YouVersion Logo
Search Icon

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 5

5
1Ngokuba umperisite omkulu osukuba ecatshulwa ebantwini emiselwa abantu ezintweni ezilunge kutixo, ukuze anikele neminikelo namadini ngenxa yezono; 2ongenzayo ngobubele ngakubo abangaziyo nabalahlekayo, ekubeni naye ngokwake epahlwa bubutataka. 3Nangenxa yabo obu ufanelwa kukuti, njengokuba esenzela abantu, kwa njalo azenzele naye ngokwake iminikelo ngenxa yezono.
4Kanjako akuko mntu ozitabatelayo lembeko, koko ngulowo ubizwayo ngutixo, njengokuba ebebizwa no‐Arone. 5Kwa njalo naye u‐Kristu akazizukisa ukuba enziwe umperisite omkulu, koko nguye owateta kuye esiti: Ungunyana wam wena, ndikuzele namhla nje. 6Njengokuba esiti nakwelinye iculo: Wena ungumperisite kude kube ngunapakade ngesimo sika‐Makizedeki.
7Owati emihleni yenyama yake, ezinikele nje izikungo nembongozo kulowo ubenamandla ukumsindisa ekufeni, ndawonye nokukala okukulu nenyembezi, eviwe nokuviwa ngoko wakwoyikayo, 8nangona abengunyana, wafunda ululamelo ngentlungu wazivayo; 9waza efezekisiwe waba yimbangi yosindiso olungunapakade kubo bonke abamlulamelayo; 10ebiziwe ngutixo ngokuti ungumperisite omkulu ngesimo sika‐Makizedeki.
11Esinendawo ezininzi zokuteta ngaye, nezinzima ukuca̔zwa, ekubeni nidangeleyo ngokuva. 12Ngokuba naxeshekweni ninge nisiti ngenxa yexesha nibe ngabafundisi, nibuya nifanele ukuba umntu anifundise iziqalelo zokuqala zamazwi katixo; ewe ningabo abafanele ubisi, ningengabo abafanele ukutya okuqinileyo. 13Ngokuba lowo usukuba esela ubisi engenabuciko elizwini lobulungisa; ngokuba engumntwana. 14Kodwa ukutya okuqinileyo kukokwabo abafezekileyo, kwabo abati ngenxa yokuqela banezimvo zabo ziqeliselwe ukuqiqa okulungileyo nokukohlakeleyo.

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in