa namaqwaṙashe etu. 19Aza asondela kulondoda ipezu kwendlu ka‐Josefe, ateta nayo ngasemnyango wendlu, 20ati: Au, nkosi! sasibe ngokwenene sisihla ngokwokuqala ukuza kutenga ukutya. 21Kwaza kwati, sakufika endaweni yokulalisa, savula inxowa zetu, kekaloku nantsi ke imali yabanye ngabanye isemlonyeni wenxowa zabo, imali yetu ngokulinganiswa kwayo; saye sibuyisile yona esandleni setu. 22Nemali yimbi siyihlisile esandleni setu, yokuba sitenge ukutya: asimazi ungubanina obefaka imali yetu ezinxoweni zetu. 23Yayisiti: Uxolo lube kuni, ningoyiki! Utixo wenu, notixo woyihlo, unipile indyebo ezinxoweni zenu; imali yenu yabisiza kum. Yaza yamkupela kuwo u‐Simone.
24Yandula indoda yangenisa amadoda lawo endlwini ka‐Josefe, yawabekela amanzi; aza ahlamba inyawo zawo; yanikela namaqwaṙashe awo into yokutya. 25Aza alungisa ibaso, engekafiki u‐Josefe emini enkulu; ngokuba ebevile kusitwa aya kutya isonka kona. 26Ati akuba efikile ekaya u‐Josefe, andula azisa kuye ibaso elisesandleni sawo endlwini, aziqubuda pambi kwake ngasemhlabeni. 27Waza wawabuza ukupila kwawo, wati: Uyihlo wenu upilile na, ixego enibe niteta ngalo? Usahleli na? 28Ati: Sipilile isicaka sako ubawo wetu, usahleli yena. Aza atoba ngapantsi, aziqubuda. 29Wada wapakamisa amehlo ake, wambona u‐Benjamine umninawe wake, unyana wowake unina, wati: Ngulo̔ na umninawe wenu omncinane, enibe ninditetela ngaye? Waza wati: Wanga utixo angaba nofefe kuwe, nyana wam!
30Waselenxama u‐Josefe; ngokuba umbilini wake wauvuta pezu kwomninawe wake: wada wafuna indawo yokulila; waya wangena enkambilini yapakati, walila apo ke. 31Wasuka wahlamba ubuso bake, wapuma, wazinyanzela, wati: Bekani isonka. 32Bandula ukubeka pambi kwake eyedwa, napambi kwawo ekwa wodwa, napambi kwama‐Jipete abesitya naye ewodwa nawo; ngokuba ekohliwe ama‐Jipete kukutya isonka nama‐Hebere, oko kuyintshontsho nje kuma‐Jipete. 33Aya ahlala pantsi ebusweni bake, eyamazibulo njengobuzibulo bayo, nentsha kwa njengobutsha bayo: ati amadoda lawo akangelana ngokuti nqa. 34Waza wawabela izabelwa zokutya zivela pambi kwake; kodwa isabelwa sika‐Benjamine sibe sikulu kwizabelwa zabanye bonke ngokuhlanu. Baye besela, bagcoba naye.

Currently Selected:

I‐Genesise 43: XHO1902A

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in